← Luke (15/24) → |
1. | Ke kaloku, babesondela kuye bonke ababuthi berhafu naboni, ukuba bamve. |
2. | Babekrokra ke abaFarisi nababhali, besithi, Lo wamkela aboni, adle nabo. |
3. | Wathetha ke kubo lo mzekeliso, esithi, |
4. | Nguwuphi na umntu kuni othi, enekhulu lezimvu, ize kulahleke enye kuzo, angazishiyi ezingamashumi asithoba anesithoba entlango, asinge kuleyo ilahlekileyo, ade ayifumane? |
5. | Athi ke akuyifumana, ayibeke emagxeni akhe, evuya. |
6. | Athi akufika ekhaya, ababizele ndawonye abahlobo nabamelwane, esithi kubo, Vuyisanani nam, ngokuba ndiyifumene imvu yam ebilahlekile. |
7. | Ndithi kuni, ngokukwanjalo kuya kubakho uvuyo emazulwini ngomoni eba mnye oguqukayo, kunamashumi asithoba anesithoba amalungisa, angaswele nguquko. |
8. | Kanjalo nguwuphi na umfazi eneedrarhima zilishumi, ongethi, ukuba ithe yalahleka enye idrarhima, alumeke isibane, ayitshayele indlu, afune enyamekile, ade ayifumane? |
9. | Athi akuyifumana, ababizele ndawonye abahlobo nabamelwane, esithi, Vuyisanani nam, ngokuba ndiyifumene idrarhima ebindilahlekile. |
10. | Ngokukwanjalo ndithi kuni, kubakho uvuyo emehlweni ezithunywa zikaThixo ngomoni eba mnye oguqukayo. |
11. | Ke kaloku wathi, Umntu othile ube enoonyana ababini. |
12. | Wathi omnci wabo kuyise, Bawo, ndinike isahlulo sempahla esilunge nam. Wababela imfuyo leyo. |
13. | Kuthe kungekabi ntsuku zininzi, wahlanganisa into yonke unyana omnci, wesuka kwelakowabo, waya ezweni elikude; wathi khona apho wayichitha impahla yakhe ngentlalo yokuzibhubhisa. |
14. | AkubonÂ’ ukuba udle konke, kwabakho indlala enzima kwelo zwe, waqala ukuswela naye. |
15. | Waya wanamathela komnye kubemi belo zwe; wathi yena wamthumela emihlabeni yakhe, ukuba aye kwalusa iihagu. |
16. | Ubenqwenela ke ukusizalisa isisu sakhe ngeengxam ezabe zidliwa ziihagu; bekungekho mntu umphayo. |
17. | Ke kaloku, akuba nokuziqonda, wathi, Kanene bangakanani na abaqeshwa bakabawo, abadikwa zizonka; nanku ke mna ndiphela yindlala? |
18. | Ndiya kusuka ndiye kubawo, ndithi kuye, Bawo, ndonile kuwo amazulu, nasemehlweni akho. |
19. | Andisafanele kubizwa ngonyana wakho; ndenze ndibe njengomnye kubaqeshwa bakho. |
20. | Wesuka weza kuyise. Ke kaloku, akubonÂ’ ukuba usekude lee, uyise wambona, wasikwa yimfesane, wagidima, wawa entanyeni yakhe, wamanga. |
21. | Wathi ke unyana kuye, Bawo, ndonile kuwo amazulu, nasemehlweni akho; andisafanele kubizwa ngonyana wakho. |
22. | Uthe ke uyise kubakhonzi bakhe, Rholani ingubo ende, eyona intle, nimambathise, nifake umsesane esandleni sakhe, neembadada ezinyaweni zakhe. |
23. | Nizise ithole, eliya lityetyisiweyo, nixhele; sidle, sibe nemihlali. |
24. | Ngokuba lo nyana wam ubefile, wabuya waphila; ubelahlekile, wafunyanwa. Baqala ke ukuba nemihlali. |
25. | Ke kaloku unyana wakhe omkhulu ebesentsimini; wathi xa azayo, wasondela endlwini, weva ukugwala nokududa. |
26. | Wabizela kuye omnye kubakhonzi, wambuza ukuba zingaba ziyini na ezi zinto. |
27. | Uthe ke yena kuye, Umninawa wakho ufikile; uyihlo ke uxhele ithole, eliya lityetyisiweyo; ngokuba ebuye wamzuzu ephilile. |
28. | Waqumba ke, akavuma nokungena. Uphumile ke uyise wambongoza. |
29. | Waphendula ke yena wathi kuyise, Uyabona, le minyaka ingakanana ndiyakukhonza, andizanga ndigqithe mthetho wakho; ukanti akuzanga undinike netakane eli, ukuze ndenze imihlali nezam izihlobo; |
30. | kodwa xenikweni afikileyo lo nyana wakho, wayidlayo wayigqiba impilo yakho namahenyukazi, umxhelele ithole eliya lityetyisiweyo. |
31. | Uthe ke yena kuye, Mntwana wam, wena uhleli unam, nazo zonke izinto zam zezakho. |
32. | Besimelwe kukuthi senze imihlali ke, sivuye; ngokuba umninawa wakho lo ubefile, wabuya waphila; ubelahlekile, wafunyanwa. |
← Luke (15/24) → |