← Luke (12/24) → |
1. | Phakathi koko, kuthe akubonÂ’ ukuba ahlanganisene ndawonye amawaka-waka abantu, ngokokude banyathelane, waqala ukuthi kubafundi bakhe, Phambi kwako konke, lilumkeleni igwele labaFarisi, eliluhanahaniso. |
2. | Akukho nto ke igqunyiweyo, engasayi kutyhilwa; nefihlakeleyo, engasayi kwaziwa. |
3. | Ngenxa enokuba konke enikuthethe emnyameni, kuya kuviwa emhlotsheni; nenikuthethe endlebeni emagumbini, kuya kumenyezwa phezu kwezindlu. |
4. | Ndithi ke kuni, zihlobo zam, Musani ukuboyika abo babulala umzimba, baze emva koko bangabi nanto yimbi bangayenzayo. |
5. | Ndiya kunibonisa ke enomoyika; yoyikani lowo uthi emva kokubulala, abe negunya lokuphosa esihogweni. Ewe, ndithi kuni, Yoyikani yena lowo. |
6. | Abathengiswa ngeepeni ezimbini na oongqatyana abahlanu? Ukanti akukho namnye kubo olityelweyo emehlweni kaThixo. |
7. | Kwaneenwele ezi zentloko yenu zibaliwe zonke; musani ukoyika ngoko, nibagqithile oongqatyana abaninzi nina. |
8. | Ndithi ke kuni, Wonke umntu othe wandivuma phambi kwabantu, kwanoNyana woMntu uya kumvuma phambi kwezithunywa zikaThixo. |
9. | Ondikhanyeleyo ke emehlweni abantu, wokhanyelwa emehlweni ezithunywa zikaThixo. |
10. | Nomntu wonke oya kuthetha ilizwi elibi ngoNyana woMntu, woxolelwa; kodwa lowo unyelise uMoya oyiNgcwele, akasayi kuxolelwa. |
11. | Xa sukuba ke benizisa ezindlwini zesikhungu, nakwizilawuli, nakwabanegunya, ize ningaxhaleli ukuba ningaziphendulela ngokunjani na, nangantoni na, nokuba ningathethani na. |
12. | Kuba uMoya oyiNgcwele uya kunifundisa ngalo elo lixa izinto enimelwe kukuthi nithethe zona. |
13. | Ke kaloku uthe ubani kuye endimbaneni, Mfundisi, yitsho kumzalwana wam, ahlulelane nam ilifa. |
14. | Uthe ke yena kuye, Mntundini, ndimiswe ngubani na ukuba ndibe ngumahluli nomabi phakathi kwenu? |
15. | Wathi ke kubo, Lumkani, nizilinde ngasekubaweni; ngokuba ubomi bomntu abumi ngabuninzi bempahla yakhe. |
16. | Wathetha ke umzekeliso kubo, esithi, Umhlaba womntu othile osisityebi wachuma kakhulu; |
17. | wayecamanga phakathi kwakhe, esithi, Ndiya kuthini na; ngokuba andinandawo ndiya kuzihlanganisela kuyo iziqhamo zam? |
18. | Wathi, Nantsi into endiya kuyenza; ndiya kubawisa phantsi oovimba bam, ndakhe abangaphezulu kwabo; ndizihlanganisele khona zonke izilimo zam, nezinto zam ezilungileyo; |
19. | ndithi kuwo umphefumlo wam, Mphefumlo, unezinto ezininzi ezilungileyo, ezibekelwe iminyaka emininzi; phumla, yidla, sela, yiba nemihlali. |
20. | Uthe ke uThixo kuye, Msweli-kuqonda, ngobu busuku umphefumlo wakho uya kubizwa kuwe; ziya kuba zezikabani na ke ezo zinto uzilungisileyo? |
21. | Unjalo lowo uziqwebela ubutyebi, engenabutyebi kuThixo. |
22. | Wathi ke kubo abafundi bakhe, Ngenxa yoko ndithi kuni, Musani ukubuxhalela ubomi benu, ngokuthi ningadla ntoni na; kwanomzimba, ngokuthi ningambatha ntoni na. |
23. | Ubomi bukhulu kunokudla, nomzimba kunento yokwambatha. |
24. | Qondani ngamahlungulu la, ngokuba akahlwayeli, akavuni; kuwo akukho qonga navimba, kanti noko uThixo uyawondla; nina nibeke phi na ke, ukuzigqitha iintaka! |
25. | Nguwuphi na ke kuni onokuthi ngokuxhala ongeze ebukhulwini bakhe ikubhite ibe nye? |
26. | Ukuba ngoko aninako ukwenza neyona nto incinane, yini na ukuba nizixhalele ezinye? |
27. | Qondani ngeenyibiba, ukuhluma kwazo; azibulaleki, azisonti nokusonta; ndithi ke kuni, Naye uSolomon, kubo bonke ubunewunewu bakhe, wayengavathanga nanjenganye yazo ezi. |
28. | Ukuba ke ingca, leyo isendle, ethi namhla ibekho, ize ngomso iphoswe eziko, wenjenjalo uThixo ukuyambesa, wobeka phi na ke kuni, bantundini balukholo luncinane? |
29. | Nani nize ningafuni ukuthi ningadla ntoni na, nisele ntoni na; kanjalo nize ningathingazi; |
30. | ngokuba zonke ezo nto zingxanyelwe ziintlanga zehlabathi; uYihlo ke uyazi ukuba niziswele ezo zinto. |
31. | Funani ubukumkani bukaThixo nina, zaye zonke ezo zinto ziya kongezelelwa kuni. |
32. | Musani ukoyika, mhlambi mncinane; ngokuba kukholekile kuYihlo ukuninika ubukumkani. |
33. | Thengisani ngeempahla zenu, nilize ngazo; zenzeleni iingxowa zemali ezingagugiyo, ubutyebi obungapheliyo emazulwini, apho kungasondeliyo sela, kungonakalisiyo nanundu; |
34. | kuba apho bukhona ubutyebi benu, yoba lapho nentliziyo yenu. |
35. | Mazibe zibhinqiwe izinqe zenu, nezibane zenu zivutha; |
36. | nani nibe njengabantu abayilindileyo inkosi yabo, xeshikweni iya kubuya emsithweni; ukuze bathi, yakufika inkqonkqoze, bayivulele kwaoko. |
37. | Banoyolo abo bakhonzi, eyothi yakufika inkosi, ibafumane belindile. Inene ndithi kuni, iya kubhinqa, ibangqengqise bona, ize isondele ibalungiselele. |
38. | Nokuba ithe yeza ngowesibini umlindo wobusuku, nokuba ithe yeza ngowesithathu umlindo, yafika kunjalo, banoyolo abo bakhonzi. |
39. | Kwazini ke oku, ukuba umninindlu ebesazi ukuba isela liza ngaliphi na ilixa, ange elindile, akayiyekela indlu yakhe igqojozwe. |
40. | Nani ngoko yibani nilungile; ngokuba uNyana woMntu uza ngelixa eningalikhumbuleliyo. |
41. | Wathi ke uPetros kuye, Nkosi, lo mzekeliso uwuthetha kuthi, uwuthetha kubo bonke, kusini na? |
42. | Ithe ke iNkosi, Ngubani na ke elo gosa lithembekileyo, liqondileyo, eyothi inkosi ilimise phezu kwabendlu yayo, ukuze libanike umamkelo wabo wokudla ngexesha elifanelekileyo? |
43. | Unoyolo loo mkhonzi eyothi, yakufika inkosi yakhe, imfumane esenjenjalo. |
44. | Inene ndithi kuni, iya kummisa phezu kwayo yonke impahla yayo. |
45. | Ukuba ke loo mkhonzi uthe entliziyweni yakhe, Inkosi yam iyalibala ukuza; aze aqale azibethe izicaka nezicakakazi, adle, asele, anxile: |
46. | yofika inkosi yaloo mkhonzi ngemini angayilindeleyo, nangelixa angalaziyo, ize imnqumle kubini, immisele isabelo sakhe nabangathembekileyo. |
47. | Yena ke loo mkhonzi, ubekwazi ukuthanda kwenkosi yakhe, akalungisa, akenza ngokuthanda kwayo, uya kutyatyulwa ngemivumbo emininzi; |
48. | ke yena obengazi, wenza ke okufanele imivumbo, uya kutyatyulwa ibe mbalwa. Kubo bonke abanikwe okukhulu, kuya kufunwa okukhulu kubo; nakulowo kubekwe okukhulu kuye, kuya kubizwa okungaphezulu. |
49. | Ndize kuphosa umlilo ehlabathini; hayi, ukufuna kwam, ukunga unge useluphenjiwe! |
50. | Kukho ke lubhaptizo ndifanele ukubhaptizwa ngalo; asikuko nokuba ndicinezelekile lude lufezeke. |
51. | Niba ndize kungenisa uxolo na ehlabathini? Ndithi kuni, Hayi, kanye ndize kungenisa imbambano. |
52. | Kuba kuya kuthi, kuthabathela kwalapha, kubekho abahlanu ndlwini-nye bebambene, abathathu bebambene nababini, nababini bebambene nabathathu. |
53. | Kuya kubambana uyise nonyana, unyana noyise; unina nentombi, intombi nonina; uninazala nomolokazana, umolokazana noninazala. |
54. | Wayesithi ke nakuzo izihlwele, Xa nithe nalibona ilifu liphuma entshonalanga, nithi kwaoko, Kuza isiphango; kusuke kube njalo. |
55. | Naxa sukuba nibona umoya wasezantsi uvuthuza, nithi, Kuya kubakho ulophu; lusuke lubekho. |
56. | Bahanahanisindini, niyakwazi ukuyicalula imbonakalo yomhlaba neyezulu; kungani na ke ukuba ningalicaluli lona eli xesha? |
57. | Yini na ke ukuba nina ngokwenu ningakwahluli okububulungisa? |
58. | Kuba xa uya nommangaleli wakho phambi komlawuli, yithi endleleni apho usebenze ukuthi uzikhulule kuye; hleze akurholele kumgwebi, aze umgwebi akunikele kumsila, umsila ukuphose entolongweni. |
59. | Ndithi kuwe, Akusayi kukha uphume khona apho, ude uhlawule nemalanana yokugqibela. |
← Luke (12/24) → |