| Luke (1/24) → |
| 1. | Bethe nje ke abaninzi bazamela ukucacisa ibali lezo zinto ziziziganeko phakathi kwethu, |
| 2. | njengoko basinikelayo abo, bathi kwasekuqaleni baba ngababoneli nabakhonzi balo ilizwi: |
| 3. | kwabonakala kulungile nakum, ndizilandile nje ngokucokisekileyo zonke, ndizekela kwasentloko, ukuba ndikubhalele ngokucacileyo, Tiyofilo odume kunene, |
| 4. | ukuze uyazi kakuhle ingqiniseko yamazwi owafundisiweyo ngomlomo. |
| 5. | Ngemihla kaHerode ukumkani wakwaYuda, kwaye kukho umbingeleli othile, ogama linguZekariya, engoweqela lika-Abhiya, nomfazi wakhe engowasezintombini zika-Aron, igama lakhe linguElizabhete. |
| 6. | Bebengamalungisa ke bobabini emehlweni kaThixo, behamba ngayo yonke imithetho nemimiselo yeNkosi, bengenakusoleka. |
| 7. | Baye bengenamntwana, ngokokuba uElizabhete ebengazali, kanjalo bobabini babesebekhulile. |
| 8. | Kwathi ke kaloku, ekubuphatheni ububingeleli bakhe ngexesha leqela lakhe phambi koThixo, |
| 9. | ngokwesiko lobubingeleli, kwaba liqashiso lakhe ukuba aqhumise ubulawu, akuba engene endaweni engcwele yeNkosi. |
| 10. | Yaye yonke inkitha yabantu ithandaza ngaphandle ngelixa lesiqhumiso. |
| 11. | Kwabonakala ke kuye isithunywa seNkosi, simi ngasekunene kwesibingelelo sesiqhumiso. |
| 12. | Wakhathazeka uZekariya, akusibona, wangenelwa kukoyika. |
| 13. | Sathi ke isithunywa eso kuye, Musa ukoyika, Zekariya, ngokokuba isikhungo sakho siviwe; wothi ke umfazi wakho uElizabhete akuzalele unyana, umthiye igama elinguYohane. |
| 14. | Uya kuba nokuvuya nokugcoba, bathi nabaninzi bakuvuyele ukuzalwa kwakhe. |
| 15. | Kuba uya kuba mkhulu emehlweni eNkosi, angakhe asele wayini nasiselo sinxilisayo; uya kuzaliswa nguMoya oyiNgcwele kwasekuzalweni kwakhe. |
| 16. | Nento eninzi ke yoonyana bakaSirayeli uya kuyibuyisela eNkosini uThixo wabo. |
| 17. | Yena uya kuhamba phambi kobuso bayo, enomoya enamandla kaEliya, ukuba azibuyisele iintliziyo zooyise kubantwana, nabangevayo kuko ukuqonda kwamalungisa, alungisele iNkosi abantu abalungisiweyo. |
| 18. | Wathi uZekariya kuso isithunywa, Ndiya kukwazi ngani na oko? Kuba mna ndimdala, waye nomfazi wam selekhulile. |
| 19. | Saphendula ke isithunywa, sathi kuye, Mna ndinguGabriyeli, oma phambi koThixo. Ndithunyiwe ukuba ndithethe kuwe, ndikushumayeze ezi ndaba zilungileyo. |
| 20. | Uyabona, uya kuba sisidenge, ungabi nako ukuthetha, kude kube yimini eziya kuthi zenzeke ngayo ezi zinto, ngenxa enokuba ungakholwanga ngamazwi am; aya kuzalisekiswa wona ngexesha lawo. |
| 21. | Baye abantu bemlindile uZekariya, bemangalisiwe kukulibala kwakhe endaweni engcwele leyo. |
| 22. | Uthe ke akuphuma, akaba nako ukuthetha kubo; baqonda ukuba ubone umbono endaweni engcwele apho, waye yena emana ukunqwala kubo, wahlala engathethi. |
| 23. | Kwathi yakuzaliseka imihla yombuso wakhe, wemka waya endlwini yakhe. |
| 24. | Emveni kwayo loo mihla ke, uElizabhete umfazi wakhe wathabatha, wazizimeza iinyanga zantlanu, esithi, |
| 25. | Yenjenje iNkosi kum ngemihla eyandikhangelayo, ukuba ikususe ukungcikiveka kwam phakathi kwabantu. |
| 26. | Ke kaloku ngenyanga yesithandathu, isithunywa esinguGabriyeli sathunyelwa nguThixo emzini welaseGalili, ogama liyiNazarete, |
| 27. | kwintombi, eganelwe indoda egama linguYosefu, yendlu kaDavide; laye igama lentombi leyo linguMariya. |
| 28. | Sangena isithunywa kuye, sathi, Vuya, wena ubabalweyo! INkosi inawe; usikelelwe wena phakathi kwabafazi. |
| 29. | Uthe ke akusibona, wee qhiphu umbilini ngenxa yelizwi laso; wayecamanga ukuba ungaba mbuliso mni na lo. |
| 30. | Sathi ke isithunywa kuye, Musa ukoyika, Mariya; kuba ubabalwe nguThixo. |
| 31. | Uyabona, uya kuthabatha esizalweni, uzale unyana, umthiye igama elinguYesu. |
| 32. | Yena uya kuba mkhulu, abizwe ngokuba nguNyana wOsenyangweni; iNkosi uThixo iya kumnika itrone kaDavide, |
| 33. | uyise, abe ngukumkani phezu kwendlu kaYakobi kude kube ngunaphakade, nobukumkani bakhe bungabi nasiphelo. |
| 34. | Wathi ke uMariya kuso isithunywa, Kuya kuthini na ukubakho oku, ndingazani nandoda nje? |
| 35. | Saphendula isithunywa sathi kuye, UMoya oyiNgcwele uya kuza phezu kwakho, athi namandla Osenyangweni akusibekele; kungoko loo nto ingcwele izalwa nguwe iya kubizwa ngokuba nguNyana kaThixo. |
| 36. | Uyabona, uElizabhete, ozalana nawe, naye umithe unyana ebudaleni bakhe; nale yinyanga yesithandathu kuye, lowo bekuthiwa ngongazaliyo; |
| 37. | ngokuba akukho nanye into eya kumnqabela yena uThixo. |
| 38. | Wathi ke uMariya, Nanko umkhonzazana weNkosi; makwenzeke kum ngokwelizwi lakho. Saza isithunywa semka kuye. |
| 39. | Ke kaloku, wesuka uMariya ngaloo mihla, wasinga kweleentaba ngobungxamo, emzini wakwaYuda; |
| 40. | wangena endlwini kaZekariya, wambulisa uElizabhete. |
| 41. | Kwathi, akuwuva uElizabhete umbuliso kaMariya, lwasuka lwaxhuma usana esizalweni sakhe, wesuka wazala nguMoya oyiNgcwele uElizabhete. |
| 42. | Wadanduluka ngezwi elikhulu, wathi, Unentsikelelo wena phakathi kwabafazi; sinentsikelelo nesiqhamo sesizalo sakho. |
| 43. | Kuhle ngani na kum, ukuthi unina weNkosi yam eze kum? |
| 44. | Kuba uyabona, kuthe lakubakho izwi lombuliso wakho ezindlebeni zam, lwasuka lwaxhuma usana ngokugcoba esizalweni sam. |
| 45. | Unoyolo lowo wakholwayo koko; ngokuba kuya kubakho inzaliseko yezo zinto zithethiweyo kuye yiNkosi. |
| 46. | Wathi uMariya: Umphefumlo wam uyenza nkulu iNkosi, |
| 47. | Nomoya wam ugcobile ngoThixo uMsindisi wam; |
| 48. | Ngokuba wakukhangela ukuthobeka komkhonzazana wakhe; Kuba, uyabona, ziya kuqala kwangoku ukuthi ndingonoyolo zonke izizukulwana; |
| 49. | Ngokuba wandenzela izinto ezinkulu uSomandla; Lingcwele igama lakhe. |
| 50. | Yaye inceba yakhe ikwizizukulwana ngezizukulwana Kwabo bamoyikayo. |
| 51. | Wenze amandla ngengalo yakhe, Wabachithachitha abanekratshi ekucingeni kweentliziyo zabo. |
| 52. | Wabawisa abanamandla ezitroneni zabo, Wabaphakamisa abathobekileyo. |
| 53. | Wahluthisa abalambileyo ngezinto ezilungileyo; Wabandulula abazizityebi belambatha. |
| 54. | Wasiza uSirayeli, umkhonzi wakhe, Ngokukhumbula inceba yakhe; |
| 55. | Njengoko wathethayo koobawo bethu, KuAbraham nakwimbewu yakhe ngonaphakade. |
| 56. | Wahlala ke uMariya naye iinyanga ngathi zaba ntathu, waza wabuyela ekhaya. |
| 57. | Ke kaloku, ixesha likaElizabhete lazaliseka lokuba azale; wazala unyana. |
| 58. | Beva abamelwane nemizalwane yakhe, ukuba iNkosi iyenze nkulu inceba yayo kuye, baye ke bevuyisana naye. |
| 59. | Kwathi ngomhla wesibhozo, beza kumalusa umntwana; baye bemthiya igama likayise, besithi nguZekariya; |
| 60. | koko waphendulayo unina, wathi, Hayi; uya kubizwa ngokuba nguYohane. |
| 61. | Bathi kuye, Akukho namnye ubizwa ngelo gama kwimizalwane yakho. |
| 62. | Baye ke benqwala kuyise besithi, angathanda ukuba athiweni na ukubizwa. |
| 63. | Wabiza icwecwana, wabhala esithi, Igama lakhe nguYohane. Bamangaliswa bonke. |
| 64. | Wavuleka ke kwaoko umlomo wakhe, lwathukululeka nolwimi lwakhe, wamana ethetha, ebonga uThixo. |
| 65. | Kwehla ukoyika phezu kwalo lonke umelwane lwabo; kwaye kulo lonke eleentaba lakwaYuda kuxoxwa ngazo zonke ezi zinto. |
| 66. | Bathi bonke abazivayo, bazibeka entliziyweni yabo, besithi, Azi uya kuba yintoni na lo mntwana? Saye isandla seNkosi sinaye. |
| 67. | UZekariya uyise wazala nguMoya oyiNgcwele, waprofeta esithi: |
| 68. | Mayibongwe iNkosi, uThixo kaSirayeli, Ngokuba ibavelele yabakhulula ngentlawulelo abantu bayo. |
| 69. | Yasiphakamisela uphondo losindiso Endlwini kaDavide, umkhonzi wayo, |
| 70. | Njengoko yathethayo ngomlomo wabangcwele, ababengabaprofeti bayo kwasephakadeni; |
| 71. | Usindiso lokusisindisa ezintshabeni zethu, nasesandleni sabo bonke abo basithiyayo; |
| 72. | Ukubenzela inceba oobawo bethu, Nokukhumbula umnqophiso wayo ongcwele, |
| 73. | Isifungo eyasifungela uAbraham ubawo wethu, |
| 74. | Sokusinika ukuba sithi, sihlangulwe esandleni seentshaba zethu, Siyikhonze singenakoyika, |
| 75. | Ngobungcwele nangobulungisa emehlweni ayo, yonke imihla yobomi bethu. |
| 76. | Nawe, mntwana, uya kubizwa ngokuba ungumprofeti wOsenyangweni, Kuba uya kuhamba phambi kobuso beNkosi, ulungise iindlela zayo, |
| 77. | Ukuze ubanike abantu bayo ukwaziwa kosindiso Ngoxolelo lwezono zabo, |
| 78. | Ngenxa yenceba nemfesane yoThixo wethu, Othe ngaye wasivelela umso wasenyangweni, |
| 79. | Ukuba ukhanye kwabo bahleliyo emnyameni, nasethunzi nilokufa, Ukuba uzingenise iinyawo zethu endleleni yoxolo. |
| 80. | Wakhula umntwana, waya esomelela ngomoya; waye esentlango, kwada kwayimini yokubonakalaliswa kwakhe kuSirayeli. |
| Luke (1/24) → |