| ← Leviticus (9/27) → |
| 1. | Kwathi ngomhla wesibhozo, uMoses wabiza uAron noonyana bakhe, namodada amakhulu akwaSirayeli. |
| 2. | Wathi kuAron, Zithabathele ithole, inkonyana yenkomo, ibe lidini lesono, nenkunzi yemvu ibe lidini elinyukayo, ezo zinto zigqibelele, uzisondeze phambi koYehova; |
| 3. | uthethe koonyana bakaSirayeli, uthi, Thabathani inkunzi exhonti yebhokhwe, ibe lidini lesono; nethole nemvana ezimnyaka mnye, ezigqibeleleyo, zibe lidini elinyukayo; |
| 4. | nenkomo nenkunzi yemvu, zibe ngumbingelelo woxolo wokubingelelwa phambi koYehova; nomnikelo wokudla ogalelwe ioli: ngokuba namhla uYehova uya kubonakala kuni. |
| 5. | Bakuthabatha oko uMoses wawisa umthetho ngako, bakuzisa phambi kwentente yokuhlangana; lasondela lonke ibandla, lema phambi koYehova. |
| 6. | Wathi uMoses, Lilo eli ilizwi uYehova awise umthetho ngalo ukuba nilenze: bobonakala ke ubuqaqawuli bukaYehova kuni. |
| 7. | Wathi uMoses kuAron, Sondela esibingelelweni, wenze idini lakho lesono, nedini lakho elinyukayo, uzicamagushele okwakho nokwabantu; wenze umsondezo wabantu, ubacamagushele, njengoko uYehova wawisayo umthetho. |
| 8. | Wasondela ke uAron esibingelelweni, walixhela ithole ledini lesono elilelakhe. |
| 9. | Balisondeza oonyana baka-Aron igazi kuye, wawuthi nkxu umnwe wakhe egazini, walidyobha ezimpondweni zesibingelelo, waliphalazela igazi esisekweni sesibingelelo. |
| 10. | Ke inqatha, nezintso, nomhlehlo osesibindini, edinini lesono, waqhumisela ngezo zinto esibingelelweni, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses. |
| 11. | Ke inyama nesikhumba wazitshisa ngomlilo ngaphandle kweminquba. |
| 12. | Walixhela idini elinyukayo, oonyana baka-Aron balizisa kuye igazi; walitshiza wajikelezisa esibingelelweni. |
| 13. | Balizisa kuye nedini elinyukayo ngeenyama zalo, nentloko yalo; waqhumisela ngezo nto esibingelelweni. |
| 14. | Wazihlamba izibilini neentungo, waqhumisela ngezo zinto phezu kwedini elinyukayo esibingelelweni. |
| 15. | Wasondeza umsondezo wabantu, wathabatha ibhokhwe yedini lesono eyeyabantu, wayixhela, wenza idini lesono njengelokuqala. |
| 16. | Wasondeza nedini elinyukayo, walenza ngokwesiko. |
| 17. | Wawusondeza umnikelo wokudla, wazalisa isandla sakhe ngawo, waqhumisela ngawo esibingelelweni, ngaphezu kwedini elinyukayo lakusasa. |
| 18. | Wayixhela inkomo nenkunzi yemvu yombingelelo woxolo ongowabantu, balizisa oonyana baka-Aron igazi kuye, walitshiza, wajikelezisa esibingelelweni; |
| 19. | namanqatha enkomo nawenkunzi yemvu, nomsila wayo, nomhlehlo, nezi ntso, nomhlehlo wesibindi. |
| 20. | Bawabeka loo manqatha phezu kwazo iincum, waqhumisela ngamanqatha esibingelelweni. |
| 21. | Ke iincum ezo, nomlenze lowo wasekunene, wazitshangatshangisa uAron zaba ngumtshangatshangiso phambi koYehova, njengoko wamwiselayo umthetho uMoses. |
| 22. | UAron waziphakamisela ebantwini izandla zakhe, wabasikelela; wehla ke ekulenzeni idini lesono, nedini elinyukayo, nombingelelo woxolo. |
| 23. | Bangena ooMoses noAron ententeni yokuhlangana; baphuma ke babasikelela abantu: babonakala ubuqaqawuli bukaYehova kubo bonke abantu. |
| 24. | Kwaphuma umlilo ebusweni bukaYehova, walidla idini elinyukayo, namanqatha aphezu kwesibingelelo; babona bonke abantu, baduma, bawa ngobuso. |
| ← Leviticus (9/27) → |