← Leviticus (6/27) → |
1. | Wathetha uYehova kuMoses, esithi, |
2. | Xa ubani athe wona ngokumeneza, emeneza kuYehova, wayikhanyela kummelwane wakhe into ebibekwe kuye, nokuba yinto esisibambiso, nokuba yinto exhakamfulweyo, nokuba umcudisile ummelwane wakhe, |
3. | nokuba ufumene into ebidukile wayikhanyela, wafunga ubuxoki ezintweni zonke azenzileyo, esona ngazo: |
4. | wothi, xa athe wona, wazeka ityala, ayibuyise loo nto ixhakamfulweyo, abeyixhakamfule, nento ecudisiweyo, abeyicudisile, nento ebekiweyo, ebibekiwe kuye, nento ebidukile wayifumana, |
5. | nento yonke abeyifungele ubuxoki. Woyibuyekeza ngangenani layo, ongeze phezu kwalo isahlulo sesihlanu salo, ayinike osukuba engumniniyo ngomhla wedini lakhe letyala. |
6. | Wolizisa idini letyala lakhe kuYehova, kumbingeleli, inkunzi yemvu egqibeleleyo yasempahleni emfutshane, ngokulinganisela kwakho, ibe lidini letyala. |
7. | Umbingeleli womcamagushela phambi koYehova, axolelwe ke ezintweni zonke azenzileyo, wazeka ityala ngazo. |
8. | Wathetha uYehova kuMoses, esithi, |
9. | Wisela uAron noonyana bakhe umthetho, uthi, Nguwo lo umyalelo wedini elinyukayo: lona idini elinyukayo lotsha eziko phezu kwesibingelelo ubusuku bonke kude kuse, nomlilo wesibingelelo uhlale usitsha kulo. |
10. | Umbingeleli makambathe ingubo yakhe yelinen emhlophe, ambathe nebhulukhwe yelinen emhlophe enyameni yakhe, asuse uthuthu lomlilo odle idini elinyukayo phezu kwesibingelelo, alubeke ecaleni lesibingelelo; |
11. | ahlube iingubo zakhe ezo, ambathe ngubo zimbi, aphume nothuthu, aye nalo ngaphandle kweminquba, endaweni emhlophe. |
12. | Ke umlilo ophezu kwesibingelelo mawuhlale usitsha kuso, ungacimi; umbingeleli abase iinkuni phezu kwawo imiso ngemiso, acwangcise phezu kwawo idini elinyukayo, aqhumisele phezu kwalo ngamanqatha ombingelelo woxolo. |
13. | Umlilo wohlala usitsha esibingelelweni, ungacimi. |
14. | Nguwo lo umyalelo womnikelo wokudla: oonyana baka-Aron mabawusondeze phambi koYehova, phambi kwesibingelelo; |
15. | asube kuwo, azalise isandla emgubeni ocoliweyo womnikelo wokudla, naseolini yawo, nasentlakeni emhlophe yonke ephezu komnikelo wokudla, aqhumisele ngezo nto esibingelelweni. Livumba elithozamisayo, sisikhumbuzo sawo kuYehova eso. |
16. | Okuse leyo kuwo kodliwa nguAron noonyana bakhe, kudliwe kungenagwele endaweni engcwele, bakudle entendelezweni yentente yokuhlangana. |
17. | Makungosiwa okunegwele; sisabelo sabo endibanike sona ekudleni kwasemlilweni; yingcwele kangcwele, njengedini lesono, nanjengedini letyala. |
18. | Yonke into eyindoda phakathi koonyana baka-Aron yowudla. Ngummiselo ongunaphakade ezizukulwaneni zenu wasekudleni kwasemlilweni kukaYehova: bonke abasukuba bezichukumisa ezo nto boba ngcwele. |
19. | Wathetha uYehova kuMoses, esithi, |
20. | Nguwo lo umsondezo ka-Aron noonyana bakhe, abowusondeza kuYehova ngomhla wokuthanjiswa kwakhe: isahlulo seshumi se-efa yomgubo ocoliweyo, ube ngumnikelo wokudla wamaxesha onke, ube sisiqingatha kusasa, ube sisiqingatha ngokuhlwa; |
21. | wenziwe ngeoli epanini, uwuzise ukroqiwe, uwusondeze ungamaqhekeza ngokomnikelo wokudla wamaqhekeza, ube livumba elithozamisayo kuYehova. |
22. | Umbingeleli othanjisiweyo esikhundleni sakhe wowenza koonyana bakhe. Ngummiselo ongunaphakade kuYehova: koqhunyiselwa ngawo uphela; |
23. | wonke umnikelo wokudla wombingeleli kuqhunyiselwe ngawo uphela, ungadliwa. |
24. | Wathetha uYehova kuMoses, esithi, |
25. | Thetha kuAron nakoonyana bakhe, uthi, Nguwo lo umyalelo wedini lesono: apho kuxhelelwa khona idini elinyukayo, loxhelelwa khona idini lesono phambi koYehova; liyingcwele kangcwele lona. |
26. | Umbingeleli olenzayo idini lesono wolidla; lodliwa endaweni engcwele, entendelezweni yentente yokuhlangana. |
27. | Bonke abasukuba bechukumisa inyama yalo boba ngcwele; nabasukuba bechaphazela iingubo ngegazi lalo, boyihlamba loo nto ichatshazelweyo endaweni engcwele. |
28. | Ke yona impahla yodongwe eliphekwe ngayo mayiqhekezwe; ukuba lithe laphekwa ngempahla yobhedu, yoguxwa, ixukuxwe ngamanzi. |
29. | Yonke into eyindoda phakathi kwababingeleli yolidla: liyingcwele kangcwele lona. |
30. | Ke lonke idini lesono, ekuziswe inxalenye yegazi lalo ententeni yokuhlangana, ukuba kucanyagushwe engcweleni, malingadliwa, malitshiswe ngomlilo. |
← Leviticus (6/27) → |