| ← Leviticus (25/27) → | 
| 1. | Wathetha uYehova kuMoses entabeni yaseSinayi, esithi, | 
| 2. | Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Xa nithe nafika kulo ilizwe endininika lona, ilizwe elo ke lophumla isabatha kuYehova. | 
| 3. | Woyihlwayela iminyaka emithandathu intsimi yakho, usithene isidiliya sakho iminyaka emithandathu, uhlanganise ungeniselo lwaso; | 
| 4. | ke umnyaka wesixhenxe woba yisabatha yesabatha kulo ilizwe, isabatha kuYehova. Uze ungayihlwayeli intsimi yakho, ungasitheni isidiliya sakho; | 
| 5. | ungawuvuni ummilela wokuvuna kwakho, neediliya zesidiliya sakho esingathenwanga uze ungazisiki. Woba ngumnyaka wesabatha kulo ilizwe. | 
| 6. | Isabatha yalo ilizwe yoba kukudla kuni, kuwe nakwisicaka sakho, nakwisicakakazi sakho, nakumqeshwa wakho, nakolundwendwe kuwe, nakophambukele kuwe, | 
| 7. | nakwiinkomo zakho, nakwiinyamakazi ezisezweni lakho; lonke ungeniselo lwalo loba kukudla. | 
| 8. | Uze uzibalele iisabatha ezisixhenxe zeminyaka, iminyaka esixhenxe ibe zizihlandlo ezisixhenxe, ize imihla yeesabatha ezisixhenxe zeminyaka ibe yiminyaka emashumi mane aneminyaka esithoba kuwe; | 
| 9. | usihambise isigodlo sokumema ngenyanga yesixhenxe, ngolweshumi enyangeni leyo; ngomhla wokucamagusha nosihambisa isigodlo ezweni lenu lonke; | 
| 10. | umnyaka niwungcwalise, umnyaka wamashumi omahlanu, nivakalise inkululeko ezweni kubemi balo bonke. Woba ngowentlokoma kuni, nibuvele elowo emizalwaneni yakhe. | 
| 11. | Umnyaka woba ngowentlokoma kuni, umnyaka wamashumi omahlanu, ukuba ningahlwayeli, ningawuvuni ummilela, ningasisiki isidiliya esingathenwanga. | 
| 12. | Ngokuba le ntlokoma yoba ngcwele kuni; noludla luvela entsimini ungeniselo lwayo. | 
| 13. | Ngalo mnyaka wentlokoma nobuyela elowo elifeni lakhe. | 
| 14. | Xa nithe nathengisa ngento ethengisayo kummelwane wenu, naxa uthe wathenga esandleni sommelwane wakho, musani ukubandezelana. | 
| 15. | Wothenga wena kummelwane wakho ngokwenani leminyaka emva komnyaka wentlokoma; wothengisa yena kuwe ngokwenani leminyaka yongeniselo. | 
| 16. | Ngokobuninzi beminyaka wolandisa ixabiso layo, nangokobuncinane beminyaka wolinciphisa ixabiso layo; ngokuba ethengisa kuwe ngenani longeniselo. | 
| 17. | Ize ningabandezelani; uze umoyike uThixo wakho, ngokuba ndinguYehova, uThixo wenu. | 
| 18. | Ize niyenze imimiselo yam, niwagcine amasiko am, niwenze. Nohlala kulo ilizwe nikholosile; | 
| 19. | ilizwe livelise iziqhamo zalo, nidle nihluthe, nihlale nikholosile kulo. | 
| 20. | Xa nithe, Sodla ntoni na ngomnyaka wesixhenxe? nanku singahlwayeli, singahlanganisi lungeniselo lwethu: | 
| 21. | ndoyiwisela umthetho intsikelelo yam ibe kuni ngomnyaka wesithandathu, iluvelise ungeniselo lweminyaka emithathu. | 
| 22. | Nohlwayela ngomnyaka wesibhozo, nidle amahasa kude kube ngumnyaka wesithoba; nodla amahasa lude lufike ungeniselo lwawo. | 
| 23. | Ilizwe ze kungathengiswa ngalo, libhange, kuba ilizwe lelam; ngokuba ningabaphambukeli neendwendwe kum; | 
| 24. | ezweni ke lonke lelifa lenu, ilizwe nolirholela intlawulelo. | 
| 25. | Xa athe umzalwana wakho wanzonza, wathengisa ngento yelifa lakhe, makeze owalamana naye ofanele ukumkhulula, ayikhulule ngokuyihlawulela loo nto wathengisa ngayo umzalwana wakhe. | 
| 26. | Umntu xa angenabani wokumkhulula, sibe sinokufikelela isandla sakhe sifumane okulingene ukuzikhululela ngentlawulelo: | 
| 27. | wobala iminyaka yokuthengisa kwakhe, abuyisele okugqithiseleyo kuloo mntu wathengisa kuye, abuyele elifeni lakhe. | 
| 28. | Ukuba isandla sakhe asinakufumana okulingene ukubuyisela kuye loo nto wathengisa ngayo, yohlala esandleni salowo uyithengileyo, kude kube ngumnyaka wentlokoma. Yophuma ngowentlokoma, abuyele elifeni lakhe. | 
| 29. | Umntu xa athe wathengisa ngendlu yokuhlala, isemzini onodonga, yoba nokukhululwa ngentlawulelo ude uphele umnyaka wokuthengiswa kwayo; yoba ziintsuku ezithile isenokukhululwa ngentlawulelo. | 
| 30. | Ukuba ithe ayakhululwa ngentlawulelo, wada wazaliseka waphela umnyaka, yoqiniselwa kuphele indlu esemzini onodonga, kulowo wayithengayo ezizukulwaneni zakhe; ayi kuphuma ngomnyaka wentlokoma. | 
| 31. | Ke izindlu zemizana, engabiyelwe ngeendonga, zobalelwa ekuthini ngamasimi alo ilizwe: zoba nokukhululwa ngentlawulelo zona, ziphume ngomnyaka wentlokoma. | 
| 32. | Ke imizi yabaLevi, izindlu zemizi yelifa labo, zoba nokukhululwa ngentlawulelo nanini kubaLevi. | 
| 33. | Ethe yathengwa kubaLevi, indlu ekuthengiswe ngayo emzini welifa lakhe, yophuma ngomnyaka wentlokoma; ngokuba izindlu zemizi yabaLevi zililifa labo phakathi koonyana bakaSirayeli. | 
| 34. | Ilizwe ledlelo lemizi yabo makungathengiswa ngalo, ngokuba lilifa elingunaphakade kubo. | 
| 35. | Xa athe umzalwana wakho wanzonza, isandla sakhe solukela kuwe, somomeleza, aphile nawe engumphambukeli, elundwendwe kuwe. | 
| 36. | Musa ukuthabatha nzala kuye, nalwando lwemboleko; uze woyike uThixo wakho, aphile umzalwana wakho kuwe. | 
| 37. | Imali yakho uze ungamniki ngenxa yenzala, ungamniki ukudla kwakho ngenxa yolwando lwemboleko: | 
| 38. | ndinguYehova uThixo wenu, onikhuphileyo ezweni laseYiputa, ukuze ndinike ilizwe lakwaKanan, ndibe nguThixo kuni. | 
| 39. | Xa athe umzalwana wakho wanzonza ekuwe, wazithengisa kuwe, uze ungamkhonzisi ngokukhonza kwekhoboka. | 
| 40. | Woba njengomqeshwa, njengolundwendwe kuwe; wokukhonza kude kube ngumnyaka wentlokoma; | 
| 41. | aphume kuwe enabantwana bakhe, abuyele emizalwaneni yakhe, abuyele elifeni likayise; | 
| 42. | ngokuba ngabakhonzi bam abo, endibakhuphileyo ezweni laseYiputa. Makungathengiswa ngabo ngokuthengiswa kwekhoboka. | 
| 43. | Uze ungamphathi ngokutyumzayo; uze woyike uThixo wakho. | 
| 44. | Ikhoboka lakho nekhobokazana lakho, la akuwe, oba ngabasezintlangeni eziningqongileyo; nothenga kuzo ikhoboka nekhobokazana. | 
| 45. | Kanjalo koonyana babaziindwendwe kuni, abaphambukele kuni, nothenga kubo, nasemizalwaneni yabo ekuni, abayizalele ezweni lenu; babe lilifa kuni. | 
| 46. | Nobenza babe lilifa koonyana benu emva kwenu, ukuba babathabathe babe lilifa, nibakhonzise ngonaphakade. Ke bona abazalwana benu, oonyana bakaSirayeli, mabangaphathani ngokutyumzayo. | 
| 47. | Xa sithe isandla somphambukeli nolundwendwe kuwe satyeba ekuwe, umzalwana wakho wanzonza ekuye, wazithengisa kumphambukeli olundwendwe kuwe, nakumlibo womzalwana womphambukeli: | 
| 48. | woba nokukhululwa ngentlawulelo emva kokuzithengisa kwakhe. Omnye kubazalwana bakhe womkhulula ngentlawulelo; | 
| 49. | nokuba nguyisekazi, nokuba ngunyana kayisekazi, womkhulula ngentlawulelo; nokuba ngowenyama yenyama yakhe emizalwaneni yakhe, womkhulula ngentlawulelo; nokuba isandla sakhe sithe satyeba, wozikhulula ngokwakhe ngentlawulelo. | 
| 50. | Wobalelana nowamthengayo, athabathele emnyakeni wokuthengiswa kwakhe kuye, ase emnyakeni wentlokoma, ithi imali yokuthengiswa kwakhe ime ngokwenani leminyaka abekuye, ngokwemihla yomqeshwa. | 
| 51. | Ukuba isemininzi iminyaka, woyibuyisa kwimali yokuthengwa kwakhe, ibe ngangayo intlawulelo yokukhululwa kwakhe. | 
| 52. | Ukuba kuthe kwasala iminyaka embalwa, ukuze kube ngumnyaka wentlokoma, wobala ngokweminyaka yakhe, abuyise intlawulelo yokukhululwa kwakhe. | 
| 53. | Woba njengomqeshwa umnyaka ngomnyaka kuye; aze angamphathi ngokutyumzayo emehlweni akho. | 
| 54. | Ukuba uthe, akakhululwa ngentlawulelo ngabo abo, wophuma ngomnyaka wentlokoma, yena enabantwana bakhe. | 
| 55. | Ngokuba kum oonyana bakaSirayeli ngabakhonzi; bangabakhonzi bam endibakhuphileyo ezweni laseYiputa. NdinguYehova, uThixo wenu. | 
| ← Leviticus (25/27) → |