| ← Leviticus (19/27) → |
| 1. | Wathetha uYehova kuMoses, esithi, |
| 2. | Thetha kwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Yibani ngcwele; kuba ndiyiNgcwele mna, Yehova, uThixo wenu. |
| 3. | Yoyikani elowo unina noyise; nizigcine iisabatha zam: ndinguYehova, uThixo wenu. |
| 4. | Musani ukubheka kwiinto ezingeni; ningazenzeli izithixo ezityhidiweyo: ndinguYehova, uThixo wenu. |
| 5. | Xa nibingelela kuYehova umbingelelo woxolo, nobingelela ukuze unikholekise. |
| 6. | Wodliwa ngomhla wokubingelela kwenu nangengomso; okuseleyo kwada kwangumhla wesithathu kotshiswa ngomlilo. |
| 7. | Ukuba kuthe kwadliwa nokudliwa ngomhla wesithathu, kuyimbozisa; akuyi kukholekisa. |
| 8. | Ke okudlayo, wobuthwala ubugwenxa bakhe; ngokuba eyihlambele ingcwele kaYehova; loo mphefumlo wonqanyulwa, ungabikho ebantwini bakowawo. |
| 9. | Ekuvuneni kwenu isivuno selizwe lenu, uze ungawavuni ugqibelele amacala entsimi yakho, ungabhikici lubhikico lokuvuna kwakho. |
| 10. | Uze ungasicholi isidiliya sakho; nento evuthulukileyo yomdiliya wakho uze ungayibhikici; woyishiyela olusizana nomphambukeli: ndinguYehova, uThixo wenu. |
| 11. | Ize ningebi; ize ningakhanyeli into niyazi; ize ningaxokisani. |
| 12. | Ize ningalifungi igama lam nixoka; ungalihlambeli igama loThixo wakho: ndinguYehova. |
| 13. | Uze ungamcudisi ummelwane wakho, uze ungaxhakamfuli; umvuzo womqeshwa uze ungalali kuwe kude kuse. |
| 14. | Uze ungasitshabhisi isithulu; uze ungabeki sikhubekiso phambi kwemfama; uze umoyike uThixo wakho: ndinguYehova. |
| 15. | Ze ningenzi bugqwetha ekugwebeni; unganoneleli nomntu osweleyo, ungabeki buso basikhulu; womgweba ngobulungisa ummelwane wakho. |
| 16. | Uze ungahambi uyintlebi phakathi kwabantu bakowenu; uze ungalizondi igazi lommelwane wakho: ndinguYehova. |
| 17. | Uze ungamthiyi umzalwana wakho entliziyweni yakho; kanye womohlwaya ummelwane wakho, ungazithwalisi sono ngenxa yakhe. |
| 18. | Uze ungaphindezeli; uze ungabi nanqala koonyana babantu bakowenu; uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako; ndinguYehova. |
| 19. | Ize niyigcine imimiselo yam. Iinkomo zakho uze ungazizekisi kwiintlobo ezimbini; uze ungayihlwayeli intsimi yakho iintlobo ezimbini zembewu; nengubo yeentlobo ezimbini engumxube ize ingezi phezu kwakho. |
| 20. | Xa indoda ithe yayilala inkazana, ilikhobokazana eliganelwe indoda, lingakhululwanga ngokuhlawulelwa, lingaphiwanga nenkululeko: bobethwa; bangabulawa, ngokuba belingakhululekile. |
| 21. | Yolizisa idini letyala layo kuYehova emnyango wentente yokuhlangana, inkunzi yemvu, ibe lidini letyala; |
| 22. | ayicamagushele umbingeleli ngenkunzi leyo yemvu yedini letyala phambi koYehova ngenxa yesono sayo, eyone ngaso. Yosixolelwa ke isono sayo, eyone ngaso. |
| 23. | Xa nifikileyo ezweni elo, natyala yonke imithi edliwayo, nothi iziqhamo zayo zikukungaluki; zoba zezingalukanga kuni iminyaka emithathu, ize zingadliwa. |
| 24. | Ngowesine umnyaka, zonke iziqhamo zayo zoba ngumnikelo ongcwele wendumiso kuYehova. |
| 25. | Ngomnyaka wesihlanu nozidla iziqhamo zayo, ukuze zinongezele ungeniselo lwayo: ndinguYehova, uThixo wenu. |
| 26. | Ize ningadli nto inegazi. Ize ningahlabi sihlabo; ize ningabi ngamatola. |
| 27. | Ze ningazichebi nizizungeleze iintlontlo zentloko yenu; ungaloni udini lweendevu zakho. |
| 28. | Ize ningazicenti inyama yenu ngenxa yomfi, ningenzi mbhalo wamvambo kuni: ndinguYehova. |
| 29. | Musa ukuyihlambela intombi yakho, uyenze ihenyu, ukuze ilizwe lingahenyuzi, lingazali ilizwe ngamanyala. |
| 30. | Gcinani iisabatha zam, niyoyike ingcwele yam: ndinguYehova. |
| 31. | Musani ukubheka kwabanemishologu; musani ukubafuna oosiyazi, ukuze nenziwe inqambi ngabo: ndinguYehova uThixo wenu. |
| 32. | Suka ume ebusweni bengwevu, ububeke ubuso bexhego, umoyike uThixo wakho: ndinguYehova. |
| 33. | Xa umphambukeli aphambukela kuni ezweni lenu, ize ningambandezeli. |
| 34. | Kuni woba njengozalelwe phakathi kwenu ekhaya, umphambukeli ophambukele kuni; uze umthande ngoko uzithanda ngako; ngokuba nibe ningabaphambukeli ezweni laseYiputa: ndinguYehova, uThixo wenu. |
| 35. | Ize ningenzi bugqwetha ekugwebeni nasekulinganiseni ubude, nobunzima, nokuzala kwento. |
| 36. | Noba nezikali zobulungisa, namatye obulungisa, ne-efa yobulungisa, nehin yobulungisa. NdinguYehova, uThixo wenu, onikhuphileyo ezweni laseYiputa. |
| 37. | Ize niyigcine imimiselo yam yonke, namasiko am onke, niwenze: ndinguYehova. |
| ← Leviticus (19/27) → |