| ← Leviticus (18/27) → |
| 1. | Wathetha uYehova kuMoses, esithi, |
| 2. | Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, NdinguYehova, uThixo wenu. |
| 3. | Ize ningenzi ngokokwenza kwelizwe laseYiputa, enibe nihleli kulo; ize ningenzi ngokokwenza kwelizwe lakwaKanan, endinisa kulo, ningahambi ngokwemimiselo yabo. |
| 4. | Ze nenze amasiko am, nigcine imimiselo yam, nihambe ngayo. NdinguYehova, uThixo wenu. |
| 5. | Nogcina imimiselo yam, namasiko am awothi umntu ozenzayo ezo nto aphile ngazo: ndinguYehova. |
| 6. | Umntu ngomntu aze angasondeli nakwinye inyama yenyama yakhe, ukuba atyhile ubuze bayo: ndinguYehova. |
| 7. | Ubuze bukayihlo, ubuze bonyoko, uze ungabutyhili: ngunyoko lowo; uze ungabutyhili ubuze bakhe. |
| 8. | Ubuze bomkayihlo uze ungabutyhili: bubuze bukayihlo obo. |
| 9. | Ubuze bodade wenu, intombi kayihlo, nokuba yintombi kanyoko, izalelwe ekhaya, nokuba izalelwe emzini, uze ungabutyhili ubuze bayo. |
| 10. | Ubuze bentombi yonyana wakho, nobentombi yentombi yakho, uze ungabutyhili ubuze bayo; ngokuba ibubuze bakho. |
| 11. | Ubuze bentombi yomkayihlo ezalwa nguyihlo, ingudade wenu, uze ungabutyhili ubuze bayo. |
| 12. | Ubuze bodade boyihlo uze ungabutyhili: yinyama yoyihlo leyo. |
| 13. | Ubuze bonyokokazi uze ungabutyhili: kuba yinyama yonyoko leyo. |
| 14. | Ubuze boyihlokazi uze ungabutyhili, ungasondeli kumkakhe: ngunyokokazi lowo. |
| 15. | Ubuze bomolokazana wakho uze ungabutyhili: ngumka nyana wakho lowo; uze ungabutyhili ubuze bakhe. |
| 16. | Ubuze bomfazi womntakayihlo uze ungabutyhili: bubuze bomntakayihlo obo. |
| 17. | Ubuze bomfazi nentombi yakhe uze ungabutyhili; intombi yonyana wakhe, nentombi yentombi yakhe, uze ungayizeki, ukuba ubutyhile ubuze bayo: yinyama yakhe leyo; ngamanyala lawo. |
| 18. | Umfazi uze ungamzekeli phezu kodade wabo, ukuba ubandezele, ukuba ubutyhile ubuze bakhe phezu kwakhe, ekudleni kwakhe ubomi. |
| 19. | Uze ungasondeli emfazini, esekungcoleni kobunqambi bakhe, ukuba ubutyhile ubuze bakhe. |
| 20. | Uze ungamlali umfazi wommelwane, ukuba uzenze inqambi ngaye. |
| 21. | Embewini yakho uze unganikeli na mnye, ukuba acandiselwe uMoleki; ungalihlambeli igama loThixo wakho; ndinguYehova. |
| 22. | Uze ungayilali into eyindoda njengokuba kulalwa umfazi: ngamasikizi lawo. |
| 23. | Uze ungalali nanye into ezitho zine, ukuba uzenze inqambi ngayo; inkazana mayingazimisi phambi kwento ezitho zine, ukuze izekwe yiyo: kukuzingcolisa oko. |
| 24. | Musani ukuzenza iinqambi ngezo nto zonke; kuba zenziwa iinqambi ngezo nto zonke iintlanga endizigxothayo ebusweni benu. |
| 25. | Lenziwe inqambi nelizwe elo; ndiyabuvelela ubugwenxa babo phezu kwabo, nelizwe liyabahlanza abemi balo. |
| 26. | Ize niyigcine imimiselo yam namasiko am nina, ningenzi nalinye kuloo masikizi, kwaozalelwe ekhaya, nomphambukeli ophambukele phakathi kwenu. |
| 27. | Kuba onke loo masikizi bawenzile abantu belo zwe abaphambi kwenu, lenziwa inqambi ilizwe; |
| 28. | ukuze linganihlanzi ilizwe ngokulenza kwenu inqambi, njengoko liluhlanzileyo uhlanga oluphambi kwenu. |
| 29. | Ngokuba bonke abasukuba besenza nalinye kuloo masikizi, imiphefumlo elenzayo yonqanyulwa, ingabikho phakathi kwabantu bakowayo. |
| 30. | Ngoko ke ize nisigcine isigxina sam, ningenzi namnye ummiselo olisikizi owenziwa phambi kwenu, ningazenzi iinqambi ngawo: ndinguYehova, uThixo wenu. |
| ← Leviticus (18/27) → |