| ← Leviticus (17/27) → | 
| 1. | Wathetha uYehova kuMoses, esithi, | 
| 2. | Thetha kuAron nakoonyana bakhe, nokoonyana bonke bakaSirayeli, uthi kubo, Lilo eli ilizwi uYehova awise umthetho ngalo, lokuthi: | 
| 3. | Umntu ngomntu wendlu kaSirayeli osukuba exhela inkomo, nemvu, nebhokhwe, eminqubeni, nosukuba eyixhelela ngaphandle kweminquba, | 
| 4. | angayizisi emnyango wentente yokuhlangana, ukuba isondezwe ibe ngumsondezo kuYehova phambi komnquba kaYehova: igazi lobalelwa kuloo mntu; aphalaze igazi; wonqanyulwa loo mntu, angabikho phakathi kwabantu bakowabo; | 
| 5. | ukuze oonyana bakaSirayeli bayizise imibingelelo yabo abayibingelelayo ezindle, bayizise kuYehova emnyango wentente yokuhlangana kumbingeleli, bayibingelele ibe yimibingelelo yoxolo kuYehova. | 
| 6. | Umbigeleli wolitshiza igazi layo esibingelelweni sikaYehova, emnyango wentente yokuhlangana, aqhumisele ngenqatha, libe livumba elithozamisayo kuYehova. | 
| 7. | Mabangabi sayibingelela imibingelelo yabo kwizithixo ezimaxhonti, abahenyuza ngokuzilandela. Lowo woba ngummiselo ongunaphakade kubo ezizukulwaneni zabo. | 
| 8. | Wothi kubo, Umntu ngomntu wendlu kaSirayeli, nowakubaphambukeli abaphambukele phakathi kwenu, osukuba enyusa idini elinyukayo, nokuba ngumbingelelo, | 
| 9. | angalizisi emnyango wentente yokuhlangana, ukuba alinikele kuYehova: wonqanyulwa loo mntu, angabikho phakathi kwabantu bakowabo. | 
| 10. | Umntu ngomntu wendlu kaSirayeli, nowakubaphambukeli abaphambukele phakathi kwenu, osukuba esidla yonke into eligazi: ndowuchasa umphefumlo odle igazi, ndiwunqamle, ungabikho phakathi kwabantu bakowawo. | 
| 11. | Kuba umphefumlo wenyama usegazini wona. Mna ndaninika lona esibingelelweni, ukuba kucanyagushelwe imiphefumlo yenu; kuba igazi eli licamagusha ngomphefumlo. | 
| 12. | Ngenxa yoko ndithe koonyana bakaSirayeli, Makungabikho namnye umphefumlo kuni odla igazi; nomphambukeli ophambukele phakathi kwenu makangalidli igazi. | 
| 13. | Umntu ngomntu koonyana bakaSirayeli, nomphambukeli ophambukele phakathi kwenu, osukuba ezingela inyamakazi, nokuba yintaka edliwayo, woliphalaza igazi layo, aliselele ngomhlaba. | 
| 14. | Kuba umphefumlo wenyama yonke, igazi layo eli ngumphefumlo wayo. Ndathi ke koonyana bakaSirayeli, Ize ningadli gazi lanyama nokuba yiyiphi; ngokuba umphefumlo wenyama yonke ligazilayo. Bonke abalidlayo bonqanyulwa. | 
| 15. | Wonke ubani osukuba esidla into ezifeleyo, neqwengiweyo, engozalelwe ekhaya nomphambukeli, wozihlamba iingubo zakhe, ahlambe emanzini, abe yinqambi, ahlwise; wohlambuluka ke. | 
| 16. | Ukuba akathanga azihlambe, akawuhlamba umzimba wakhe, wobuthwala ubugwenxa bakhe. | 
| ← Leviticus (17/27) → |