Leviticus (13/27)  

1. Wathetha uYehova kuMoses na kuAron, esithi,
2. Umntu xa kuthe kwakho eluswini lwenyama yakhe ukufukuka, nokuba kukujaduka, nokuba litshatshazi, laba sisibetho seqhenqa eluswini lwenyama yakhe, woziswa kuAron umbingeleli, nokuba kukomnye woonyana bakhe ababingeleli.
3. Wosikhangela umbingeleli isebetho eluswini lwenyama yakhe; ukuba luthe unwele esibethweni lwasuka lwaba mhlophe, sabonakala isibetho sithe gangqa eluswini lwenyama yakhe: sisibetho seqhenqa eso; womkhangela umbingeleli, athi uyinqambi.
4. Ukuba itshatshazi lithe lamhlophe eluswini lwenyama yakhe, alabonakala lithe gangqa eluswini, alwasuka lwaba mhlophe unwele lwalo, umbingeleli womvalela onesibetho imihla esixhenxe;
5. umbingeleli amkhangele ngomhla wesixhenxe; O! isibetho simi emehlweni akhe, asiqhenqethi isibetho eluswini; wophinda umbingeleli amvalele imihla esixhenxe.
6. Umbingeleli wophinda amkhangele ngomhla wesixhenxe; O! isibetho sibunile, asiqhenqethi isibetho eluswini; umbingeleli wothi uhlambulukile: kukujaduka oko. Wozihlamba iingubo zakhe; aze ahlambuluke ke.
7. Ukuba ukujaduka kuthe kwaqhenqetha kakhulu eluswini, emva kokubonakala kwakhe kumbingeleli ngenxa yokuhlanjululwa kwakhe, wophinda abonakale kumbingeleli;
8. umbingeleli akhangele, O! ukujaduka kuqhenqethile eluswini; umbingeleli wothi uyinqambi: liqhenqa ke elo.
9. Isibetho seqhenqa, xa sithe sabakho emntwini, woziswa kumbingeleli;
10. akhangele umbingeleli, O! ukufukuka kumhlophe eluswini, kulwenze unwele lwaba mhlophe, kukho inyama ekrwada, ehleliyo ekufukukeni apho:
11. liqhenqa elidala eli eluswini lwenyama yakhe; umbingeleli wothi uyinqambi; angamvaleli, ngokuba uyinqambi.
12. Ke ukuba iqhenqa lithe qwele kakhulu eluswini, iqhenqa lalugubungela lonke ulusu lonesibetho, lathabathela entloko lesa ezinyaweni, ngokubona konke kwamehlo ombingeleli,
13. umbingeleli wokhangela; O! liyigubungele yonke inyama yakhe iqhenqa; wothi uhlambulukile onesibetho; usuke waba mhlophe wonke ephela, uhlambulukile.
14. Ke ngomhla ebonakeleyo kuye inyama ekrwada, uyinqambi.
15. Aze ayikhangele umbingeleli inyama ekrwada, athi uyinqambi; inyama ekrwada iyinqambi: liqhenqa ke elo.
16. Naxa ithe yabuya inyama ekrwada, yasuka yaba mhlophe, woza kumbingeleli;
17. umbingeleli amkhangele, O! sisuke isibetho saba mhlophe, umbingeleli wothi uhlambulukile onesibetho; uhlambulukile ke yena.
18. Ke inyama, xa kuthe kwakho kuyo eluswini lwayo ithumba, laphola;
19. kwabakho endaweni yethumba ukufukuka okumhlophe, nokuba litshatshazi elifuna ukuba yingqombela, wobonakala kumbingeleli;
20. akhangele umbingeleli, O! libonakala lithe gangqa eluswini, unwele lwalo lusuke lwamhlophe; umbingeleli wothi uyinqambi: sisibetho seqhenqa eso, sithe qwele ethumbeni.
21. Ukuba umbingeleli uthe wakhangela, O! akukho lunwele lumhlophe kulo, alithe gangqa eluswini libunile, umbingeleli womvalela imihla esixhenxe.
22. Ke ukuba lithe laqhenqetha kakhulu eluswini, umbingeleli wothi uyinqambi: sisibetho eso.
23. Ke ukuba itshatshazi lithe lema endaweni yalo, alaqhenqetha: kukuqulungana kwethumba oko; umbingeleli wothi uhlambulukile.
24. Ke inyama, xa kuthe kwakho eluswini lwayo umtshiso womlilo, kwathi ukuphola komtshiso kwaba litshatshazi elifuna ukuba yingqombela, nokuba limhlophe kanye,
25. walikhangela umbingeleli itshatshazi, O! lusuke lwamhlophe unwele etshatshazini, libonakala lithe gangqa eluswini: liqhenqa ke elo; lithe qwele emtshisweni. Umbingeleli wothi uyinqambi: sisibetho seqhenqa ke eso.
26. Ukuba uthe wakhangela umbingeleli, O! akukho lunwele lumhlophe etshatshazini, alithe gangqa eluswini, libunile: umbingeleli womvalela imihla esixhenxe;
27. akhangele umbingeleli ngomhla wesixhenxe; ukuba lithe laqhenqetha kakhulu eluswini, umbingeleli wothi uyinqambi: sisibetho seqhenqa ke eso.
28. Ke ukuba itshatshazi lithe lema endaweni yalo, alaqhenqetha eluswini, lisuke labuna: kukufukuka komtshiso oko. Umbingeleli wothi uhlambulukile; kuba kukuqulungana komtshiso oko.
29. Xa kuthe kwakho isibetho kwindoda nenkazana entloko, nokuba kusesilevini;
30. wasikhangela umbingeleli isibetho, O! sithe gangqa eluswini ukubonakala kwaso, kukho unwele kuso olulubhelu olomileyo, umbingeleli wothi iyinqambi: kukudlathuka kweenwele oko, liqhenqa lasentloko, nokuba lelasesilevini elo.
31. Xa athe umbingeleli wasikhangela isibetho sokudlathuka kweenwele, O! asithe gangqa eluswini ukubonakala kwaso, kungekho lunwele lulubhelu kuso, umbingeleli womvalela onesibetho sokudlathuka kweenwele imihla esixhenxe.
32. Umbingeleli xa athe wamkhangela onesibetho ngomhla wesixhenxe, O! ukudlathuka akuqhenqethanga, akwabakho lunwele lulubhelu kuye, ukubonakala kokudlathuka kungathanga gangqa eluswini,
33. wozicheba, kodwa angayichebi indawo edlathukileyo; aphinde umbingeleli amvalele imihla esixhenxe onendawo edlathukileyo.
34. Umbingeleli akukukhangela ngomhla wesixhenxe ukudlathuka, O! ukudlathuka akuqhenqethanga eluswini, ukubonakala kwako kungathanga gangqa eluswini, umbingeleli wothi uhlambulukile. Wozihlamba iingubo zakhe, ahlambuluke ke.
35. Ukuba ukudlathuka kuthe kwaqhenqetha kakhulu eluswini emveni kokuhlanjululwa kwakhe,
36. wakukhangela umbingeleli, O! ukudlathuka kuqhenqethile eluswini, umbingeleli akasayi kuba saphicotha lunwele lulubhelu: uyinqambi yena.
37. Ukuba kusuke kwema ukudlathuka emehlweni akhe, kwakhula unwele olumnyama kuko, kupholile ukudlathuka, uhlambulukile; umbingeleli wothi uhlambulukile.
38. Xa kuthe kwakho kwindoda nakwinkazana eluswini lwenyama yayo amatshatshazi, amatshatshazi amhlophe,
39. wakhangela umbingeleli, O! amatshatshazi eluswini lwenyama yabo akanabumhlophe: litshanda elo, lithe qwele eluswini; uhlambulukile.
40. Indoda xa ithe intloko yayo yaguda: yinkqayi leyo, uhlambulukile.
41. Ukuba ithe yaguda intloko yayo, yathabathela ecaleni lobuso bayo: yimpandla leyo, uhlambulukile.
42. Xa kuthe kwakho enkqayini, nokuba kusempandleni, isibetho esimhlophe sayingqombela: liqhenqa elo elithe qwele enkqayini yakhe, nokuba kusempandleni yakhe.
43. Umbingeleli womkhangela, O! ukufukuka kweso sibetho kumhlophe, kwayingqombela, enkqayini yakhe nokuba kusempandleni yakhe, ngokubonakala kweqhenqa lolusu lwenyama:
44. yindoda eneqhenqa leyo, iyinqambi. Umbingeleli wothi iyinqambi kuphele; isibetho sayo sisentlokweni yayo.
45. Lowo uneqhenqa, lowo sikuye isibetho, zokrazulwa iingubo zakhe, ziyekwe iinwele ziyakazele, azigqubuthele iindevu, adanduluke, esithi, Ndiyinqambi, ndiyinqambi!
46. Yonke imihla esikhoyo kuye isibetho, woba yinqambi kuphele, ahlale yedwa ngaphandle kweminquba, ukuhlala kwakhe.
47. Ingubo xa sithe sabakho kuyo isibetho seqhenqa, engutyeni yoboya nasengutyeni yelinen,
48. naselusingeni lokoluka, naselusingeni lokuluka, lwelinen noloboya, nasesikhumbeni, nasezintweni zonke ezenziwe ngesikhumba;
49. ukuba isibetho eso siba buhlazarha, nokuba siba yingqombela engutyeni, nasesikhumbeni, naselusingeni lokoluka, naselusingeni lokuluka, nasemphaleni yonke yesikhumba: sisibetho seqhenqa eso. Soboniswa umbingeleli,
50. asikhangele umbingeleli isibetho, ayivalele into enesibetho imihla esixhenxe;
51. ayikhangele loo nto inesibetho ngomhla wesixhenxe. Xa sithe saqhenqetha isibetho engutyeni, naselusingeni lokoluka, naselusingeni lokuluka, nasesikhumbeni, ezintweni zonke ezenziwe ngesikhumba: liqhenqa elisenza mandundu isibetho. Yinqambi ke leyo.
52. Woyitshisa ingubo, nosinga lokoluka, nosinga lokuluka, noboya, nelinen, nempahla yonke yesikhumba esikhoyo kuyo isibetho: ngokuba liqhenqa elimandundu; yotshiswa loo mpahla ngomlilo.
53. Ukuba umbingeleli uthe wakhangela, O! isibetho asiqhenqethanga engutyeni, naselusingeni lokoluka, naselusingeni lokuluka, nasempahleni yonke yesikhumba:
54. wowisa umthetho umbingeleli, ihlanjwe loo nto sikuyo isibetho, aphinde ayivalele imihla esixhenxe;
55. asikhangele umbingeleli isibetho emveni kokuhlanjwa, O! isibetho asiguqukanga ukubonakala kwaso, asiqhenqethanga isibetho: yinqambi loo nto; yotshiswa ngomlilo. Yinkrombonca ngaphakathi nangaphandle.
56. Ke ukuba uthe wakhangela umbingeleli, O! isibetho sibunile emveni kokuhlanjwa kwaso: wosikrazula, asikhuphe engutyeni, nasesikhumbeni, naselusingeni lokoluka, naselusingeni lokuluka.
57. Ukuba sithe sabuya sabonakala engutyeni, naselusingeni lokoluka, naselusingeni lokuluka, nasempahleni yonke yesikhumba: kukuthi qwele kwaso oko; woyitshisa ngomlilo loo nto sikuyo isibetho.
58. Ingubo, nosinga lokoluka, nosinga lokuluka, nempahla yonke yesikhumba ehlanjiweyo, ukuba sithe isibetho semka kuyo, yophindwa ihlanjwe, ihlambuluke ke.
59. Nguwo lowo ke umyalelo wesibetho seqhenqa engutyeni yoboya neyelinen, naselusingeni lokoluka, naselusingeni lokuluka, nasempahleni yonke yesikhumba, wokuthi zihlambulukile, nowokuthi ziziinqambi.

  Leviticus (13/27)