| ← Judges (5/21) → |
| 1. | Baza bavuma ooDebhora noBharaki, unyana ka-Abhinowam, ngaloo mini, besithi, |
| 2. | Ngenxa yokukhokela kweenkokeli, Ngenxa yokuqhutywa kwabantu ziintliziyo zabo, Bongani uYehova. |
| 3. | Yivani, bokumkani; bekani iindlebe, zidwangube; Mna lo ndiya kuvuma kuYehova, Ndiya kumbethela uhadi uYehova, uThixo kaSirayeli. |
| 4. | Yehova, ekuphumeni kwakho kwaSehire, Ekunyalaseni kwakho, uvela emhlabeni wakwaEdom, Lanyikima ihlabathi, lavuza nalo izulu; Ewe, amafu avuza amanzi. |
| 5. | Iintaba zazamazama phambi koYehova; ISinayi leya, phambi koYehova uThixo kaSirayeli. |
| 6. | Ngemihla kaShamgare, umfo ka-Anati. Ngemihla kaYaheli, bezingahanjwa iindlela, Ababehamba ngeengqushu bahamba ngeendlela eziziphambusa. |
| 7. | Ebengamiwa amaphandle kwaSirayeli, ebengamiwa, Ndada ndesuka, mna Debhora, Ndesuka ndaba ngunina kwaSirayeli. |
| 8. | Kwakunyulwe oothixo abatsha, Kwaza kwayimfazwe emasangweni; Ingweletshetshe nomkhonto wawubonwa yini na, Phakathi kwamawaka amashumi mane akwaSirayeli? |
| 9. | Intliziyo yam ingakubamisi-mthetho bakwaSirayeli, Ingakwabo baqhutywa yintliziyo yabo phakathi kwabantu; Bongani uYehova. |
| 10. | Nina bakhwele ezimazini ezimhlophe zamaesile, Nina bahlala ezinkukweni, Nani bahamba ngendlela, camngcani. |
| 11. | Kude nezwi lababi bamaxhoba, apho kukhiwa khona amanzi, Khona apho bobonga imisebenzi kaYehova yobulungisa, Imisebenzi yobulungisa awayenza emaphandleni akhe kwaSirayeli; Oko behla abantu bakaYehova, baya emasangweni. |
| 12. | Vuka, vuka, Debhora! Vuka, vuka, hlaba ingoma! Suk ume, Bharaki, thimba abathinjwa bakho, nyana ka-Abhinowam. |
| 13. | Yihlani ke, maqongqolo aziingangamsha, ningabantu; Yehova, ndihlele phakathi kwamagorha. |
| 14. | Avela kwaEfrayim angcambu ikwa-Amaleki, Emva kwakho, Bhenjamin, phakathi kwezizwe zakowenu; Kwehla kwaMakire abamisi-mthetho, KwaZebhulon umqikela unomnqayi wombhali wempi. |
| 15. | KwaIsakare abathetheli kunye noDebhora, NjengoIsakare, ukwanjalo uBharaki; Bagaleleka entilini, bamlandela. Emijelweni yakwaRubhen Yaba kukusongela okukhulu kwentliziyo. |
| 16. | Ubuhlaleleni na phakathi kwezibaya, Uphulaphula amakhwelo emihlambini? Emijelweni yakwaRubhen Yaba kukugocagoca okukhulu kwentliziyo. |
| 17. | UGiliyadi phesheya kweYordan walala, akalwa; UDan ke yena walibala yini na ngasezinqanaweni? UAshere wahlala ngaselunxwemeni lolwandle. Walala phantsi ngasemachwebeni alo, akalwa. |
| 18. | AmaZebhulon ngabantu ababenza isichenge ubomi babo ekufeni, NamaNafetali, ezindaweni eziphakamileyo zelizwe. |
| 19. | Kwafika ookumkani, balwa, Baza ookumkani bakwaKanan balwa ETahanaki, ngasemanzini aseMegido; Abathimba neqhosha lesilivere. |
| 20. | Zalwa ezulwini, Zalwa iinkwenkwezi emendweni yazo noSisera. |
| 21. | Umlanjana waseKishon wabakhukulisa, Umlanjana wamanyange, umlanjana waseKishon. Nyathela ngamandla, mphefumlo wam. |
| 22. | Aza angqisha ke ngamanqina amahashe Ngokuphala, ngokuphala anamandla kuwo. |
| 23. | Qalekisani iMerozi, satsho isithunywa sikaYehova, Qalekisani, qalekisani abemi bakhona. Ngokuba bengezanga kunceda uYehova, Kunceda uYehova phakathi kwamagorha. |
| 24. | Makasikelelwe kunezinye iintokazi uYaheli, UmkaHebhere umKeni. Makasikelelwe kuneentokazi ezisezintenteni. |
| 25. | Wacela amanzi, wamnika amasi, Ngesitya sezinhanha wasondeza ingqaka. |
| 26. | Wasa isandla sakhe esikhonkwaneni, Wasa esokunene esandweni sabasebenza kanzima, Wamkhanda uSisera, wamhlekeza intloko, Wamhlaba, wambhodloza ezintlafunweni. |
| 27. | Waguqa ezinyaweni zakhe, wawa, walala phantsi. Waguqa ezinyaweni zakhe, wawa; Apho waguqa khona, wawa ephelile. |
| 28. | Walunguza ngefestile, wamemeza Ngesithuba unina kaSisera, wathi, Ilibele yini na inqwelo yakhe yokulwa, ingafiki nje? Zihlaleleni na iinqwelo zakhe zomkhosi, zingahlokomi nje? |
| 29. | Aphendule alumkileyo amakhosazana akheKe yena aphinde kwaelakhe, ethetha yedwa, athi, |
| 30. | Abafumene na? Ababi amaxhoba na? Yintombi, ziintombi ngambini kwintloko yendoda? Ngamaxhoba eengubo ezimfakamfele kuSisera? Ngamaxhoba eengubo ezimfakamfele, eengubo ezilukwe zamfakamfele? Yingubo emfakamfele, ziingubo ezimbini ezilukwe zamfakamfele ezintanyeni zamaxhoba? |
| 31. | Makube njalo ukubhubha kweentshaba zakho zonke, Yehova; Ke abamthandayo mababe njengokuphuma kwelanga linamandla. Lazola ke ilizwe iminyaka emashumi mane. |
| ← Judges (5/21) → |