| ← Judges (4/21) → |
| 1. | Baphinda oonyana bakaSirayeli benza ububi emehlweni kaYehova, akuba efile uEhude. |
| 2. | UYehova wathengisa ngabo, wabanikela esandleni sikaYabhin, ukumkani wakwaKanan, obephethe ubukumkani eHatsore, omthetheli-mkhosi ebenguSisera, ohleli eHarosheti yeentlanga. |
| 3. | Bakhala oonyana bakaSirayeli kuYehova; ngokuba ebeneenqwelo zesinyithi ezingamakhulu asithoba; wabaxina ke oonyana bakaSirayeli ngamandla iminyaka emashumi mabini. |
| 4. | Ke kaloku uDebhora, umprofetikazi, umkaLapidoti, ebewalawula amaSirayeli ngelo xesha. |
| 5. | Wayehleli phantsi komthi wesundu kaDebhora, phakathi kweRama neBheteli, kweleentaba lakwaEfrayim. Benyuka baya kuye oonyana bakaSirayeli ukuba athethe amatyala. |
| 6. | Wathumela ke wabiza uBharaki, unyana ka-Abhinowam, eKedeshe yakwaNafetali, wathi kuye, Akakuwiselanga mthetho na uYehova, uThixo kaSirayeli, esithi, Hamba utsalele entabeni yeTabhore, uthabathe nawe amadoda angamawaka alishumi, koonyana bakaNafetali nakoonyana bakaZebhulon? |
| 7. | Ndomtsalela kuwe emlanjaneni waseKishon uSisera, umthetheli womkhosi kaYabhin, neenqwelo zakhe zokulwa, nengxokolo yakhe; ndimnikele esandleni sakho. |
| 8. | Wathi uBharaki kuye, Ukuba uthe wahamba nam, ndohamba; ukuba akuthanga ubambe nam, andiyi kuhamba. |
| 9. | Wathi ke, Ukuhamba ndiya kuhamba nawe, kodwa akuyi kuba naludumo kule ndlela uyihambayo; ngokuba uYehova uya kuthengisa ngoSisera, amnikele esandleni senkazana. Wesuka ke uDebhora waya noBharaki eKedeshe. |
| 10. | UBharaki wawahlabela umkhosi amaZebhulon namaNafetali eKedeshe. Kwenyuka amadoda angamawaka alishumi, amlandela. |
| 11. | Wenyuka naye uDebhora. Ke kaloku uHebhere, umKeni, wayezahlule kumaKeni, koonyana bakaHobhabhi, uyise womkaMoses, wazimisa iintente zakhe, zaya kuma ngoMoki waseTsahanayim ngaseKedeshe. |
| 12. | Waxelelwa uSisera ukuba uBharaki, unyana ka-Abhinowam, unyuke weza entabeni yeTabhore. |
| 13. | USisera wazihlanganisa zonke iinqwelo zakhe zokulwa, iinqwelo zesinyithi ezingamakhulu asithoba, nabantu bonke abanaye, bethabathele eHarosheti yeentlanga, besa emlanjaneni waseKishon. |
| 14. | Wathi uDebhora kuBharaki, SukĀ ume, ngokuba yiyo le imini uYehova amnikele ngayo uSisera esandleni sakho; akaphumi yini na uYehova phambi kwakho? Wehla uBharaki entabeni yeTabhore, elandelwa ngamadoda angamawaka alishumi. |
| 15. | UYehova wamdubaduba uSisera neenqwelo zakhe zonke zokulwa, nomkhosi wakhe wonke, ngohlangothi lwekrele phambi koBharaki; wehla uSisera enqwelweni, wasaba ngeenyawo. |
| 16. | UBharaki wazisukela iinqwelo zokulwa, wawusukela nomkhosi, wesa eHarosheti yeentlanga; wawa wonke umkhosi kaSisera ngohlangothi lwekrele, akwasala noko amnye. |
| 17. | USisera wasaba ngeenyawo, waya ententeni kaYaheli, umkaHebhere umKeni; ngokuba belixolile phakathi koYabhin ukumkani waseHatsore nendlu kaHebhere umKeni. |
| 18. | Waphuma ke uYaheli, waya wamkhawulela uSisera, wathi kuye, Phambuka, nkosi yam, phambukela kum; musa ukoyika. Waphambukela ke kuye ententeni, wamgubungela ngengubo. |
| 19. | Wathi kuye, Khawundiphe intwana yamanzi ndisele, ngokuba ndinxaniwe. Wamthululela amasi emvabeni, wamnika wasela; wamgubungela. |
| 20. | Wathi kuye, Yima emnyango ententeni; kothi, ukuba kuze umntu, wabuza wathi, Kukho umntu na apha? uthi, Hayi. |
| 21. | UYaheli umkaHebhere wathabatha isikhonkwane sentente, waphatha isando ngesandla, waya kuye ecotha, wasibethela isikhonkwane ezintlafunweni zakhe, saphumela sangena emhlabeni; kuba wayesebuthongweni obukhulu, ediniwe; wafa ke. |
| 22. | Kwathi thaphu uBharaki, esukela uSisera. Waphuma uYaheli waya kumkhawulela, wathi kuye, Yiza, ndikubonise indoda oyifunayo. Waya kuye; nanko uSisera eludwamba efile, enesikhonkwane ezintlafunweni. |
| 23. | UThixo wamthoba loo mini uYabhin, ukumkani wamaKanan, phambi koonyana bakaSirayeli. |
| 24. | Saya isandla soonyana bakaSirayeli siba nzima ngokuba nzima phezu koYabhin, ukumkani wamaKanan, bada bamchitha uYabhin, ukumkani wamaKanan. |
| ← Judges (4/21) → |