← Judges (20/21) → |
1. | Baphuma ke bonke oonyana bakaSirayeli, labizelwa ndawonye lonke ibandla njengandoda-nye, lathabathela kwaDan lesa eBher-shebha, nelizwe laseGiliyadi, laya kuYehova eMizpa. |
2. | Zema izibonda zabantu bonke, zezizwe zonke zakwaSirayeli, ebandleni labantu bakaThixo, abangamawaka angamakhulu amane amadoda angumqikela arhola ikrele. |
3. | Beva oonyana bakaBhenjamin, ukuba oonyana bakaSirayeli benyukile beza eMizpa. Bathi oonyana bakaSirayeli, Thethani; itheni na ukubakho le nto inje ukuba mbi? |
4. | Yaphendula indoda leyo, ingumLevi, indoda yaloo nkazana incinithiweyo, yathi, Ndafika eGibheha ekwaBhenjamin, mna neshweshwe lam, salalisa khona. |
5. | Abemi baseGibheha bandivunukela, bayirhawula indlu ngenxa yam ebusuku; bagqiba kwelokundibulala; balidlwengula ishweshwe lam, lafa. |
6. | Ndalibamba ishweshwe lam, ndalityatya, ndalithumela kwilizwe lonke lelifa lakwaSirayeli; ngokuba benze amanyala nobudenge kwaSirayeli. |
7. | Nanko ke nina nonke, nyana bakaSirayeli; khuphani ilizwi necebo apha. |
8. | Besuka bonke abantu njengandoda-nye, bathi, Asiyi kuya elowo ententeni yakhe, asiyi kuphambukela elowo endlwini yakhe; |
9. | ke ngoko, nantsi into esiya kwenza yona kwiGibheha; siya kwenza kuyo ngokweqashiso, |
10. | sithabathe ishumi lamadoda ekhulwini ezizweni zonke zakwaSirayeli, ikhulu ewakeni, iwaka emawakeni alishumi, ukuya kuthabathela abantu umphako; ukuze ekufikeni kwabo eGibheha yakwaBhenjamin, bohlwaywe njengokobudenge bonke ababenzileyo kwaSirayeli. |
11. | Ahlanganisana ke onke amadoda akwaSirayeli kuloo mzi, ebandakanyiwe njengandoda-nye. |
12. | Izizwe zakwaSirayeli zathuma amadoda kwimizalwane yonke yakwaBhenjamin, zisithi, Bububi buni na obu, benziweyo phakathi kwenu? |
13. | Sinikeleni kalokunje loo madoda angamatshijolo aseGibheha, siwabulale, sibutshayele ububi bungabikho kwaSirayeli. Abavuma ke oonyana bakaBhenjamin ukuliphulaphula izwi labazalwana babo, oonyana bakaSirayeli. |
14. | Oonyana bakaBhenjamin bahlanganisana eGibheha, bephuma emizini besiya kulwa noonyana bakaSirayeli. |
15. | Babalwa oonyana bakaBhenjamin ngaloo mhla, bephuma emizini; baba ngamadoda angamashumi amabini anamathandathu amawaka arhola ikrele, ngaphandle kwabemi baseGibheha, ababalwayo baba ngamadoda ahleliweyo angamakhulu asixhenxe. |
16. | Kwaba bantu bonke bekukho amakhulu asixhenxe amadoda ahleliweyo angamanxele, onke enokusawula ngelitye, achane angaphosi. |
17. | Ke amadoda akwaSirayeli, ngaphandle kwamaBhenjamin, abebalwe aba ngamawaka angamakhulu amane amadoda arhola ikrele; onke lawo ingamadoda okulwa. |
18. | Besuka, benyuka baya eBheteli, babuza kuThixo. Bathi oonyana bakaSirayeli, Makunyuke bani na kuthi, aqale ukulwa noonyana bakaBhenjamin? Wathi uYehova, Makuqale uYuda. |
19. | Besuka oonyana bakaSirayeli kusasa, bayingqinga iGibheha. |
20. | Aphuma amadoda akwaSirayeli, aya kulwa namaBhenjamin. Amadoda akwaSirayeli akha uluhlu lokulwa nawo ngaseGibheha. |
21. | Baphuma oonyana bakaBhenjamin eGibheha, bavunela phantsi ngaloo mini kumaSirayeli amashumi amabini anamabini amawaka amadoda. |
22. | Bazomeleza abantu, amadoda akwaSirayeli, baphinda bakha uluhlu lokulwa, kwasendaweni ababakhe uluhlu kuyo ngomhla wokuqala. |
23. | Benyuka oonyana bakaSirayeli, balila phambi koYehova, kwada kwahlwa. Babuza kuYehova, bathi, Ndiphinde na ndisondele ekulweni noonyana bakaBhenjamin, umzalwana wam? Wathi uYehova, Nyukani niye kubo. |
24. | Basondela oonyana bakaSirayeli koonyana bakaBhenjamin ngomhla wesibini. |
25. | Aphuma amaBhenjamin eGibheha, aya kubahlangabeza ngomhla wesibini, abuya avunela phantsi koonyana bakaSirayeli ishumi elinesibhozo lamawaka amadoda; onke lawo arhola ikrele. |
26. | Benyuka bonke oonyana bakaSirayeli, bonke abantu, baya eBheteli, balila, bahlala khona phambi koYehova, bazila ukudla loo mini kwada kwahlwa, banyusa amadini anyukayo nemibingelelo yoxolo phambi koYehova. |
27. | Babuza oonyana bakaSirayeli kuYehova (yayikhona ityeya yomnqophiso kaYehova ngaloo mihla; |
28. | uPinehasi unyana kaElazare, unyana ka-Aron, emi phambi kwayo ngaloo mihla), besithi, Ndibuye ndiphinde, ndiphume ndiye kulwa noonyana bakaBhenjamin umzalwana wethu, ndiyeke, kusini na? Wathi uYehova, Nyukani, ngokuba ngomso ndiya kumnikela esandleni senu. |
29. | AmaSirayeli abeka abalaleli eGibheha ngeenxa zonke. |
30. | Benyuka oonyana bakaSirayeli baya koonyana bakaBhenjamin ngomhla wesithathu, bakha uluhlu lokulwa eGibheha, njengokweminye imihla. |
31. | Baphuma oonyana bakaBhenjamin, baya kubahlangabeza abantu, beqhawukene nomzi. Baqala ukubulala ebantwini njengokweminye imihla, emendweni, othi omnye unyuke uye eBheteli, uthi omnye uya eGibheha emaphandleni, bahlaba amadoda kwaSirayeli, akumashumi amathathu. |
32. | Bathi oonyana bakaBhenjamin, Babulewe phambi kwethu, njengasekuqaleni; ke oonyana bakaSirayeli babesithi, Masirhole sibaqhawule kuwo umzi, beze emendweni. |
33. | Asuka onke amadoda akwaSirayeli endaweni yawo, akha uluhlu eBhahali-tamare; abalaleli bamaSirayeli bathi chithithi endaweni yabo ethafeni laseGebha. |
34. | Kwavela malungana neGibheha ishumi lamawaka amadoda ahleliweyo kumaSirayeli onke; ukulwa kwashushu; babengazi bona ukuba ububi bubafikele. |
35. | UYehova wawabulala amaBhenjamin phambi kwamaSirayeli. Oonyana bakaSirayeli batshabalalisa kwaBhenjamin ngaloo mini amashumi amabini anesihlanu amawaka anekhulu lamadoda; lawo onke ngarhola ikrele. |
36. | Ke kaloku oonyana bakaBhenjamin babona ukuba boyisiwe, ukuba amadoda akwaSirayeli ayehlehla phambi kwamaBhenjamin, ngokuba abekholose ngabalaleli ababebabeke eGibheha. |
37. | Abalaleli bakhawuleza, bagaleleka eGibheha, batsalela kuyo abalaleli, bawubulala wonke umzi ngohlangothi lwekrele. |
38. | Ke kaloku ibhunga lamadoda akwaSirayeli nabalaleli laye libe lelokuthi, Qhumisani kakhulu umsi, unyuke kuloo mzi. |
39. | Ajika ke amadoda akwaSirayeli ekulweni, akuba ebeqalile amaBhenjamin ukubulala iingxwelerha phakathi kwamadoda akwaSirayeli, amodada akumashumi amathathu; ngokuba abesithi, Abethiwe ngenene wona phambi kwethu, njengokulwa kokuqala. |
40. | Wakuba umsi uqalile ukunyuka emzini, ungumqulu womsi, amaBhenjamin abheka emva kwawo, nango umzi wonke unyuka usiya ezulwini ungumsi. |
41. | Aphethula amadoda akwaSirayeli, akhwankqiswa amadoda akwaBhenjamin; ngokuba abona ukuba afikelwe bububi. |
42. | Ajika ke phambi kwamadoda akwaSirayeli, abheka endleleni yentlango. Ukulwa kwathana mbende nawo, besuka nabemi bemizi bawatshabalalisa kuyo. |
43. | Bawarhawula amaBhenjamin, bawasukela, bawanyathelela phantsi endaweni yokuphumla, besa malunga neGibheha ngecala eliphuma ilanga. |
44. | Kwawa kumaBhenjamin ishumi elinesibhozo lamawaka amadoda; onke ke lawo ingamadoda anobukroti. |
45. | Ajika ke, asabela entlango, engxondorheni yeRimon. Bacholachola ke kuwo emendweni amawaka amahlanu amadoda; bathana mbende nawo bada besa eGidiyom, babulala kuwo amawaka amabini amadoda. |
46. | Athi ke onke awawayo kumaBhenjamin ngaloo mini aba ngamashumi amabini anesihlanu amawaka, ingamadoda arhola ikrele; onke ke lawo ayengamadoda anobukroti. |
47. | Ke ajika asabela entlango engxondorheni eRimon engamakhulu amathandathu amadoda, ahlala engxondorheni yeRimon apho iinyanga zane. |
48. | Amadoda akwaSirayeli abuyela koonyana bakaBhenjamin, abulala ngohlangothi lwekrele, ethabathela kumzi, kumadoda ke kwaneenkomo esa kwinto yonke efumanekayo naphi. Kananjalo imizi yonke efunyenweyo ayifaka umlilo. |
← Judges (20/21) → |