| ← Judges (2/21) → |
| 1. | Kwenyuka isithunywa sikaYehova eGiligali, saya eBhokim, sathi, Ndaninyusa eYiputa, ndanizisa kwelo zwe ndafunga kooyihlo ngalo, ndathi, Andiyi kuwaphula umnqophiso wam nani naphakade; |
| 2. | ke nina nize ningenzi mnqophiso nabemi beli lizwe; nize nizidilize izibingelelo zabo. Aniliphulaphulanga ke izwi lam. Yintoni na le niyenzileyo? |
| 3. | Kananjalo ndathi, Andiyi kubagqogqa phambi kwenu, ukuze babe ziimviko emacaleni enu, oothixo babo babe ngumgibe kuni. |
| 4. | Kwathi, sakuwathetha isithunywa sikaYehova la mazwi kubo bonke oonyana bakaSirayeli, basuka abantu baliphakamisa izwi labo, balila. |
| 5. | Bayibiza loo ndawo ngokuthi, yiBhokim; babingelela apho kuYehova. |
| 6. | Ke kaloku okuya uYoshuwa wabandululayo abantu, baya oonyana bakaSirayeli elowo elifeni lakhe, ukuba balime ilizwe. |
| 7. | Abantu bamkhonza uYehova yonke imihla kaYoshuwa, nemihla yonke yamadoda amakhulu awasalelayo kuYoshuwa, abewubonile wonke umsebenzi omkhulu kaYehova, abewenzele amaSirayeli. |
| 8. | Wafa ke uYoshuwa unyana kaNun, umkhonzi kaYehova, eminyaka ilikhulu elinashumi-nye ezelwe. |
| 9. | Bamngcwabela emdeni welifa lakhe, eTimnata-heres, kweleentaba lakwaEfrayim, entla kwentaba yaseGahashe. |
| 10. | Sakuba neso sizukulwana sonke sihlanganiselwe kooyise, kwavela sizukulwana simbi emva kwaso, esibe singamazi uYehova, kwanomsebenzi abewenzele amaSirayeli. |
| 11. | Oonyana bakaSirayeli benza ububi emehlweni kaYehova, bakhonza ooBhahali. |
| 12. | Bamlahla uYehova, uThixo wooyise, owabakhuphayo ezweni lamaYiputa; balandela thixo bambi koothixo bezizwe ezibajikelezileyo, babanqula, bamqumbisa uYehova. |
| 13. | Bamlahla ke uYehova, bakhonza uBhahali noAshtaroti. |
| 14. | Wavutha ke umsindo kaYehova kumaSirayeli, wawanikela esandleni sabaphangi, bawaphanga. Wathengisa ngawo, wawanikela esandleni seentshaba zawo ngeenxa zonke; akaba saba nakuma phambi kweentshaba zawo. |
| 15. | Athi akuphuma esiya naphi, sasuka isandla sikaYehova sawachasa ngobubi, njengoko wakuthethayo uYehova, njengoko wawafungelayo; abandezeleka kunene. |
| 16. | UYehova wavelisa abagwebi; bawasindisa esandleni sabaphangi bawo. |
| 17. | Akabaphulaphula nabagwebi bawo, asuka ahenyuza ngokulandela thixo bambi, abanqula, atyeka kamsinya endleleni ababehamba ngayo ooyise, yokuphulaphula imithetho kaYehova. Akenjanga njalo ke wona. |
| 18. | Naxa uYehova wawavelisela abagwebi, uYehova waba nomgwebi lowo, wawasindisa esandleni seentshaba zawo yonke imihla yomgwebi lowo; ngokuba uYehova wazohlwaya ngenxa yokuncwina kwawo, phambi kwabaxini bawo, ababandezeli bawo. |
| 19. | Kwathi, akufa umgwebi lowo, abuya onakalisa ngaphezu kooyise, alandela thixo bambi ngokubakhonza nangokubanqula; akaziyeka iintlondi zawo nendlela yokuba lukhuni kwawo. |
| 20. | Wavutha umsindo kaYehova kumaSirayeli; wathi, Ngenxa enokuba olu hlanga luwugqithile umnqophiso wam endawumisela ooyise, alwaliphulaphula ilizwi lam: |
| 21. | nam andiyi kuphinda ndithi phambi kwabo ndigqogqe mntu wezi ntlanga, wazishiyayo uYoshuwa ekufeni kwakhe; |
| 22. | ukuze ndiwalinge ngazo amaSirayeli, ukuba oyigcina na indlela kaYehova, ahambe ngayo, njengoko bayigcinayo ooyise, akayi kuyigcina, kusini na? |
| 23. | Waziyeka ke uYehova ezo ntlanga, akazigqogqa kamsinya, akazinikela esandleni sikaYoshuwa. |
| ← Judges (2/21) → |