Judges (15/21)  

1. Kwathi kwakuba ntsuku, ngemihla yokuvuna ingqolowa, uSamson wamvelela umkakhe, enetakane lebhokhwe; wathi, Ndiya kungena kumkam egumbini. Ke uyise womfazi ebengamvumeli ukuba angene.
2. Wathi uyise womfazi, Bendiba umthiyile ngenene, ndamnika umlingane wakho. Akamhle na umsakwabo kunaye? Makabe ngowakho esikhundleni sakhe.
3. Wathi uSamson kubo, Ndimsulwa okwesi sihlandlo kumaFilisti, xa ndithe ndenza ububi kuwo.
4. Waya uSamson wabamba amakhulu omathathu eempungutye, wathabatha izikhuni ezivuthayo, waziqhagamshela ngemisila, wafaka isikhuni sasinye phakathi kwayo.
5. Walumeka ngomlilo ezikhunini, wazindulula zaya engqoloweni yamaFilisti engekavunwa; watshisa, ethabathela ezitheni, wesa engqoloweni engekavunwa, wesa emiyezweni yeminquma.
6. Athi amaFilisti, Ngubani na lo wenze oku? Bathi, NguSamson, umyeni womTimnata; ngokuba emthabathile umkakhe, wamnika umlingane wakhe. Enyuka amaFilisti, amtshisa yena noyise ngomlilo.
7. Wathi uSamson kuwo, Ukuba nenjenje, inene, ndiya kuziphindezelela kuni, ndandule ukupheza.
8. Wawaxabela kakhulu ihleza nethanga; wehla ke, wahlala emqhokrweni wengxondorha yase-Etam.
9. Enyuka amaFilisti, amisa kwaYuda, akha uluhlu eLehi.
10. Athi amadoda akwaYuda, Yini na ukuba ninyuke nize phezu kwethu? Athi wona, Sinyuke seza kukhonkxa uSamson, senze kuye njengoko enze ngako kuthi.
11. Ehla amadoda angamawaka amathathu, evela kwaYuda, aya emqhokrweni wengxondorha yase-Etam, athi kuSamson, Akwazi na ukuba amaFilisti ayasilawula? Yintoni na le usenze yona? Wathi kuwo, Njengoko enze ngako kum, ndenze ngako nam kuwo.
12. Athi kuye, Sihle, size kukukhonkxa, ukuba sikunikele esandleni samaFilisti. Wathi uSamson kuwo, Ndifungeleni, ukuba aniyi kundibulala ngokwenu.
13. Athi kuye, Siya kukukhonkxa sikuqinise, sikunikele esa ndleni sawo; ukukubulala, asiyi kukubulala. Amkhonkxa ngezintya ezintsha ezimbini, amnyusa engxondorheni.
14. Weza eLehi; amaFilisti amkhawulela eduma. Wamfikela ngamandla uMoya kaYehova; izintya ebezisemikhonweni yakhe zaba njengeflakisi ngumlilo, amakhamandela akhe acombuluka ezandleni zakhe.
15. Wafumanana nomhlathi omtsha we-esile, wasolula isandla, wawuthabatha, wabulala ngawo iwaka lamadoda.
16. Wathi uSamson, Ngomhlathi we-esile zizigigaba ngezigigaba; Ngomhlathi we-esile ndisike iwaka lamadoda.
17. Kwathi, akugqiba ukuthetha, wawulahla umhlathi esandleni sakhe, wathi loo ndawo yiRamati-lehi.
18. Wanxanwa kakhulu, wanqula uYehova, wathi, Wena unike ngesandla somkhonzi wakho usindiso olungaka; kanti nanku ndiya kufa linxano, ndeyele esandleni sabangalukanga.
19. Wawucanda uThixo umgongxo oseLehi; kwaphuma amanzi kuwo. Wasela, wabuya umoya wakhe, waphila ke. Ngenxa yoko wathi igama laloo ndawo nguMthombo woMnquli, oseLehi unanamhla.
20. Wawalawula amaSirayeli ngemihla yamaFilisti iminyaka emashumi mabini.

  Judges (15/21)