← Judges (15/21) → |
1. | Kwathi kwakuba ntsuku, ngemihla yokuvuna ingqolowa, uSamson wamvelela umkakhe, enetakane lebhokhwe; wathi, Ndiya kungena kumkam egumbini. Ke uyise womfazi ebengamvumeli ukuba angene. |
2. | Wathi uyise womfazi, Bendiba umthiyile ngenene, ndamnika umlingane wakho. Akamhle na umsakwabo kunaye? Makabe ngowakho esikhundleni sakhe. |
3. | Wathi uSamson kubo, Ndimsulwa okwesi sihlandlo kumaFilisti, xa ndithe ndenza ububi kuwo. |
4. | Waya uSamson wabamba amakhulu omathathu eempungutye, wathabatha izikhuni ezivuthayo, waziqhagamshela ngemisila, wafaka isikhuni sasinye phakathi kwayo. |
5. | Walumeka ngomlilo ezikhunini, wazindulula zaya engqoloweni yamaFilisti engekavunwa; watshisa, ethabathela ezitheni, wesa engqoloweni engekavunwa, wesa emiyezweni yeminquma. |
6. | Athi amaFilisti, Ngubani na lo wenze oku? Bathi, NguSamson, umyeni womTimnata; ngokuba emthabathile umkakhe, wamnika umlingane wakhe. Enyuka amaFilisti, amtshisa yena noyise ngomlilo. |
7. | Wathi uSamson kuwo, Ukuba nenjenje, inene, ndiya kuziphindezelela kuni, ndandule ukupheza. |
8. | Wawaxabela kakhulu ihleza nethanga; wehla ke, wahlala emqhokrweni wengxondorha yase-Etam. |
9. | Enyuka amaFilisti, amisa kwaYuda, akha uluhlu eLehi. |
10. | Athi amadoda akwaYuda, Yini na ukuba ninyuke nize phezu kwethu? Athi wona, Sinyuke seza kukhonkxa uSamson, senze kuye njengoko enze ngako kuthi. |
11. | Ehla amadoda angamawaka amathathu, evela kwaYuda, aya emqhokrweni wengxondorha yase-Etam, athi kuSamson, Akwazi na ukuba amaFilisti ayasilawula? Yintoni na le usenze yona? Wathi kuwo, Njengoko enze ngako kum, ndenze ngako nam kuwo. |
12. | Athi kuye, Sihle, size kukukhonkxa, ukuba sikunikele esandleni samaFilisti. Wathi uSamson kuwo, Ndifungeleni, ukuba aniyi kundibulala ngokwenu. |
13. | Athi kuye, Siya kukukhonkxa sikuqinise, sikunikele esa ndleni sawo; ukukubulala, asiyi kukubulala. Amkhonkxa ngezintya ezintsha ezimbini, amnyusa engxondorheni. |
14. | Weza eLehi; amaFilisti amkhawulela eduma. Wamfikela ngamandla uMoya kaYehova; izintya ebezisemikhonweni yakhe zaba njengeflakisi ngumlilo, amakhamandela akhe acombuluka ezandleni zakhe. |
15. | Wafumanana nomhlathi omtsha we-esile, wasolula isandla, wawuthabatha, wabulala ngawo iwaka lamadoda. |
16. | Wathi uSamson, Ngomhlathi we-esile zizigigaba ngezigigaba; Ngomhlathi we-esile ndisike iwaka lamadoda. |
17. | Kwathi, akugqiba ukuthetha, wawulahla umhlathi esandleni sakhe, wathi loo ndawo yiRamati-lehi. |
18. | Wanxanwa kakhulu, wanqula uYehova, wathi, Wena unike ngesandla somkhonzi wakho usindiso olungaka; kanti nanku ndiya kufa linxano, ndeyele esandleni sabangalukanga. |
19. | Wawucanda uThixo umgongxo oseLehi; kwaphuma amanzi kuwo. Wasela, wabuya umoya wakhe, waphila ke. Ngenxa yoko wathi igama laloo ndawo nguMthombo woMnquli, oseLehi unanamhla. |
20. | Wawalawula amaSirayeli ngemihla yamaFilisti iminyaka emashumi mabini. |
← Judges (15/21) → |