| Jude (1/1) |
| 1. | UYuda, umkhonzi kaYesu Kristu, umzalwana ke kaYakobi, ubhalela abangcwalisiweyo bekuThixo uYise, begcinelwe uYesu Kristu, bengababiziweyo: |
| 2. | uthi, Makwandiswe kuni inceba noxolo nothando. |
| 3. | Zintanda, ndikukhuthalele ngenyameko yonke nje ukunibhalela ngalo usindiso esidlelana ngalo, kwafuneka ukuba ndinibhalele, ndinivuselele, ukuba niluzamele ukholo abalunikelwayo kwakanye abangcwele. |
| 4. | Kuba kuthwethwe bantu bathile; abo babebalulelwe ngenxa engaphambili kolo lugwebo, abangahloneli Thixo, belujikela eburheletyweni ubabalo lukaThixo wethu, bemkhanyela okuphela koMnini-nto-zonke, uThixo wethu, iNkosi yethu uYesu Kristu. |
| 5. | Ndinga ke ndinganikhumbuza, nangona nikwazi oku kakade, ukuba iNkosi, yakuba ibasindisile abantu emhlabeni waseYiputa, yathi ngokwesibini yabatshabalalisa abo bangakholwanga. |
| 6. | Kananjalo izithunywa zezulu, ezo zazingalugcinanga ulawulo lwazo, zesuka zalishiya ikhaya lazo, izigcinele umgwebo womhla omkhulu ngemixokelelwane engunaphakade, phantsi kwesithokothoko. |
| 7. | Njengokuba iSodom neGomora, nayo imizi engakuyo, yenza kakhulu umbulo ngohlobo olufana nolwazo ezo, imka ilandela nyama yimbi, ibekwe ekuhleni ukuba ibe ngumqondiso, iviswa ubetho lomlilo ongunaphakade. |
| 8. | Kwangokunjalo nabo aba baphuphayo badyobha inyama, batshitshise ubukhosi, banyelise izikhakhamela. |
| 9. | Kanti yena uMikayeli, isiphatha-zithunywa zezulu, oko wayebambene naye uMtyholi, bebangisana ngawo umzimba kaMoses, akabanga nabuganga bakumzisela mgwebo wakunyelisa; wesuka wathi, INkosi mayikukhalimele. |
| 10. | Ke bona aba okunene izinto zonke abangazaziyo bayazinyelisa; kodwa izinto zonke abazaziyo kakuhle ngemvelo, njengezinto eziphilileyo ezingenangqondo, bayazonakalisa ngazo ezo. |
| 11. | Yeha ke bona! Ngokuba bahamba ngendlela kaKayin; bakhukuliswa lulahlekiso lukaBhileham ngenxa yomvuzo; batshabalala ephikeni likaKora. |
| 12. | Aba zizixhobo zamatye aselwandle ezidlweni zenu zothando, bezingxala ukudla nani, bezidlisa okwabo ngokungenakoyika. Bangamafu angenamanzi, aqhutywaqhutywa yimimoya; bayimithi evuthulukileyo, engenaziqhamo, efe kabini, enyothulwe iingcambu; |
| 13. | bangamaza alwayo olwandle, elephuza awawo amahlazo; baziinkwenkwezi eziphalaphalayo, begcinelwe isithokothoko sobumnyama ngonaphakade. |
| 14. | Waprofeta ke nangabo uEnoki, owesixhenxe ukususela kuAdam, esithi, Yabonani, yeza iNkosi namawakawaka abangcwele bayo, |
| 15. | ukuba ibagwebe bonke, ibohlwaye bonke abangahloneli Thixo kubo, ngenxa yemisebenzi yabo yonke yokungahloneli Thixo, abayenze bengahloneli Thixo, nangenxa yazo zonke izinto ezilukhuni, ababezithethile ngayo aboni abangahloneli Thixo. |
| 16. | Aba ngabakrokri abasolayo, behamba ngokweenkanuko zabo, umlomo wabo uthetha iindumbisa zamazwi, bencoma ubuso bomntu ngenxa yenzuzo. |
| 17. | Ke nina, zintanda, wakhumbuleni amazwi abethethwe ngenxa engaphambili ngabo abapostile beNkosi yethu uYesu Kristu. |
| 18. | Ngokuba babesithi kuni, Kuya kubakho abagxeki ngexesha lokugqibela, behamba ngokwezabo iinkanuko zokungahloneli Thixo. |
| 19. | Aba ngabazahlukanisayo, bengabemvelo, uMoya bengenaye. |
| 20. | Ke nina, zintanda, zakheni elukholweni lwenu olungcwele kanye, nithandaza nikuMoya oyiNgcwele. |
| 21. | Hlalani nihleli eluthandweni lukaThixo, niyilinde inceba yeNkosi yethu uYesu Kristu, kuse ebomini obungunaphakade. |
| 22. | Inxenye okunene yenzeleni inceba, nicalula; |
| 23. | kodwa inxenye yisindiseni nizoyikela, nibaphanga emlilweni, niyithiya nengubo edyojiweyo yinyama. |
| 24. | Kulowo ke unako ukunilondoloza ningabi nakukhubeka, nokunimisa phambi kobuqaqawuli bakhe ningenabala, nigcoba: |
| 25. | kuThixo olumkileyo yedwa, uMsindisi wethu, makubekho uzuko nobukhulu, amandla negunya, nangoku, kude kuse nasemaphakadeni onke. Amen. |
| Jude (1/1) |