| ← Joshua (8/24) → |
| 1. | Wathi uYehova kuYoshuwa, Musa ukoyika, ungaqhiphuki umbilini. Thabatha bonke abantu bokulwa, usuke, unyuke, uye eAyi. Yabona, ndimnikele esandleni sakho ukumkani waseAyi, nabantu bakhe, nomzi wakhe, nelizwe lakhe; |
| 2. | wenze kwiAyi nokumkani wayo njengoko wenza ngako kwiYeriko nokumkani wayo; kodwa nozithimbela amaxhoba ayo, neenkomo zayo; wobeka kuloo mzi abalaleli emva kwawo. |
| 3. | Wesuka uYoshuwa nabantu bonke bokulwa, wenyuka, waya eAyi. UYoshuwa wanyula amadoda angamagorha anobukroti, angamashumi amathathu amawaka, wawasusa ngobusuku. |
| 4. | Wawawisela umthetho, esithi, Yabonani, ningabalaleli kuwo umzi, emva komzi; musani ukuba kude kakhulu kuwo umzi, lungani nonke niphela. |
| 5. | Mna ke, nabantu bonke abanam, siya kusondela kuwo umzi. Kothi, bakuphuma basihlangabeze, njengokuya kokuqala, sisuke sirhole phambi kwabo. |
| 6. | Bophuma ke basilandele, side sibarhole kuwo umzi; kuba baya kuthi, Bayasaba phambi kwethu, njengokuya kokuqala. Siya kurhola ke thina phambi kwabo; |
| 7. | nisuke ke nina ekulaleleni kwenu, niwuhluthe umzi. UYehova uThixo wenu uwunikele esandleni senu. |
| 8. | Kothi, xenikweni nithe nawuthabatha umzi, niwufake isikhuni, nenze ngokwelizwi likaYehova. Yabonani, ndiniwisele umthetho. |
| 9. | Wawasusa ke uYoshuwa; aya kulalela, ahlala phakathi kweBheteli neAyi, ngasentshonalanga eAyi; uYoshuwa walala phakathi kwabantu ngobo busuku. |
| 10. | Wavuka kusasa ngengomso uYoshuwa, wabahlela abantu, wenyuka, yena namadoda amakhulu akwaSirayeli phambi kwabantu, waya eAyi. |
| 11. | Bonke abantu bokulwa ababenaye benyuka, basondela, beza phambi komzi, bamisa ngasentla kweAyi; kwabakho umfula phakathi kwabo neAyi. |
| 12. | Wathabatha amadoda amayela kumawaka amahlanu, wawabeka ekulaleleni phakathi kweBheteli neAyi, ngasentshonalanga komzi. |
| 13. | Abantu babeyimisile yonke impi ebingasentla komzi, nabalaleli bayo ngasentshonalanga komzi. UYoshuwa wacanda phakathi komfula ngobo busuku. |
| 14. | Kwathi, akubona ukumkani waseAyi, amadoda aloo mzi angxama, avuka kwakusasa, aphuma eya kuhlangabeza amaSirayeli ukuba kuliwe, yena nabantu bakhe bonke, endaweni emisiweyo phambi kweArabha. Ebengazi ke yena ukuba kulalelwe emva komzi. |
| 15. | UYoshuwa namaSirayeli onke bazenza aboyisiweyo phambi kwabo, barhola ngendlela yasentlango. |
| 16. | Bahlatyelwa umkhosi bonke abantu abakuloo mzi ukuba babasukele. Bamsukela ke uYoshuwa, baqhiwukana nomzi wabo. |
| 17. | Akwasala nanye indoda eAyi naseBheteli, ingaphumanga iwalandele amaSirayeli; bawushiya umzi uvulekile, bawasukela amaSirayeli. |
| 18. | Wathi uYehova kuYoshuwa, wolule umkhonto osesandleni sakho ngakwiAyi; kuba ndiya kuyinikela esandleni sakho. Wawolula ke uYoshuwa umkhonto osesandleni sakhe ngakuwo umzi. |
| 19. | Besuka abalaleli ngokukhawuleza endaweni yabo, bagidima; akusolula isandla sakhe, bangena kuloo mzi, bawuthimba, bangxama, bawufaka isikhuni. |
| 20. | Abheka emva kwawo amadoda aseAyi, abona, nango umsi womzi unyuka usiya ezulwini; akaba namandla okusabela ngapha nangapha; bathi abantu ababesabele entlango, babaguqukela ababasukelayo. |
| 21. | UYoshuwa namaSirayeli onke abona ukuba abalaleli bawuthimbile umzi, nokuba umsi womzi uyenyuka, babuya ke bawabulala amadoda aseAyi. |
| 22. | Baphuma abaya kuloo mzi, beza kubakhawulela; aba phakathi kwabakwaSirayeli, abanye abangapha, abanye bangapha; bawabulala ke kwada akwasala usabileyo, nosindileyo. |
| 23. | Bambamba ehleli ukumkani waseAyi, bamsondeza kuYoshuwa. |
| 24. | Kwathi, xa amaSirayeli abegqibile ukubabulala bonke abemi baseAyi ezweni, entlango apho abebasukele khona, naxa babewile bonke ngohlangothi lwekrele bada bagqitywa, amaSirayeli onke abuyela eAyi, ayibulala ngohlangothi lwekrele. |
| 25. | Kwathi, bonke abawayo ngaloo mini, bethabathela kwindoda besisa kumfazi, bangamawaka alishumi elinamabini, bonke abantu baseAyi. |
| 26. | Akasibuyisanga uYoshuwa isandla sakhe, awolule umkhonto ngaso, bada batshatyalaliswa bonke abemi baseAyi. |
| 27. | Kodwa iinkomo namaxhoba aloo mzi azithimbela amaSirayeli ngokwelizwi likaYehova, abemwisele umthetho ngalo uYoshuwa. |
| 28. | Wayitshisa ke uYoshuwa iAyi, wayenza umwewe ingunaphakade, inxowa unanamhla. |
| 29. | Wamxhoma emthini ukumkani waseAyi kwada kwalixesha langokuhlwa; lakutshona ilanga, wawisa umthetho uYoshuwa ukuba basithule isidumbu sakhe emthini; basiphosa esithubeni sesango lomzi, bamisa phezu kwaso imfumba enkulu yamatye; ikhona unanamhla. |
| 30. | Waza uYoshuwa wamakhela uYehova uThixo kaSirayeli isibingelelo entabeni ye-Ebhali, njengolo uMoses, |
| 31. | umkhonzi kaYehova, wabawiselayo oonyana bakaSirayeli umthetho, njengoko kubahliweyo encwadini yomyalelo kaMoses: isibingelelo samatye awonke esingasetyenzwanga ngantsimbi. Banyusa phezu kwaso amadini anyukayo kuYehova, babingelela imibingelelo yoxolo. |
| 32. | Wabhala khona ematyeni, wawuphinda ukuwubhala umyalelo kaMoses, awawubhalayo phambi koonyana bakaSirayeli. |
| 33. | Onke amaSirayeli, namadoda awo amakhulu, nababhali, nabagwebi bawo, ema ngapha nangapha kwetyeya, phambi kwababingeleli abangabaLevi, abathwele ityeya yomnqophiso kaYehova, owasemzini enjengozalwayo; esinye isiqingatha sabo simalunga nentaba yeGerizim, esinye isiqingatha sabo simalunga nentaba ye-Ebhali; njengoko uMoses umkhomzi kaYehova wawisayo umthetho ngenxa engaphambili, ukuba basikelelwe abantu bakwaSirayeli. |
| 34. | Emveni koko wawalesa onke amazwi omyalelo, iintsikelelo neziqalekiso, ngako konke okubhaliweyo encwadini yomyalelo. |
| 35. | Akwabakho nalinye ilizwi kuwo onke amazwi abewise uMoses umthetho ngawo, angalilesanga uYoshuwa phambi kwebandla lonke lamaSirayeli, nabafazi, nabantwana, nowasemzini ohamba phakathi kwawo. |
| ← Joshua (8/24) → |