| ← Joshua (6/24) → |
| 1. | Ke iYeriko ibihleli ivaliwe ngenxa yoonyana bakaSirayeli; akwabakho uphumayo, akwabakho ungenayo. |
| 2. | Wathi uYehova kuYoshuwa, Khangela, ndiyinikele esandleni sakho iYeriko, nokumkani wayo, namagorha anobukroti, |
| 3. | Nowujikeleza umzi nonke, nina madoda okulwa, niwuzunguleze umzi isihlandlo sibe sinye; wenjenjalo imihla emithandathu. |
| 4. | Ke isixhenxe sababingeleli sophatha izigodlo ezisixhenxe zokuhlaba umkhosi phambi kwetyeya. Nowujikeleza umzi ngomhla wesixhenxe izihlandlo zibe sixhenxe, ababingeleli baquphe ukuvuthela ngezigodlo. |
| 5. | Kothi ke, ekoluleni ukuvuthela ngesigodlo sokuhlaba umkhosi, ekusiveni kwenu isandi sesigodlo, badume ngokuduma okukhulu bonke abantu, luwe udonga lomzi luthi bhuma, benyuke ke abantu, elowo athi ngqo malunga naye. |
| 6. | UYoshuwa, unyana kaNun, wababiza ababingeleli, wathi kubo, Thwalani ityeya yomnqophiso, ababingeleli abasixhenxe baphathe izigodlo ezisixhenxe zokuhlaba umkhosi phambi kwetyeya kaYehova. |
| 7. | Bathi ebantwini, Dlulani niwujikeleze umzi, abaxhobileyo bagqithele phambi kwetyeya kaYehova. |
| 8. | Kwathi, xenikweni uYoshuwa abetshilo ebantwini, ababingeleli abasixhenxe, abaphethe izigodlo ezisixhenxe zokuhlaba umkhosi phambi koYehova, bagqitha, baqupha ukuvuthela ngezigodlo, ityeya yomnqophiso kaYehova ibalandela. |
| 9. | Abaxhobileyo bahamba phambi kwababingeleli abaquphayo ukuvuthela ngezigodlo; abasemva belandela ityeya, kuhanjwa kuqutshwa ukuvuthela ngezigodlo. |
| 10. | UYoshuwa wabawisela umthetho abantu, wathi, Ize ningadumi, ningalivakalisi ilizwi lenu, kungaphumi nto emlonyeni wenu, kude kube yimini endothi kuni, Dumani; nidume ke. |
| 11. | Ityeya ke kaYehova yawujikeleza umzi, yawuzunguleza isihlandlo sasinye; bangena eminqubeni, balala eminqubeni. |
| 12. | UYoshuwa wavuka kwakusasa ngengomso; bayithwala ababingeleli ityeya kaYehova. |
| 13. | Ababingeleli abasixhenxe, abaphethe izigodlo ezisixhenxe zokuhlaba umkhosi phambi kwetyeya kaYehova, bamana behamba, bevuthela ngezigodlo, bequpha; nabaxhobileyo behamba phambi kwabo; nabasemva belandela ityeya kaYehova, kuhanjwa kuvuthelwa ngezigodlo kuqutshwa. |
| 14. | Bawujikeleza muzi ngomhla wesibini isihlandlo sasinye, babuyela eminqubeni. Benjenjalo ke imihla yamithandathu. |
| 15. | Kwathi ngomhla wesixhenxe, bavuka kusasa ngesifingo, bawujikeleza umzi kwangolo hlobo izihlandlo zasixhenxe; kungaloo mini yodwa abawujikelezayo umzi izihlandlo zasixhenxi. |
| 16. | Kwathi ngesihlandlo sesixhenxe, ababingeleli ukuvuthela ngezigodlo baqupha. Wathi ke uYoshuwa ebantwini, Dumani, kuba uYehova uninikile lo mzi. |
| 17. | Lo mzi woba yinto esingelwe phantsi kuYehova, wona nento yonke ekuwo; kuphela nguRahabhi ihenyukazi yedwa owodla ubomi, yena nento yonke ekuye endlwini yakhe; ngokuba wabazimeza abathunywa esabathumayo. |
| 18. | Kodwa ke zigcineni entweni esingelwe phantsi, hleze nani nizisingele phantsi ngokuthabatha entweni entweni esingelwe phantsi, niwenze umzi wakwaSirayeli ube yinto esingelwe phantsi, niwuhlisele ishwangusha. |
| 19. | Ke yona yonke isilivere, negolide, nempahla yobhedu, neyesinyithi, iyingcwele kuYehova; yongena ebuncwaneni bukaYehova. |
| 20. | Baduma ke abantu ukuvuthela ngezigodlo bequpha; kwathi, bakusiva abantu isandi sesigodlo, baduma abantu ngoduduma okukhulu, lwawa udonga lwathi bhuma. Benyuka abantu kuwo umzi, elowo wathi ngqo, bawuthimba umzi. |
| 21. | Bazisingela phantsi ngehlangothi lwekrele zonke izinto ezikuloo mzi, bethabathela kwindoda besa kumfazi, bethabathela kwindoda besa kwixhego, besa nakwinkomo, nakwimpahla emfutshane, nakwiesile. |
| 22. | UYoshuwa wayeselethe kumadoda amabini abelihlolile ilizwe, Yiyani kwindlu yenkazana leya ilihenyukazi, niyikhuphe khona loo nkazana nento yonke enayo, njengoko nayifungelayo. |
| 23. | Abengenile ke amadodana aziintlola, amkhupha uRahabhi, noyise, nonina, nabanakwabo, nabo bonke abenabo; nemizalwane yakhe yonke bayikhupha, bayibeka ngaphandle kweminquba yakwaSirayeli. |
| 24. | Bawutshisa umzi ngomlilo, neento zonke eziluwo; kodwa isilivere, negolide, nempahla yobhedu, neyesinyithi, bayibeka ebuncwaneni bendlu kaYehova. |
| 25. | Ke uRahabhi, ihenyukazi, nendlu kayise, nabo bonke abenabo, uYoshuwa wamsindisa; wahlala phakathi kwamaSirayeli unanamhla; ngokuba wabazimezayo abathunywa, abebathumile uYoshuwa ukuba bayihlole iYeriko. |
| 26. | Wafunga uYoshuwa ngelo xesha, esithi, Uqalekisiwe phambi koYehova umntu oya kusuka awakhe lo mzi, iYeriko le; wowuseka ngowamazibulo akhe, azimise iingcango zawo ngowamathumbu akhe. |
| 27. | UYehova waba noYoshuwa; udumo lwakhe lwaba sezweni lonke. |
| ← Joshua (6/24) → |