| ← Joshua (3/24) → |
| 1. | Wavuka uYoshuwa kusasa ngengomso. Banduluka eShitim, bafika eYordan, yena noonyana bonke bamaSirayeli; balalisa khona bengekaweli. |
| 2. | Kwathi, ekupheleni kwemihla emithathu bacanda ababhali phakathi kweminquba; |
| 3. | babawisela abantu umthetho, besithi, Xa nithe nayibona ityeya yomnqophiso kaYehova uThixo wenu, nababingeleli abangabaLevi beyithwele, nonduluka nani endaweni yenu, niyilandele. |
| 4. | Kodwa makubekho ithuba phakathi kwenu nayo, elingathi ngokulinganisa libe ngamawaka amabini eekubhite. Ize ningasondeli kuyo, ukuze niyazi indlela enohamba ngayo; kuba anihambanga ngale ndlela ngaphambili. |
| 5. | Wathi uYoshuwa ebantwini, Zingcwaliseni; ngokuba ngengomso uYehova uya kwenza imisebenzi ebalulekileyo phakathi kwenu. |
| 6. | Wathi uYoshuwa kubabingeleli, Thwalani ityeya yomnqophiso, niwele phambi kwabantu. Bayithwala ke ityeya yomnqophiso, bahamba phambi kwabantu. |
| 7. | Wathi uYehova kuYoshuwa, Namhlanje ndiya kuqala ukukwenza mkhulu imihlweni amaSirayeli onke, ukuze azi ukuba ndiya kuba nawe, njengokuba ndibe ndinoMoses. |
| 8. | Uze ubawisele wena umthetho ababingeleli abathwele ityeya yomnqophiso, uthi, Xa nithe nafika elunxwemeni lwamanzi aseYordan, zenime eYordan. |
| 9. | Wathi uYoshuwa koonyana bakaSirayeli, Sondelani apha, nive amazwi kaYehova uThixo wenu. |
| 10. | Wathi ke uYoshuwa, Niya kwazi ngale nto ukuba uThixo ophilileyo uphakathi kwenu, eya kuwagqogqa kuphele phambi kwenu amaKanan, namaHeti, namaHivi, namaPerizi, namaGirgashi, nama-Amori, namaYebhusi. |
| 11. | Nantso ityeya yomnqophiso weNkosi yehlabathi lonke, ingena phambi kwenu eYordan. |
| 12. | Zithabatheleni ngoko amadoda abe lishumi elinamabini kuzo izizwe zakwaSirayeli, indoda ibe nye, indoda ibe nye esizweni. |
| 13. | Kothi ke, xa zithe zamisa emanzini aseYordan iintende zeenyawo zababingeleli abathwele ityeya kaYehova, iNkosi yehlabathi lonke, asuke amanzi aseYordan anqamke, amanzi avela ngasintla eme, abe mfumba-nye. |
| 14. | Kwathi ke, ekundulukeni kwabantu ezintenteni zabo, ukuba bawele iYordan, nababingeleli bethwele ityeya yomnqophiso phambi kwabantu; |
| 15. | xa bafikayo eYordan abathwele ityeya xa zithi xumbu elunxwemeni lwamanzi iinyawo zababingeleli abathwele ityeya iYordan izala ihamba ngaphandle kweendonga zayo zonke ngexesha lonke lokuvuna |
| 16. | asuka ema amanzi avela ngasentla, aphakama aba mfumba-nye, kude kakhulu eAdam, umzi ongasecaleni leTsaretan; athi la ahlayo aya elwandle lweArabha, eLwandle lweTyuwa, anqamka aphela. Bawela ke abantu malunga neYeriko. |
| 17. | Ababingeleli abathwele ityeya yomnqophiso kaYehova bema bee bhuxe emhlabeni owomileyo phakathi kweYordan; awela onke amaSirayeli kowomileyo, lwada lwagqibela lonke uhlanga ukuwela iYordan. |
| ← Joshua (3/24) → |