← Joshua (19/24) → |
1. | Lavela iqashiso lesibini noSimon, nesizwe soonyana bakaSimon, ngokwemizalwane yabo. Ilifa labo laba phakathi kwelifa loonyana bakaYuda. |
2. | Elifeni labo baba neBher-sheba, neShebha, neMulada, |
3. | neHatsere-shuwali, neBhala, neAtsem, |
4. | ne-Eletoladi, neBhetuli, neHorma, |
5. | neTsikelage, neBhete-markabhoti, neHatsar-susa, |
6. | neBhete-lebhawoti, neSharuhen: imizi elishumi elinamithathu inemizana yayo; |
7. | iAyin, neRimon, ne-Etere, neAshan; imizi emine inemizana yayo, |
8. | nemizana yonke ejikeleze loo mizi, kwesa eBhahalatibhere (yiRama yelasezantsi ke leyo). Lilo elo ilifa lesizwe soonyana bakaSimon ngokwemizalwane yabo. |
9. | Laba sesabelweni soonyana bakaYuda ilifa loonyana bakaSimon; ngokuba isabelo soonyana bakaYuda sabagqitha. Oonyana bakaSimon babelwa ilifa phakathi kwelifa labo. |
10. | Lavela iqashiso lesithathu noonyana bakaZebhulon, ngokwemizalwane yabo. |
11. | Umda welifa labo wesa eSaridi, wenyuka umda wabo wasinga entshonalanga, wesa eMarala, wafikelela eDabhesheti, wahlangana nomlanjana okhangelene neYokeneham; |
12. | wabuya eSaridi, wasinga empumalanga ngecala eliphuma ilanga, waya emdeni weKiseloti-tabhore, waphuma waya eDabherati, wenyuka waya eYafiya. |
13. | Wegqitha khona, wasinga empumalanga ngecala eliphuma ilanga, waya eGati-hefere, e-Eti-katsin; waphuma waya eRimon, ehlaba iye eNeha. |
14. | Umda wayizunguleza ngasentla, waya eHanaton; ukuma kwawo, wema ngomfula waseIfeta-eli; |
15. | neKatati, neNahalali, neShimron, neIdala, neBhetelehem: imizi elishumi elinamibini inemizana yayo. |
16. | Lilo elo ilifa loonyana bakaZebhulon ngokwemizalwane yabo, loo mizi nemizana yayo. |
17. | Iqashiso lesine lavela noIsakare, noonyana bakaIsakare ngokwemizalwane yabo. |
18. | Umda wabo wasinga kwiYizereli, neKesuloti, neShunem, |
19. | neHafarayim, neShihon, neAnaharati, |
20. | neRabhiti, neKishiyon, neAbhetse, |
21. | neRemeti, ne-En-ganim, ne-En-hada, neBhete-patsetse. |
22. | Umda wafikelela eTabhore, naseShahatsima, naseBhete-shemeshe, ukuma komda wabo, waya wema ngeYordan imizi elishumi elinamithandathu enimizana yayo. |
23. | Lilo elo ilifa lesizwe soonyana bakaIsakare ngokwemizalwane yabo, loo mizi nemizana yayo. |
24. | Lavela iqashiso lesihlanu nesizwe soonyana baka-Ashere ngokwemizalwane yabo. |
25. | Umda wabo waba yiHelekati, neHali, neBheten, neAkeshafi, |
26. | neAlameleki, neAmadi, neMishali; wafikelela eKarmele ngasentshonalanga, neShihore-libhenati. |
27. | Wabuya, wasinga ngecala eliphuma ilanga eBhete-dagon, wafikelela kwelakwaZebhulon, nakumfula waseIfeta-eli, ngasentla kweBhete-emeki, neNehiyeli; waphuma waya eKabhuli ngasekhohlo; |
28. | neHebron, neRehobhi, neHamon, neKana, wesa eTsidon enkulu. |
29. | Wabuya umda waya eRama, wesa emzini onqatyisiweyo oyiTire, wabuya umda waya eHosa; ukuma kwawo, waya wema ngolwandle, ngasesabelweni sika-Akezibhe; |
30. | neUma, neAfeki, neRehobhi: imizi emashumi mabini anamibini inemizana yayo. |
31. | Lilo elo ilifa loonyana baka-Ashere ngokwemizalwane yabo, loo mizi nemizana yayo. |
32. | Lavela iqashiso lesithandathu noonyana bakaNafetali, ileloonyana bakaNafetali ngokwemizalwane yabo. |
33. | Umda wabo wathabathela eHelefe, eMiokini yaseTsahanayim, neAdami-nekebhe, neYabheneli, wesa eLakum; nokuma kwawo, wema ngeYordan; |
34. | wabuya umda, wasinga entshonalanga eAzenoti-tabhore, waphuma khona waya eHukoki, wafikelela kwelakwaZebhulon ngasezantsi, wafikelela kwelakwa-Ashere ngasentshonalanga, nelakwaYuda eYordan ngasempumalanga. |
35. | Imizi enqatyisiweyo yaba yiTsidim, neTsere, neHamati, neRakati, neKinerete, |
36. | neAdama, neRama, neHatsore, |
37. | neKedeshe, ne-Edreyi, ne-En-hatsore, |
38. | neIron, neMigdali-eli, neHorem, neBhete-anati, neBhete-shemeshe: imizi elishumi elinesithoba inemizana yayo. |
39. | Lilo elo ilifa lesizwe soonyana bakaNafetali, ngokwemizalwane yabo, loo mizi nemizana yayo. |
40. | Lavela iqashiso lesixhenxe nesizwe soonyana bakaDan ngokwemizalwane yabo. |
41. | Umda welifa labo waba yiTsora, ne-Eshtawoli, neIre-shemeshe, |
42. | neShahalabhin, neAyalon, neItela, |
43. | ne-Elon, neTimnata, ne-Ekron, |
44. | ne-Eleteke, neGibheton, neBhahalata, |
45. | neYehudi, neBhene-bheraki, neGati-rimon, |
46. | neMeyarkon, neRakon, kunye nomda omalunga neYafo. |
47. | Umda woonyana bakaDan wema ngayo. Benyuka ke oonyana bakaDan, baya kulwa neLeshem, bayithimba, bayibulala ngohlangothi lwekrele, bayihlutha, bema kuyo, bathi ukuyibiza iLeshem kukwaDan, ngegama likaDan uyise. |
48. | Lilo elo ilifa lesizwe soonyana bakaDan ngokwemizalwane yabo, loo mizi inemizana yayo. |
49. | Bagqiba ke ukulaba ilizwe ngokwemida yabo. Oonyana bakaSirayeli bamnika uYoshuwa, unyana kaNun, ilifa phakathi kwabo. |
50. | Ngokomlomo kaYehova bamnika umzi awawubizayo, iTimnati-sera, ekweleentaba lakwaEfrayim. Wawakha loo mzi, wahlala kuwo. |
51. | Ngawo lawo amafa abawabayo ooElazare umbingeleli, noYoshuwa unyana kaNun, neentloko zezindlu zooyise ezizweni zoonyana bakaSirayeli, ngamaqashiso eShilo, phambi koYehova, emnyango wentente yokuhlangana. Bagqiba ke ukulaba ilizwe. |
← Joshua (19/24) → |