| ← Joshua (16/24) → |
| 1. | Laphuma iqashiso noonyana bakaYosefu, lathabathela eYordan malunga neYeriko ngasemanzini aseYeriko ngasempumalanga, kwintlango enyuka eYeriko, eya ezintabeni ngaseBheteli. |
| 2. | Waphuma umda eBheteli, wasinga eLuzi, wegqitha waya emdeni wama-Arki eAtaroti; wehla waya entshonalanga emdeni wamaYafeleli, |
| 3. | wesa emdeni weBhete-horon yasezantsi, wesa eGezere; ukuma kwawo waya wema ngolwandle. |
| 4. | Balabelwa ke ilifa labo oonyana bakaYosefu, uManase noEfrayim. |
| 5. | Umda woonyana bakaEfrayim wenjenje: umda welifa labo ngasempumalanga wayiAtaroti-adare, wesa eBhete-horon engasentla; |
| 6. | waphuma umda waya elwandle, eMikemetati ngasentla; wajika umda waya empumalanga eTahanati-shilo, wegqitha khona ngasempumalanga eYanowa; |
| 7. | wehla eYanowa waya eAtaroti, naseNaharati, weza eYeriko, wema ngeYordan; |
| 8. | umda wesuka eTapuwa waya entshonalanga, eMlanjaneni weeNgcongolo; nokuma kwawo waya wema ngolwandle. Lilo elo ilifa lesizwe soonyana bakaEfrayim ngokwemizalwane yabo; |
| 9. | nemizi leyo yahlulelwa oonyana bakaEfrayim yayiphakathi kwelifa loonyana bakaManase; yonke imizi yayinemizana yayo. |
| 10. | Abawagqogqanga amaKanan abemi eGezere. Ema amaKanan phakathi kwamaEfrayim unanamhla, akhonza efakwa uviko. |
| ← Joshua (16/24) → |