| ← Joshua (15/24) → |
| 1. | Ke kaloku iqashiso lwesizwe soonyana bakaYuda, ngokwemizalwane yabo, lasinga emdeni wakwaEdom, entlango yeTsin ngasezantsi, ekupheleni komzantsi. |
| 2. | Umda wabo wasezantsi wathabathela ekupheleni koLwandle lweTyuwa, encamini ebheka ezantsi. |
| 3. | Waphuma, wasinga ngezantsi ekunyukeni kweAkrabhim, wegqitha waya eTsin, wenyuka waya ngasezantsi kweKadeshe-bharneha, wegqitha waya eHetseron, wenyuka waya eAdare, wajika waya eKarka; |
| 4. | wegqitha waya eAtsemon, wema ngomlanjana waseYiputa, ukuma komda wema ngolwandle. Nguwo lowo umda wenu wangasezantsi. |
| 5. | Umda wasempumalanga luLwandle lweTyuwa, use ekupheleni kweYordan. Umda wecala langasentla wathabathela encamini yolwandle, ekupheleni kweYordan; |
| 6. | wenyuka umda waya eBhete-hogela, wegqitha waya emantla eBhete-arabha, wajika umda waya etyeni likaBhohan unyana kaRubhen. |
| 7. | Wenyuka umda waya eDebhiri, uvela entilini yeAkore, wabheka entla eGiligali, malunga nokunyuka kweAdumin ngasezantsi komlanjana; wegqitha apho waya emanzini ase-En-shemeshe, ukuma kwawo wema nge-En-rogele. |
| 8. | Wenyuka umda ngomfula woonyana bakaHinom, waya egxalabeni lowamaYebhusi ngasezantsi: yiYerusalem ke leyo; wenyuka umda waya encotsheni yentaba ephambi komfula wakwaHinom, ngasentshonalanga, osekuphekeni kwentili yamaRafa ngasentla. |
| 9. | Wahlaba umda, wathabathela encotsheni yentaba, waya emthonjeni wamanzi aseNefetowa, waphuma waya emizini yasentabeni kaEfron, wahlaba waya eBhahala: yiKiriyati-yeharim ke leyo. |
| 10. | Wajika umda eBhahala ngasentshonalanga, waya entabeni yakwaSehire, wegqitha waya egxalabeni leHar-yeharim ngasentla: yiKesalon ke leyo; wehla waya eBhete-shemeshe, wegqitha waya eTimna. |
| 11. | Waphuma umda waya egxalabeni le-Ekron ngasentla, wahlaba umda waya eShikron, wegqitha waya entabeni yeBhahala, wema ngeYabheneli umda waya wema ngolwandle. |
| 12. | Umda wasentshonalanga lulwandle olukhulu nommandla walo. Nguwo lowo umda woonyana bakaYuda ngeenxa zonke, ngokwemizalwane yabo. |
| 13. | UKalebhi unyana kaYefune wamnika isabelo phakathi koonyana bakaYuda, ngokutsho kukaYehova kuYoshuwa: umzi ka-Arbha uyise ka-Anaki ngowaseHebron ke lowo, |
| 14. | Wabagqogqa apho uKalebhi oonyana bobathathu baka-Anaki, uSheshayi noAhiman noTalemayi, inzalo ka-Anaki. |
| 15. | Wenyuka khona waya kubemi baseDebhiri; igama leDebhiri laliyiKiriyati-sefere ngenxa engaphambili. |
| 16. | Wathi uKalebhi, Othe wayibulala iKiriyati-sefere, wayithimba, ndomnika intombi yam, uAkesa, ibe ngumkakhe. |
| 17. | Wayithimba uOteniyeli unyana kaKenazi, umzalwana kaKalebhi; wamnika ke intombi yakhe, uAkesa, yangumkakhe. |
| 18. | Kwathi ekuzeni kwayo, yamvuselela ukuba acele umhlaba kuyise wayo; yehla e-esileni layo. Wathi uKalebhi kuyo, Yintoni na? |
| 19. | Yathi, Ndinike into, ngokuba undinike umhlaba ongenamanzi; ndinike nemithombo yamanzi. Wayinika ke imithombo yasentla, nemithombo yasezantsi. |
| 20. | Lilo elo ilifa lesizwe soonyana bakaYuda ngokwemizalwane yabo. |
| 21. | Imizi ethabathele ekupheleni kwesizwe soonyana bakaYuda, yesa emdeni wakwaEdom ezantsi, yabe iyiKabhetseli, ne-Edere, neYagure, |
| 22. | neKina, neDimona, neAdada, |
| 23. | neKedeshe, neHatsore, neItenan, |
| 24. | iZifi, neTelem, neBhehaloti, |
| 25. | neHatsore-hadata, neKeriyoti-hetseron (yiHatsore ke leyo); |
| 26. | iAmam, neShema, neMolada, |
| 27. | neHatsare-gada, neHeshmon, neBhete-palete, |
| 28. | neHatsare-shuwale, neBher-shebha, neBhiziyoteya; |
| 29. | iBhahala, neIyim, ne-Etsem, |
| 30. | ne-Elitoladi, neKezili, neHorma, |
| 31. | neTsikelage, neMademana, neSanesana, |
| 32. | neLebhawoti, neShilehim, neAyin, neRimon: yonke loo mizi imashumi mabini anesithoba nemizana yayo. |
| 33. | Esihlanjeni: yiEshtawoli, neTsora, neAshna, |
| 34. | neZanowa, ne-En-ganim, iTapuwa, ne-Enam; |
| 35. | iYarmuti, neAdulam, iSoko, neAzeka, |
| 36. | neShaharim, neAditayim, neGedera, neGederotayim: imizi elishumi elinamine inemizana yayo. |
| 37. | ITsenan, neHadasha, neMigedali yakwaGadi, |
| 38. | neDilan, neMizpa, neYoketeli; |
| 39. | iLakishe, neBhitsekati, ne-Eglon, |
| 40. | neKabhon, neLamasi, neKitilishe, |
| 41. | neGederoti, iBhete-dagon, neNahama, neMakeda: imizi elishumi elinamithandathu inemizana yayo. |
| 42. | ILibhena, ne-Etere neAshan, |
| 43. | neIfeta, neAshna, neNetsibhi, |
| 44. | neKehila, neAkezibhi, neMaresha: imizi esithoba inemizana yayo. |
| 45. | IEkron, namagxamesi ayo, nemizana yayo; |
| 46. | kwathabathela e-Ekron ngasentshonaganga, yonke esecaleni leAshdode, nemizana yayo. |
| 47. | IAshdode, namagxamesi ayo, nemizana yayo; iGaza namagxamesi ayo, nemizana yayo, kwesa kumlanjana weYiputa, nolwandle olukhulu, nommandla walo. |
| 48. | Esezintabeni: yiShamire, neYatire, neSoko, |
| 49. | neDana, neKiriyati-sana (yiDebhiri ke leyo); |
| 50. | neAnabhi, ne-Eshtemo, neAnim, |
| 51. | neGoshen, neHolon, neGilo: imizi elishumi elinamnye, inemizana yayo. |
| 52. | IArabhi, neDuma, ne-Eshan, |
| 53. | neYanim, neBhete-tapuwa, neAfeka, |
| 54. | neHumta, neKiriyati ka-Arbha (yiHebron ke leyo); neTsihore: imizi esithoba inemizana yayo. |
| 55. | IMahon, iKarmele, neZifi, neYuta, |
| 56. | neYizereli, neYokedam, neZanowa; |
| 57. | iKayin, iGibheha, neTimna: imizi elishumi inemizana yayo. |
| 58. | IHalehule, iBhete-tsure, neGedore, |
| 59. | neMaharati, neBhete-anoti, ne-Elitekon: imizi emithandathu inemizana yayo. |
| 60. | IKiriyati-bhahali (yiKiriyati-yeharim ke leyo) neRabha: imizi emibini inemizana yayo. |
| 61. | Esentlango yiBhete-arabha, iMidin, neSekaka, |
| 62. | neNibheshan, noMzi weTyuwa, ne-Engedi: imizi emithandathu inemizana yayo. |
| 63. | Ke amaYebhusi, abengabemi baseYerusalem, ababanga nako ukuwagqogqa oonyana bakaYuda; ahlala amaYebhusi noonyana bakaYuda eYerusalem nanamhla. |
| ← Joshua (15/24) → |