| ← Joshua (14/24) → | 
| 1. | Ngawo ke la amafa abawabelwayo oonyana bakaSirayeli ezweni lakwaKanan, abawabelwa nguElazare umbingeleli, noYoshuwa unyana kaNun, neentloko zezindlu zooyise zezizwe zoonyana bakaSirayeli, | 
| 2. | ngeqashiso lelifa labo, njengoko uYehova wawisa umthetho ngesandla sikaMoses, elezizwe ezisithoba ezinesiqingatha sesizwe. | 
| 3. | Kuba uMoses ebezinikile ilifa izizwe ezibini nesiqingatha sesizwe, phesheya kweYordan; ke abaLevi akabanikanga lifa phakathi kwazo. | 
| 4. | Ngokuba oonyana bakaYosefu babezizizwe ezibini, uManase noEfrayim; ke abaLevi ababanikanga sabelo ezweni elo, babanika kuphela imizi yokuhlala, namadlelo ayo emfuyo yabo nempahla yabo. | 
| 5. | Njengoko uYehova wamwiselayo uMoses umthetho, benjenjalo oonyana bakaSirayeli, balaba ilizwe. | 
| 6. | Basondela oonyana bakaYuda kuYoshuwa eGiligali. Wathi uKalebhi unyana kaYefune, umKenazi, kuye, Uyalazi wena ilizwi awalithethayo uYehova kuMoses umntu kaThixo, ngenxa yam nangenxa yakho, eKadeshe-bharneha. | 
| 7. | Ndandiminyaka imashumi mane ndizelwe, ekususweni kwam nguMoses umkhonzi kaYehova, eKadeshe-bharneha, ukuba ndeye kulihlola ilizwe; ndambuyisela ilizwi njengoko bekusentliziyweni yam. | 
| 8. | Abazalwana bam, abanyukayo nam, bayinyibilikisa intliziyo yabantu; ke mna ndakuzalisa ukumlandela uYehova uThixo wam. | 
| 9. | Wafunga ke uMoses ngaloo mini, esithi, Inene, ilizwe elinyathelwe lunyawo lwakho loba lilifa lakho, neloonyana bakho, kude kuse ephakadeni, ngokuba ukuzalisile ukumlandela uYehova uThixo wam. | 
| 10. | Khangela ke ngoko, uYehova undisindisile njengoko watshoyo, le minyaka imashumi mane anamihlanu, kususela koko walithethayo uYehova elo lizwi kuMoses, oko amaSirayeli abehamba entlango; yabona ke, ngoku namhla ndiminyaka imashumi asibhozo anamihlanu ndizelwe. | 
| 11. | Ndisomelele nanamhla, kwanjengamini wandithumayo uMoses; njengoko ayenjalo amandla am oko, asenjalo nangoku amandla am okulwa, kwa-awokuphuma nawokubuya. | 
| 12. | Ke ngoko ndinike ezo ntaba wathetha zona uYehova ngaloo mini; ngokuba weva wena ngaloo mini ukuba ama-Anaki akhona, imizi yawo mikhulu, inqatyisiwe. Mhlawumbi uYehova woba nam, ndiwagqogqe ke, njengoko watshoyo uYehova. | 
| 13. | UYoshuwa wamsikelela, wamnika iHebron uKalebhi unyana kaYefune, ukuba ibe lilifa. | 
| 14. | Ngenxa yoko iHebron yaba lilifa likaKalebhi unyana kaYefune, umKenazi, unanamhla; ngenxa enokuba wazalisayo ukumlandela uYehova, uThixo kaSirayeli. | 
| 15. | Igama laseHebron ngenxa engaphambili laliyiKiriyati ka-Arbha, umntu omkhulu phakathi kwama-Anaki ke. Lazola ilizwe akwabakho mfazwe. | 
| ← Joshua (14/24) → |