← Joshua (11/24) → |
1. | Kwathi, akukuva oko uYabhin ukumkani waseHatsore, wathuma kuYobhabhi ukumkani waseMadon, nakukumkani waseShimron, nakukumkani waseAkeshafi, |
2. | nakookumkani abangasentla ezintabeni, naseArabha ngasezantsi kweKineroti, nasezihlanjeni, nasezindulini zaseDore engasentshonalanga, |
3. | kumaKanan empumalanga nasentshonalanga, nakuma-Amori, nakumaHeti, nakumaPerizi, nakumaYebhusi ezintabeni, nakumaHivi aphantsi kweHermon ezweni leMizpa. |
4. | Baphuma ke bona benemikhosi yabo yonke, abantu abaninzi njengentlabathi eselunxwemeni lolwandle ukuba baninzi, namahashe, neenqwelo zokulwa, into eninzi kunene. |
5. | Bavumelana ke abo kumkani bonke; beza bamisa ndawonye emanzini aseMerom, ukuba balwe namaSirayeli. |
6. | Wathi uYehova kuYoshuwa, Musa ukoyika ngenxa yabo; ngokuba ngomso eli xa ndiya kubanikela bonke bephela, behlatyiwe, emandleni amaSirayeli, uwanqumle imisipha amahashe abo, uzitshise ngomlilo iinqwelo zabo zokulwa. |
7. | Waya ke uYoshuwa, enabantu bonke bokulwa, wabafikela ngebhaqo emanzini aseMerom, babawela. |
8. | UYehova wabanikela esandleni samaSirayeli, ababulala, abasukela kwesa eTsidon enkulu, kwesa eMiserefoti-mayim, kwesa ethafeni laseMizpa empumalanga; ababulala kwada akwasala namnye kubo usindiliyo. |
9. | Wenza ke uYoshuwa kubo njengoko wathethayo uYehova kuye; amahashe abo wawanqumla imisipha, iinqwelo zabo zokulwa wazitshisa ngomlilo. |
10. | Wabuya uYoshuwa ngelo xesha, wayithimba iHatsore, wambulala ukumkani wayo ngekrele, kuba iHatsore ngenxa engaphambili ibe iyintloko yezo zikumkani zonke. |
11. | Ababulala bonke abantu abakuyo ngohlangothi lwekrele, ayitshabalalisa; akwasala namnye uphefumlayo; ayitshisa iHatsore ngomlilo. |
12. | Yonke imizi yabo kumkani, nabo kumkani bayo bonke, wabathimba uYoshuwa; wababulala ngohlangothi lwekrele, wabatshabalalisa, njengoko uMoses umkhonzi kaYehova wawisayo umthetho. |
13. | Kodwa yonke imizi emi emimangweni yayo amaSirayeli akayitshisanga; yaba yiHatsore yodwa awayitshisayo uYoshuwa. |
14. | Onke amaxhoba aloo mizi neenkomo bazithimbela oonyana bakaSirayeli; kodwa bababulala bonke abantu ngohlangothi lwekrele, bada babatshabalalisa, abasalisa namnye uphefumlayo. |
15. | Njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses umkhonzi wakhe, wenjenjalo uMoses ukumwisela umthetho uYoshuwa. Wenjenjalo ke uYoshuwa; akasusa nalinye ilizwi kuko konke uYehova awamwisela uMoses umthetho ngako. |
16. | Walithabatha ke uYoshuwa lonke elo zwe leentaba, nelasezantsi lonke, nelizwe laseGoshen lonke, nelezihlambo, nele-Arabha, neentaba zakwaSirayeli, nezihlambo zazo; |
17. | elithabathela ezintabeni ezimkhuthuka, ezinyuka ziye kwaSehire, lesa eBhahali-gadi, ethafeni laseLebhanon, phantsi kwentaba yeHermon. Bonke ookumkani bawo wabathimba, wabaxabela, wababulala. |
18. | Yaba mininzi ke imihla esenza imfazwe uYoshuwa nabo kumkani bonke. |
19. | Akubangakho mzi wazinikelayo ngoxolo koonyana bakaSirayeli, ingengamaHivi abemi baseGibheyon; yonke bayithabatha ngokulwa. |
20. | Ngokuba kwavela kuYehova ukuziqinisa iintliziyo zabo, ukuba bawahlangabeze amaSirayeli ngemfazwe, ukuze abatshabalalise, ukuze kungabikho kubabalwa kwabo, ukuze ke abatshabalalise, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses. |
21. | Wafika uYoshuwa ngelo xesha, wawanqumla ama-Anaki ezintabeni, eHebron, eDebhiri, eAnabhi, ezintabeni zonke zakwaYuda, ezintabeni zonke zakwaSirayeli; uYoshuwa wawatshabalalisa kunye nemizi yawo. |
22. | Akwasala ma-Anaki ezweni loonyana bakaSirayeli, kuphela kwasala eGaza, naseGati, naseAshode. |
23. | Walithabatha ke uYoshuwa lonke ilizwe, njengako konke awakuthethayo uYehova kuMoses; walinika uYoshuwa lalilifa lamaSirayeli, ngokweentlantlu zawo, ngokwezizwe zawo. Lazola ke ilizwe, akwabakho mfazwe. |
← Joshua (11/24) → |