| ← Joshua (10/24) → |
| 1. | Kwathi, akuva uAdoni-tsedeki, ukumkani wasiYerusalem, ukuba uYoshuwa uyithimbile iAyi, wayitshabalalisa; njengoko wenza ngako kwiYeriko nokumkani wayo, wenjenjalo kwiAyi nokumkani wayo; nokuba abemi baseGibheyon benze uxolo namaSirayeli, baba phakathi kwawo: |
| 2. | boyika kunene, kuba ngumzi omkhulu iGibheyon, njengomnye wemizi yobukumkani, ngokuba inkulu kuneAyi, namadoda ayo onke angamagorha. |
| 3. | Wesuka uAdoni-tsedeki ukumkani waseYerusalem, wathumela kuHoham ukumkani waseHebron, nakuPiram ukumkani waseYarmuti, nakuYafiya ukumkani waseLakishe, nakuDebhiri ukumkani wase-Eglon, esithi, |
| 4. | Nyukani nize kum, nindincede, siyixabele iGibheyon; kuba yenze uxolo noYoshuwa noonyana bakaSirayeli. |
| 5. | Bahlangana ke, benyuka ookumkani abo bama-Amori bobahlanu, ukumkani waseYerusalem, nokumkani waseHebron, nokumkani waseYarmuti, nokumkani waseLakishe, nokumkani wase-Eglon, bona nemikhosi yabo yonke, bayingqinga iGibheyon, balwa nayo. |
| 6. | Athumela ke amadoda aseGibheyon kuYoshuwa emkhosini eGiligali, esithi, Musa ukusiyekelela isandla sakho kubakhonzi bakho; nyuka uze kuthi ngokukhawuleza, usisindise, usincede; ngokuba bebuthelene phezu kwethu bonke ookumkani bama-Amori abemiyo ezintabeni. |
| 7. | Wenyuka ke uYoshuwa, esuka eGiligali, yena nabantu bonke bokulwa bendawonye naye, namagorha onke anobukroti. |
| 8. | Wathi uYehova kuYoshuwa, Musa ukuboyika; kuba ndibanikele esandleni sakho; akuyi kuma ndoda kubo phambi kwakho. |
| 9. | Wafika uYoshuwa kubo ngebhaqo; wenyuka bonke ubusuku, evela eGiligali. |
| 10. | UYehova wabadubaduba phambi kwamaSirayeli, ababulala ngobulawo olukhulu eGibheyon; abasukela ngendlela enyuka iye eBhete-horon, ababulala kwada kwesa eAzeka, kwada kwesa naseMakeda. |
| 11. | Kwathi, ekusabeni kwabo phambi kwamaSirayeli, besethambekeni laseBhete-horon, uYehova wabathobela amatye amakhulu ezulwini, kwada kwesa eAzeka, bafa. Babaninzi abafa ngamatye esichotho, kunababulawayo ngoonyana bakaSirayeli ngekrele. |
| 12. | Waza wathetha uYoshuwa kuYehova, mhlana uYehova wawanikela ama-Amori koonyana bakaSirayeli, wathi emehlweni amaSirayeli: Langa, nqumama eGibheyon, Nawe nyanga, entilini yeAyalon. |
| 13. | Lathi nqumama ke ilanga, yema inyanga, Lwada uhlanga lwaziphindezelela ezintshabeni zalo. Oku akubhalwanga na eNcwadini yOthe Tye? Lema ke ilanga esazulwini sezulu, alangxama ukutshona, yangathi yimini iphela. |
| 14. | Akuzanga kubekho mini injengaleyo, phambi kwayo nangasemva kwayo, ngokokude uYehova aliphulaphule izwi lomntu; ngokuba uYehova wawalwela amaSirayeli. |
| 15. | Wabuya uYoshuwa, enamaSirayeli onke, waya eminqubeni eGiligali. |
| 16. | Basaba abo kumkani bahlanu, bazimela emqolombeni eMakeda. |
| 17. | Kwaxelwa kuYoshuwa, kwathiwa, Sibafumene ookumkani bobahlanu, bezimele emqolombeni eMakeda. |
| 18. | Wathi uYoshuwa, Qengqelani amatye amakhulu emlonyeni womqolomba, nimise amadoda phezu kwawo ukuba abalinde. |
| 19. | Ke nina musani ukuma; zisukeleni iintshaba zenu, niwubethe umqosheliso wazo. Musani ukuwuvumela ungene emizini yawo, kuba uYehova uThixo wenu uwunikele esandleni senu. |
| 20. | Kwathi, akugqiba uYoshuwa noonyana bakaSirayeli ukuzibulala kakhulu kunene zada zagqitywa, zathi eziseleyo kuzo, zaya kungena emizini enqatyisiweyo. |
| 21. | Babuye ke bonke abantu, baya emkhosini kuYoshuwa eMakeda ngoxolo; akwabakho nja ibavungamelayo oonyana bakaSirayeli, kwanabani. |
| 22. | Wathi uYoshuwa, Vulani umlomo womqolomba, nibakhuphe emqolombeni abaa kumkani bobahlanu, beze kum. |
| 23. | Benjenjalo ke; babakhupha emqolombeni, beza kuye abo kumkani bobahlanu, ukumkani waseYerusalem, nokumkani waseHebron, nokumkani waseYarmuti, nokumkani waseLakishe, nokumkani nokumkani wase-Eglon. |
| 24. | Kwathi, bakubakhupha, babasa kuYoshuwa abo kumkani; wawabiza uYoshuwa onke amadoda akwaSirayeli, wathi kubaphathi bamadoda okulwa ababehambe naye, Sondelani, nibanyathele entanyeni aba kumkani. Basondela ke, babanyathela ezintanyeni zabo. |
| 25. | Wathi uYoshuwa kubo, Musani ukoyika, musani ukuqhiphuka umbilini: yomelelani, nikhaliphe, ngokuba uYehova uya kwenjenjalo kwiintshaba zenu zonke enilwa nazo. |
| 26. | Wabaxabela ke uYoshuwa, emveni koko wababulala, wabaxhoma emithini emihlanu; baxhonywa emithini apho kwada kwahlwa. |
| 27. | Kwathi ngexesha lokutshona kwelanga, uYoshuwa wawisa umthetho, babathula emithini, babaphosa emqolombeni ababezimele kuwo, babeka amatye amakhulu emlonyeni womqolomba, asekhoyo namhlanje. |
| 28. | UYoshuwa wayithimba neMakeda ngaloo mini, wayixabela ngohlangothi lwekreke, nokumkani wayo, wabatshabalalisa kwanabantu bonke abakuyo; akasalisa namnye usindileyo. Wenza kukumkani waseMakeda njengoko wenza ngako kukumkani waseYeriko. |
| 29. | Wagqitha uYoshuwa enamaSirayeli onke eMakeda, waya eLibhena, walwa neLibhena. |
| 30. | Wayinikela kananjalo uYehova esandleni samaSirayeli, nokumkani wayo, wayixabela ngohlangothi lwekrele, kwanabantu bonke abakuyo; akasalisa kuyo namnye usindileyo. Wenza kukumkani wayo njengoko wenza ngako kukumkani waseYeriko. |
| 31. | Wagqitha uYoshuwa eLibhena, enamaSirayeli onke, waya eLakishe, wayingqinga, walwa nayo. |
| 32. | UYehova wayinikela iLakishe esandleni samaSirayeli, ayithimba ngomhla wesibini, ayixabela ngohlangothi lwekrele, kwanabantu bonke abakuyo, njengako konke awakwenzayo kwiLibhena. |
| 33. | Waza wenyuka uHoram, ukumkani waseGezere, waya kuyinceda iLakishe. UYoshuwa wambulala yena nabantu bakhe, kwada akwasala namnye kuye usindileyo. |
| 34. | Wegqitha uYoshuwa eLakishe, enamaSirayeli onke, aya e-Eglon, ayingqinga, alwa nayo. |
| 35. | Ayithimba ngaloo mhla, ayixabela ngohlangothi lwekrele, kwanabantu bonke abakuyo; wayitshabalalisa ngaloo mhla, njengako konke awakwenzayo kwiLakishe. |
| 36. | Wenyuka uYoshuwa esuka e-Eglon, waya eHebron, enamaSirayeli onke, alwa nayo, |
| 37. | ayithimba, ayixabela ngohlangothi lwekrele, nokumkani wayo, nemizi yayo yonke, nabantu bonke abakuyo; akwasala namnye usindileyo, njengako konke awakwenzayo kwiEglon; watshabalalisa kwanabantu bonke abakuyo. |
| 38. | Wabuya ke uYoshuwa enamaSirayeli onke, weza eDebhiri, walwa nayo. |
| 39. | Wayithimba, nokumkani wayo, nemizi yayo yonke, ayixabela ngohlangothi lwekrele. Ayitshabalalisa kwanabantu bonke abakuyo; akwasala namnye usindileyo; njengoko wakwenzayo kwiHebron, wenjenjalo kweDebhiri, nakukumkani wayo; njengoko wakwenzayo kwiLibhena, nakukumkani wayo. |
| 40. | Walibulala ke uYoshuwa lonke ilizwe leentaba, nelasezantsi nelezihlambo, nelamaxandeka, nabo bonke ookumkani balo; akwasala namnye usindileyo. Watshabalalisa konke okuphefumlayo, njengoko wawisa umthetho uYehova uThixo kaSirayeli. |
| 41. | Wababulala uYoshuwa, wathabathela eKadeshe-bharneha, wesa eGaza, nelizwe lonke laseGoshen, wesa eGibheyon. |
| 42. | Wabathimba uYoshuwa bonke abo kumkani, nelizwe labo, ngasihlandlo sinye, ngokuba uYehova uThixo kaSirayeli ebewalwela amaSirayeli. |
| 43. | Wabuya uYoshuwa enamaSirayeli onke, weza eminqubeni eGiligali. |
| ← Joshua (10/24) → |