Joshua (1/24) → |
1. | Kwathi emva kokufa kukaMoses, umkhonzi kaYehova, wathetha uYehova kuYoshuwa unyana KaNun, |
2. | umlungiseleli kaMoses, wathi, UMoses umkhonzi wam ufile; suka ke ngoko, uyiwele iYordan le, wena naba bantu bonke, niye kwelo zwe ndibanika lona onyana bakaSirayeli. |
3. | Iindawo zonke eziya kunyathelwa yintende yonyawo lwenu, ndininikile, njengoko ndathethayo kuMoses. |
4. | Kuthabathele entlango nakwiLebhanon le, kuse emlanjeni omkhulu, emlanjeni ongumEfrati, lonke ilizwe lamaHeti, kuse elwandle olukhulu ngasekutshoneni kwelanga, woba ngumda wenu. |
5. | Akuyi kuma mntu phambi kwakho, yonke imihla yokudla kwakho ubomi; njengoko ndandinoMoses, ndoba nawe; andiyi kukuyekela, andiyi kukushiya. |
6. | Yomelela ukhaliphe; ngokuba wena uya kulabela bona aba bantu elo lizwe ndabafungela lona oyise, ukuba ndiya kubanika. |
7. | Kodwa ke yomelela, ukhaliphe kunene, ukuze ugcine ukwenza ngokomyalelo wonke, awakuwisela wona uMoses umkhonzi wam. Musa ukutyekela ekunene nasekhohlo kuwo, ukuze wenze ngengqiqo apho sukuba usiya khona. |
8. | Ize ingesuki incwadi yalo myalelo emlonyeni wakho; uze ucinge ngayo imini nobusuku, ukuze ugcine, ukwenze konke okubhaliweyo kuyo; ngokuba woba nokuphumelela ngendlela yakho oko, ukwenze ngengqiqo oko. |
9. | Yabona, ndikuwisele umthetho wokuba womelele, ukhaliphe. Musa ukunkwantya, ungaqhiphuki umbilini; ngokuba uYehova uThixo wakho unawe, apho sukuba usiya khona. |
10. | Waza uYoshuwa wabawisela umthetho ababhali babantu, wathi, |
11. | Candani phakathi kweminquba, nibawisele umthetho abantu, nithi, Zilungiseleni umphako, ngokuba kusele imihla emithathu, ukuze niyiwele iYordan le, ningene nilihluthe ilizwe elo aninikayo uYehova uThixo wenu, ukuba limiwe nini. |
12. | NakumaRubhen, nakumaGadi, nakwisiqingatha sesizwe sakwaManase, wathi uYoshuwa, |
13. | Likhumbuleni ilizwi awaniwisela umthetho ngalo uMoses, umkhonzi kaYehova, esithi, UYehova uThixo wenu uniphumzile, waninika eli lizwe. |
14. | Abafazi benu, nabantwana benu, nemfuyo yenu, yohlala kweli lizwe aninika lona uMoses nganeno kweYordan; niwele ke nina nixhobile phambi kwabazalwana benu, nonke nina magorha anobukroti, nibancede, |
15. | ade uYehova abaphumze abazalwana benu njengani, balihluthe nabo elo lizwe abanikayo uYehova uThixo wenu; nibuyele ke ezweni enilihluthileyo, nime kulo elo waninikayo uMoses umkhonzi kaYehova nganeno kweYordan, ngasempumalanga. |
16. | Bamphendula ke uYoshuwa, besithi, Izinto zonke osiwisele umthetho ngazo sozenza, nalapho sukuba usithume khona soya. |
17. | Ngako konke esamphulaphula ngako uMoses, siya kwenjenjalo ukukuphulaphula nawe; kodwa ke uYehova uThixo wakho unga angaba nawe, njengokuba wayenoMoses. |
18. | Bonke abantu abaphikisa umlomo wakho, bangawaphulaphuli amazwi akho entweni yonke osiwisela umthetho ngayo, mababulawe; kodwa ke yomelela, ukhaliphe wena. |
Joshua (1/24) → |