← Jonah (4/4) |
1. | Kwaba kubi kuYona kakhulu, wavutha ngumsindo. |
2. | Wathandaza kuYehova, wathi, Camagu, Yehova! Labe lingelilo na ilizwi lam eli, ndisesemhlabeni wakowethu? Ngenxa yoko ndaphanga ngokubalekela eTarshishe; ngokuba ndandisazi ukuba unguThixo obabalayo, onemfesane, ozeka kade umsindo, onenceba enkulu, ozohlwayayo ngenxa yobubi. |
3. | Ke ngoku, Yehova, seluwuthabatha umphefumlo wam kum, kuba ukufa kum kulungile kunokuba ndidle ubomi. |
4. | Wathi uYehova, Uyalungisa na ukuthi oku, uvuthe ngumsindo? |
5. | Waphuma ke uYona kuwo umzi, wahlala ngasempumalanga kuwo umzi, wazenzela khona umnquba; wahlala ngaphantsi kwawo emthunzini, ukuze ade abone ukuba kuya kuthekani na kuwo umzi. |
6. | UYehova uThixo wammisela umhlavuthwa; waphuma, wenyuka waba phezu koYona, ukuba ube ngumthunzi entlokweni yakhe, umhlangule ebubini bakhe. Wawuvuyela uYona umhlavuthwa lowo, wawuvuyela kakhulu. |
7. | UThixo wamisela intlava, ukuthi qhiphu kokusa ngengomso, yabetha umhlavuthwa lowo, woma. |
8. | Kwathi ekuphumeni kwelanga, uThixo wamisela ulophu lwasempumalanga; ilanga labetha kuYona entloko, wawa isiduli; wawucelela ukufa umphefumlo wakhe, wathi, Kulungile ukufa kum, kunokuba ndidle ubomi. |
9. | Wathi uThixo kuYona, Uyalungisa na ukuthi oku, uvuthe ngumsindo ngenxa yomhlavuthwa? Wathi, Ndiyalungisa ukuthi ndivuthe ngumsindo kude kuse ekufeni. |
10. | Wathi uThixo, Wena unenceba ngomhlavuthwa, ongabulalekanga nguwo, ongawuhlumisanga, okhule ngobusuku, wadaka ngobusuku: |
11. | ndingabi nanceba na ke mna ngenxa yeNineve, loo mzi mkhulu, unabantu abangaphezu kwekhulu elinamanci mabini amawaka, abangakwaziyo ukunene kwabo kwikhohlo labo; kwanempahla enkulu eninzi? |
← Jonah (4/4) |