| ← John (9/21) → |
| 1. | Uthe ke edlula, wabona umntu obe eyimfama kwasekuzalweni kwakhe. |
| 2. | Bambuza ke abafundi bakhe, besithi, Rabhi, ngubani na owonayo, ngulo, ngabazali bakhe, sini na, ukuze azalwe eyimfama nje? |
| 3. | Waphendula uYesu wathi, Akone lo, akone bazali bakhe; uzelwe eyimfama ukuze ibonakalaliselwe kuye imisebenzi kaThixo. |
| 4. | Ndimelwe kukuyisebenza imisebenzi yowandithumayo, kusesemini; kuza ubusuku, xa kungekho namnye unako ukusebenza. |
| 5. | Xa ndisesehlabathini, ndilukhanyiselo lwehlabathi. |
| 6. | Akuba etshilo, watshica emhlabeni, wenza udaka ngamathe, wawaqaba amehlo emfama ngodaka olo. |
| 7. | Wathi kuyo, Yiya kuhlamba echibini leSilowa (oko kukuthi ngentetho evakalayo, Thunyiwe). Yemka ngoko, yaya yahlamba, yeza ibona. |
| 8. | Baye ngoko abamelwane, nababembona ngaphambili ukuba uyimfama, besithi, Lo asinguye na obehleli engqiba? |
| 9. | Abanye babesithi, Nguye lo; bambi ke bathi, ufana naye; yena ke wayesithi, Ndinguye. |
| 10. | Babesithi ngoko kuye, Atheni na ukuvuleka amehlo akho? |
| 11. | Waphendula yena wathi, Umntu ekuthiwa nguYesu wenze udaka, waqaba amehlo am, wathi kum, Yiya echibini leSilowa, uhlambe; ndiyile ke ndahlamba, ndabuya ndibona. |
| 12. | Bathi ngoko kuye, Uphi na yena? Athi, Andazi. |
| 13. | Bamzisa kubaFarisi lowo ubefudula eyimfama. |
| 14. | Ke kaloku yaye iyisabatha, oko uYesu wenza udaka, wawavula amehlo akhe. |
| 15. | Babuya ngoko ke bambuza nabaFarisi, ukuba utheni na ukuba abuye abone. Wathi ke yena kubo, Ubeke udaka emehlweni am, ndaza ndahlamba; ndiyabona ke. |
| 16. | Babesithi ngoko abathile bakubaFarisi, Lo mntu asingowakwaThixo, ngokuba isabatha akayigcini. Babesithi abanye, Angathini na umntu ongumoni ukwenza imiqondiso engakanana? Bathi qheke kubini. |
| 17. | Babuya bathi kwimfama, Uthini na wena ngaye, ewavulile nje amehlo akho? Uthe ke yena, Ungumprofeti. |
| 18. | Akakholwa ngoko amaYuda ngaye, ukuba ebeyimfama, wabuye wabona, ada abiza abazali balowo ubuye wabona. |
| 19. | Aza ababuza esithi, Lo ngunyana wenu na, enithi nina wazalwa eyimfama? Phofu ubona ngani na ngoku? |
| 20. | Abazali bakhe bawaphendula bathi, Siyazi ukuba lo ngunyana wethu, kwanokuba ke wazalwa eyimfama; |
| 21. | le nto ke abonayo ngoku asazi, novule amehlo akhe, asimazi thina; uselemkhulu yena, buzani kuye, wozithethela. |
| 22. | Batsho abazali bakhe, ngokuba babesoyika amaYuda; kuba amaYuda abeselenqophisene ngokuthi, Ukuba uthe umntu wamvuma ukuba nguKristu, aze akhutshwe esikhungwini. |
| 23. | Kungenxa yoko abazali bakhe bathi, Uselemkhulu, buzani kuye. |
| 24. | Ambiza ngoko okwesibini umntu obeyimfama, athi kuye, Zukisa uThixo; siyazi thina ukuba lo mntu ungumoni. |
| 25. | Uphendule ngoko yena, wathi, Ukuba ungumoni, andazi; ndazi nto-nye, eyokuba ndibe ndiyimfama nje, ngoku ndiyabona. |
| 26. | Abuye ke athi kuye, Wenze ntoni na kuwe? utheni na ukuwavula amehlo akho? |
| 27. | Wawaphendula wathi, Sendinixelele, naza aneva; nithandelani na ukubuya nive? Nani ningaba nithanda ukuba ngabafundi bakhe na? |
| 28. | Amtshabhisa ngoko athi, Nguwe umfundi wakhe; ke thina singabafundi bakaMoses. |
| 29. | Siyazi thina, ukuba uThixo uthethile kuMoses; lo yena asimazi apho avela khona. |
| 30. | Waphendula umntu lowo, wathi kuwo, Nasi apha isimanga, ukuthi nina ningazi apho avela khona; ukanti uwavulile amehlo am. |
| 31. | Siyazi ke ukuba uThixo akabeva aboni; kodwa ukuba umntu uthi amhlonele uThixo, akwenze ukuthanda kwakhe, uyamva lowo. |
| 32. | Kwasephakadeni akuzanga kuviwe ukuba umntu wakha wavula amehlo ozelwe eyimfama. |
| 33. | Ukuba lo ebengenguye owakwaThixo, ebengenakwenza nto. |
| 34. | Aphendula athi kuye, Wena wazalelwa ezonweni kanye; ufundisa thina na wena? Amkhuphela ngaphandle. |
| 35. | Weva uYesu ukuba amkhuphele ngaphandle. Uthe akumfumana wathi kuye, Wena uyakholwa na kuNyana kaThixo? |
| 36. | Uphendule yena wathi, Ongubani na, Nkosi, ukuze ndikholwe kuye? |
| 37. | Uthe ke uYesu kuye, Umbonile; nguye lo uthetha nawe. |
| 38. | Wathi ke yena, Ndiyakholwa, Nkosi. Waza waqubuda kuye. |
| 39. | Wathi uYesu, Mna ndizele ugwebo kweli hlabathi, ukuze abangaboniyo babone, bathi ababonayo babe ziimfama. |
| 40. | Baziva ezo nto abakubaFarisi ababenaye, bathi kuye, Singaba siziimfama nathi na? |
| 41. | Uthe ke kubo uYesu, Ukuba beniziimfama, ngeningenasono; kungoku nithi, Siyabona; ke ngoko isono senu sihleli. |
| ← John (9/21) → |