| ← John (7/21) → |
| 1. | Emveni kwezi zinto, wayehamba uYesu kwelaseGalili; kuba ebengathandi ukuhamba kwelakwaYuda; ngokuba amaYuda ebefuna ukumbulala. |
| 2. | Ke kaloku, wawukufuphi umthendeleko wamaYuda weminquba. |
| 3. | Bathi ngoko kuye abazalwana bakhe, Gqitha apha, uye kwelakwaYuda, ukuze nabafundi bakho bayibone imisebenzi yakho oyenzayo. |
| 4. | Kuba akukho namnye wenza into emfihlekweni, abe yena ngokwakhe efuna ukuba sekuhleni. Ukuba uyazenza ezi zinto, zibonakalise ngokwakho kwihlabathi. |
| 5. | Kuba nabazalwana bakhe bebengakholwa kuye. |
| 6. | Wathi ngoko uYesu kubo, Ixesha lam alikabikho, ke elenu ixesha lihlala lilungile. |
| 7. | Ihlabathi alinakunithiya nina; mna ke liyandithiya, ngokuba mna ndingqina ngalo, ukuba imisebenzi yalo ayindawo. |
| 8. | Nyukani nina, niye kulo mthendeleko; mna andikanyuki, ndiye kulo mthendeleko; ngokuba ixesha lam alikazaliseki. |
| 9. | Akuba ke ezithethile ezi zinto kubo, wahlala kwelaseGalili. |
| 10. | Ke, bakuba benyukile abazalwana bakhe, wenyuka naye, waya emthendelekweni, kungekhona ekuhleni, kubusithela. |
| 11. | Ayemfuna ngoko amaYuda emthendelekweni, esithi, Uphi na yena? |
| 12. | Kwaye kukho ukukrokra okukhulu ngaye ebantwini; inxenye ibisithi, Ulungile; abanye ke besithi, Hayi, yena ulahlekisa uluntu olu. |
| 13. | Noko ke bekungekho namnye ubethetha ngaye ngokusekuhleni, ngenxa yokoyika amaYuda. |
| 14. | Ke kaloku, kwakubonÂ’ ukuba sekuphakathi komthendeleko, wenyuka uYesu waya etempileni, wafundisa. |
| 15. | Ayemangaliswa amaYuda, esithi, Lo uyazi ngani na imfundo, engafundanga nje? |
| 16. | Waphendula uYesu, wathi, Eyam imfundiso asiyam, yeyalowo wandithumayo. |
| 17. | Ukuba kukho othi afune ukukwenza ukuthanda kwakhe, woyazi imfundiso le: ukuba iphuma kuThixo, nokuba mna ndithetha okukokwam, kusini na. |
| 18. | Lowo uthetha okwakhe, ufuna olulolwakhe uzuko; ke lowo ufuna uzuko lowamthumayo, uyinene yena, akukho kungalungisi kuye. |
| 19. | Umthetho aniwunikelwanga na nguMoses? Kanti ke akukho namnye kuni uwugcinayo umthetho; yini na ukuba nifune ukundibulala? |
| 20. | Saphendula isihlwele sathi, Unedemon; ngubani na ofuna ukukubulala? |
| 21. | Wapendula uYesu wathi kubo. Ndenze umsebenzi wamnye, namangaliswa ke nonke. |
| 22. | UMoses uninike ulwaluko ngenxa yoku, kungengenxa yokuba luphume kuMoses, kungenxa yokuba luphume kooyihlo. Niyamalusa ke umntu nangesabatha. |
| 23. | Ukuba umntu uyaluswa ngesabatha, ukuze ungaphulwa umthetho kaMoses, nindijalele na ngokuba ndiphilise umntu, waphila kwaphela, ngesabatha? |
| 24. | Musani ukugweba ngokwembonakalo; gwebani ngomgwebo olungisayo. |
| 25. | Babesithi ngoko abathile kwabaseYerusalem, Asinguye na lo bafuna ukumbulala? |
| 26. | Niyabona, uthetha ngokuphandle, abathethi nto kuye; bangaba kanti na ke bayazi okwenyaniso abaphathi, ukuba lo nguye uKristu okwenyaniso? |
| 27. | Thina siyamazi lo apho avela khona; xa sukuba ke uKristu esiza, akukho namnye uya kumazi apho avela khona. |
| 28. | Wadanduluka ke ngoko uYesu, efundisa etempileni, wathi, Nina niyandazi, nikwazi nalapho ndivela khona; andizanga ngokwam; uyinyaniso owandithumayo, eningamaziyo nina. |
| 29. | Mna ke ndiyamazi; ngokuba ndivela kuye, waye yena endithumile. |
| 30. | Babefuna ngoko ukumbamba; kodwa akubangakho namnye umsa isandla, ngokuba ilixa lakhe belingekafiki. |
| 31. | Ke kaloku, into eninzi esihlweleni yakholwa kuye; yayisithi, UKristu, xa athe wafika, angaba uya kwenza imiqondiso emininzi na kunale ayenzileyo lo? |
| 32. | AbaFarisi beva abantu bezikrokrela ezi zinto ngaye; baza abaFarisi nababingeleli abakhulu bathuma amadindala, ukuba ambambe. |
| 33. | Wathi ngoko uYesu kuwo, Liselixesha elifutshane endinani, ndize ndiye kowandithumayo. |
| 34. | Niya kundifuna, ningandifumani; nithi apho ndikhona mna, ningabi nakufika nina. |
| 35. | Athi ngoko amaYuda phakathi kwawo, Uza kuya phi na lo, le nto singayi kumfumana thina? Angaba uza kuya kwiintsali ezikumaGrike, afundise amaGrike, yini na? |
| 36. | Liyintoni na eli lizwi alithethileyo, lithi, Niya kundifuna, ningandifumani; nithi apho ndikhona mna, ningabi nakufika nina? |
| 37. | Ke kaloku, ngomhla wokugqibela, ongowona mkhulu womthendeleko, wema uYesu, wadanduluka esithi, Ukuba kukho othi anxanwe, makeze kum asele. |
| 38. | Lowo ukholwayo kum, njengoko satshoyo isibhalo, kuya kumpompoza imilambo yamanzi aphilileyo, iphuma embilinini wakhe. |
| 39. | Oku wakutsho ke ngaye uMoya, ababeza kumamkeliswa abo bakholwayo kuye; kuba ebengekamkelwa uMoya oyiNgcwele; ngokuba uYesu ebengekazukiswa. |
| 40. | Yaye ngoko into eninzi esihlweleni, yakuliva ilizwi elo, isithi, Lo nguye umprofeti, inyaniso. Babesithi abanye, Lo nguye uKristu. |
| 41. | Babesithi abanye, uKristu angavela kwelaseGalili yini na? |
| 42. | Asitshongo na isibhalo ukuthi, uKristu uphuma embewini kaDavide, naseBhetelehem, umzana abekuwo uDavide? |
| 43. | Ke ngoko sathi qheke kubini isihlwele ngenxa yakhe. |
| 44. | Inxenye ke kubo yayithanda ukumbamba, kodwa akubangakho namnye umsa izandla. |
| 45. | Afika ngoko amadindala kubabingeleli abakhulu nakubaFarisi; baza bona bathi kuwo, Kungani na ukuba ningezi naye? |
| 46. | Aphendula amadindala athi, Akuzanga kuthethe mntu njengoko athetha ngako lo mntu. |
| 47. | Bawaphendula ngoko abaFarisi, bathi, Ningaba nilahlekisiwe nani na? |
| 48. | Kubaphathi nakubaFarisi kungaba kukho mntu ukholiweyo kuye yini na? |
| 49. | Olu luntu lungawaziyo umthetho luqalekisiwe. |
| 50. | Uthe uNikodemo kubo (lowo wezayo kuye ebusuku, engomnye kwabo), |
| 51. | Umthetho wethu uyamgweba yini na umntu, ukuba awuthanga uve kuye kuqala, uqonde into ayenzayo? |
| 52. | Baphendula bathi kuye, Ungaba ungowelaseGalili nawe na? Phengulula ubone, ukuba akuveli mprofeti kwelaseGalili. |
| 53. | Walowo ke waya kweyakhe indlu. |
| ← John (7/21) → |