| ← John (5/21) → |
| 1. | Emveni kwezi zinto, kwaye kukho umthendeleko wamaYuda, wenyuka uYesu waya eYerusalem. |
| 2. | Ke kaloku kukho eYerusalem apho, ngakwelezimvu isango, ichibi, ekuthiwa ukubizwa yiBhetesda ngesiHebhere, lineevaranda ezintlanu. |
| 3. | Kwakulele kuzo inkitha eninzi yemilwelwe: iimfama, iziqhwala, abome umzimba, belinde ukuzanyazanyiswa kwamanzi. |
| 4. | Kuba isithunywa sezulu ngaxesha lithile besisihla, singene echibini, siwagxobhagxobhe amanzi; lowo ngoko ubethe angene tanci emva kokugxojwagxojwa kwamanzi, ubephila nakusiphi na isifo abebanjwe siso. |
| 5. | Ke kaloku, bekukho mntu uthile apho, ubeminyaka imashumi mathathu anesibhozo engumlwelwe. |
| 6. | UYesu embona lowo elele, esazi ukuba uselenexesha elikhulu enjalo, uthi kuye, Uyafuna na ukuba uphile? |
| 7. | Waphendula umlwelwe wathi, Nkosi, andinamntu wokuthi, xa athe agxojwagxojwa amanzi, andiphose echibini. Kuthi ke, ndakubonÂ’ ukuba mna ndiyaya, ndiphangelwe ngomnye ukuhla. |
| 8. | Athi uYesu kuye, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uhambe. |
| 9. | Usuke kwaoko waphila umntu, waluthabatha ukhuko lwakhe, wahamba. Ke kaloku kwakuyisabatha loo mini. |
| 10. | Ayesithi ke amaYuda kophilisiweyo, Yisabatha; akuvumelekile ukuba uthwale ukhuko lwakho. |
| 11. | Wawaphendula wathi, Owandiphilisayo, nguye owathi kum, Thabatha ukhuko lwakho, uhambe. |
| 12. | Ambuza ngoko athi, Ngubani na yena loo mntu uthe kuwe, Thabatha ukhuko lwakho, uhambe? |
| 13. | Ke kaloku, owaphiliswayo ebengazi ukuba ngubani na; kuba uYesu wathi shwaka, kwakubonÂ’ ukuba kukho izihlwele kuloo ndawo. |
| 14. | Emveni kwezi zinto, uYesu umfumana etempileni, athi kuye, Uyabona, uphilile; musa ukuba sona, ukuze ungahlelwa yinto embi kunaleyo. |
| 15. | Wemka umntu lowo, waxela kumaYuda, ukuba nguYesu omenze waphila. |
| 16. | Ngenxa yoko ayemtshutshisa uYesu amaYuda, afuna ukumbulala; ngokuba wayesenza ezo zinto ngesabatha. |
| 17. | Wawaphendula ke uYesu wathi, UBawo uyasebenza kude kube ngoku, nam ndiyasebenza. |
| 18. | Ngenxa yoko ke ayefuna ngakumbi amaYuda ukumbulala; ngokuba ubengaphule sabatha yodwa, wayetshilo nokuthi, uThixo ngowakhe uYise, ezenza alingane noThixo. |
| 19. | Waphendula ngoko uYesu, wathi kuwo, Inene, inene, ndithi kuni, UNyana akanakwenza nto ngokwakhe, engathanga abone uYise eyenza; kuba izinto asukuba ezenza yena, ezo uyazenza uNyana kwangokunjalo; |
| 20. | kuba uYise uyamthanda uNyana, ambonise izinto zonke azenzayo yena; uya kumbonisa nemisebenzi emikhulu kunale, ukuze nina nimangaliswe. |
| 21. | Kuba, njengoko uYise abavusayo abafileyo, abadlise ubomi, kwangokunjalo noNyana ubadlisa ubomi abo athandayo. |
| 22. | Kuba kananjalo uYise akagwebi namnye; uthe umgwebo wonke wawunikela kuNyana; |
| 23. | ukuze bonke bambeke uNyana, kwanjengoko bambekayo uYise. Lowo ungambekiyo uNyana, akambeki uYise owamthumayo. |
| 24. | Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ulivayo ilizwi lam, akholwe ngulowo wandithumayo, unobomi obungunaphakade; akezi ekugwetyweni; uphume ekufeni, wangena ebomini. |
| 25. | Inene, inene, ndithi kuni, Kuza ilixa, nangoku liselikho, xa abafileyo baya kuliva izwi loNyana kaThixo, bathi abalivileyo badle ubomi. |
| 26. | Kuba njengokuba uYise enabo ubomi kuye ngokwakhe, ngokunjalo wamnika noNyana ukuba abe nobomi kuye ngokwakhe. |
| 27. | Wamnika negunya lokugweba; ngokuba enguNyana woMntu. |
| 28. | Musani ukumangaliswa kuko oko; ngokuba kuza ilixa abaya kuthi ngalo bonke abasemangcwabeni balive ilizwi lakhe; |
| 29. | baphume ke: abo benza izinto ezilungileyo beze eluvukweni lobomi; nabo ke benza izinto ezimbi, beze eluvukweni lokugwetywa. |
| 30. | Mna ngokwam andinakwenza nto; njengoko ndivayo, ndigweba ngako, nomgwebo wam ububulungisa; ngokuba andifuni kuthanda kwam, ndifuna ukuthanda kukaBawo owandithumayo. |
| 31. | Ukuba mna ndisuka ndizingqinele, ubungqina bam abungebi yiyo inene. |
| 32. | Kukho omnye ongqinayo ngam; ndiyazi ke, ukuba buyinene ubungqina abungqinayo ngam. |
| 33. | Nina nithumele kuYohane; uyingqinele ke inyaniso. |
| 34. | Mna ke andamkeli bungqina mntwini; ndizithetha ezi zinto, ukuze nina nisindiswe. |
| 35. | Yena lowo ebesiso isibane esivuthayo, esikhanyayo; ke nina nathanda ukugcoba umzuzwana elukhanyweni lwakhe. |
| 36. | Mna ke ndinabo ubungqina obungaphezu kobukaYohane; kuba imisebenzi awandinikayo uBawo ukuba ndiyifeze, yona le misebenzi ndiyenzayo mna, iyangqina ngam, ukuba uBawo undithumile. |
| 37. | NoBawo owandithumayo, yena ungqinile ngam. Anizanga nilive izwi lakhe nakanye, niyibone nembonakalo yakhe. |
| 38. | Nezwi lakhe aninalo lihleli, kuni; ngokuba lowo uthunywe nguye, ningakholwa nguye nina. |
| 39. | Ziphengululeni izibhalo, ngokuba nina niba ninobomi obungunaphakade kuzo; zaye zona zingqina ngam. |
| 40. | Nibe ke nina ningathandi ukuza kum, ukuze nibe nobomi. |
| 41. | Andamkeli luzuko bantwini. |
| 42. | Ndiyanazi nina, ukuba uthando lukaThixo aninalo ngaphakathi kwenu. |
| 43. | Mna ndize egameni likaBawo, anindamkeli; ukuba omnye uthe weza ngelilelakhe igama, nomamkela yena. |
| 44. | Ningathini na ukuba nako ukukholwa, nisamkelela uzuko omnye komnye nje nina, nibe uzuko lona oluvela kuThixo yedwa ningalufuni? |
| 45. | Ningabi ndiya kunimangalela kuBawo mna; ukho onimangalelayo, uMoses, lowo nimthembileyo nina. |
| 46. | Kuba, ukuba benikholiwe nguMoses, ninge nikholiwe ndim; kuba yena wabhala ngam. |
| 47. | Ke ukuba anikholwa zizibhalo zakhe yena, ningathini na ukukholwa ngawam amazwi? |
| ← John (5/21) → |