| ← John (4/21) → |
| 1. | Ithe ngoko iNkosi, yakwazi ukuba abaFarisi bavile ukuba uYesu ugqithisile kuYohane ngokwenza nokubhaptiza abafundi |
| 2. | (nakubeni ke uYesu ngokwakhe ebengabhaptizi, bekubhaptiza abafundi bakhe), |
| 3. | yalishiya yona elakwaYuda, yabuya yaya kwelaseGalili. |
| 4. | Ibimelwe ke kukuthi icande kwela maSamariya. |
| 5. | Ifike ke emzini welamaSamariya ekuthiwa yiSikare, kufuphi nomhlaba awathi uYakobi wawunika uYosefu unyana wakhe. |
| 6. | Ke kaloku umthombo kaYakobi ubukhona. Uthe ke ngoko uYesu, ebulalekile kukuhamba, wahlala enjalo phezu komthombo; ilixa ngathi belilelesithandathu. |
| 7. | Kufika intokazi yelamaSamariya, isiza kukha amanzi, athi uYesu kuyo, Ndiphe ndisele. |
| 8. | (Kuba abafundi bakhe bebemke baya kuthenga ukudla emzini apho.) |
| 9. | Ithi ngoko intokazi engumSamariyakazi kuye, Uthini na wena, ungumYuda nje, ukucela kum into eselwayo, ndingumSamariyakazi nje? Kuba akanabudlelane amaYuda namaSamariya. |
| 10. | Waphendula uYesu wathi kuyo, Ukuba ubusazi isipho sikaThixo, nokuba ngubani na lo uthi kuwe, Ndiphe ndisele: unge ucele kuye wena, wakupha amanzi aphilileyo. |
| 11. | Ithi intokazi kuye, Nkosi, akunanto yakukha, nequla linzulu; uwazuza phi na ke amanzi aphilileyo lawo? |
| 12. | Wena umkhulu yini na kunobawo wethu uYakobi, owasinikayo iqula eli, wayesela kulo yena, nabantwana bakhe, nemfuyo yakhe? |
| 13. | Waphendula uYesu wathi kuyo, Bonke abasela kula manzi, baya kubuya banxanwe; |
| 14. | ke yena othe wasela kuwo amanzi, endiya kumpha wona mna, akasayi kuza anxanwe naphakade; aya kusuka amanzi, endiya kumpha wona, abe ngumthombo kuye wamanzi ampompozela ebomini obungunaphakade. |
| 15. | Ithi intokazi kuye, Nkosi, ndiphe loo manzi, ukuze ndinganxanwa, ndingezi nokuza kukha apha. |
| 16. | Athi uYesu kuyo, Hamba uye kubiza indoda yakho, uze apha. |
| 17. | Yaphendula intokazi yathi, Andinandoda. Athi uYesu kuyo, Ulungisile ukuthi, Andinandoda; |
| 18. | kuba ubunamadoda amahlanu; onayo ngoku asindoda yakho, unyanisile ukutsho. |
| 19. | Ithi intokazi kuye, Nkosi, ndiyabona ukuba ungumprofeti wena. |
| 20. | Oobawo bethu babenqula kule ntaba; nina ke nithi iseYerusalem indawo apho abantu bamelwe kukunqula khona. |
| 21. | Athi uYesu kuyo, Ntokazindini, kholwa ndim, ukuba kuza ilixa, eningasayi kuthi nakule ntaba, naseYerusalem, nimnqule uBawo. |
| 22. | Nina ninqula eningakwaziyo; thina sinqula esikwaziyo; ngokuba usindiso luphuma kumaYuda. |
| 23. | Kodwa kuza ilixa, nangoku selikho, xa abanquli abayinyaniso baya kumnqula uBawo ngoMoya nangenyaniso; kuba uBawo ufuna abanjalo ukumnqula. |
| 24. | UThixo unguMoya; abo ke bamnqulayo bamelwe kukumnqula ngoMoya nangenyaniso. |
| 25. | Ithi intokazi kuye, Ndiyazi ukuba uMesiya uyeza, ekuthiwa nguKristu; xa athe weza yena, uya kusityela izinto zonke. |
| 26. | Athi uYesu kuyo, Mna ndithethayo nawe ndinguye. |
| 27. | Kwathi kwangoko bafika abafundi bakhe, bamangaliswa kukuba athethe nomntu oyinkazana; noko ke akubangakho namnye owathi. Ufuna ntoni na? nowathi, Yini na ukuba uthethe nayo? |
| 28. | Yawushiya ngoko umphanda wayo intokazi, yemka yaya ekhaya; ithi ebantwini, |
| 29. | Yizani, nibone umntu ondixelele izinto zonke endakha ndazenza; lo akangebi nguye uKristu yini na? |
| 30. | Baphuma ke ekhaya, baye besiza kuye. |
| 31. | Ke kaloku, kweso sithuba abafundi babemthandaza, besithi, Rabhi, yidla. |
| 32. | Uthe ke yena kubo, Mna ndinokudla endikudlayo, eningakwaziyo nina. |
| 33. | Babethetha bodwa ngoko abafundi, besithi, Ingaba kukho omziseleyo na ukudla? |
| 34. | Athi uYesu kubo, Okwam ukudla kukuba ndenze ukuthanda kowandithumayo, ndiwufeze umsebenzi wakhe. |
| 35. | Anitsho na nina ukuthi, Iinyanga zisene, kuze kufike ukuvuna? Yabonani, ndithi kuni, Waphakamiseni amehlo enu, niwakhangele amasimi; ngokuba aselemhlophe ukuba kuvunwe. |
| 36. | Novunayo wamkela umvuzo, abuthele iziqhamo ebomini obungunaphakade, ukuze nalowo uhlwayelayo avuye, kunye nalowo uvunayo. |
| 37. | Kuba likule nto ilizwi eliyinyaniso, eli lithi, Omnye uyahlwayela, nomnye avune. |
| 38. | Mna ndanithuma ukuvuna oko ningabulalekanga kuko nina; abanye babulalekile, naza nangena nina ekubulalekeni kwabo. |
| 39. | Ke kaloku, kwakholwa kuye into eninzi yamaSamariya kuloo mzi, ngenxa yelizwi lentokazi leyo, yangqinayo yathi, Undityele izinto zonke endakha ndazenza. |
| 40. | Akufika ngoko kuye amaSamariya, amcela ukuba ahlale nawo; wahlala khona ke imihla emibini. |
| 41. | Into eninzi yakholwa ngakumbi ngenxa yelizwi lakhe. |
| 42. | Kanjalo babesithi kwintokazi leyo, Asisakholwa ngenxa yokuthetha kwakho, kuba sizivele thina ngokwethu, sazi ukuba, inyaniso, lo unguye uMsindisi wehlabathi, uKristu. |
| 43. | Ke kaloku, emveni kwemihla emibini leyo, waphuma khona, wemka waya kwelaseGalili. |
| 44. | Kuba uYesu ngokwakhe wangqina, ukuba umprofeti akanambeko kowabo. |
| 45. | Xenikweni ngoko wafikayo kwelaseGalili, bamamkela abaseGalili ababezibonile zonke izinto awazenzayo eYerusalem emthendelekweni; kuba babeyile nabo emthendelekweni. |
| 46. | Wabuya ngoko weza uYesu eKana yelaseGalili, apho amanzi ebewenze iwayini. Kwaye kukho igosa lakomkhulu elithile, elinyana wayesifa eKapernahum. |
| 47. | Lithe lakuva lona ukuba uYesu uphumile kwaYuda, wafika kwelaseGalili, laya kuye, lamcela ukuba ehle amphilise unyana walo, kuba ebeza kubhubha. |
| 48. | Wathi ngoko uYesu kulo, Ukuba anithanga nibone imiqondiso nemimangaliso, anisayi kukha nikholwe. |
| 49. | Lithi kuye igosa lakomkhulu, Nkosi, yihla, engekabhubhi umntwana wam. |
| 50. | Athi uYesu kulo, Hamba uhambe; unyana wakho uhleli. Wakholwa umntu lowo lilizwi awalithethayo uYesu kuye, wahamba ke. |
| 51. | Ke kaloku, akubonÂ’ ukuba uselesihla, izicaka zakhe zamhlangabeza, zambikela zisithi, Umntwana wakho uhleli. |
| 52. | Wabuza ngoko kuzo ilixa aqale ukuchacha ngalo; zathi kuye, Izolo, ngelixa lesixhenxe, yamyeka icesina. |
| 53. | Wazi ngoko uyise, ukuba bekukwangelo lixa abethe ngalo uYesu kuye, Unyana wakho uhleli; wakholwa, yena nendlu yakhe iphela. |
| 54. | Lo mqondiso ke wesibini wawenza uYesu, eselephumile kwelakwaYuda, weza kwelaseGalili. |
| ← John (4/21) → |