John (20/21)  

1. Ke kaloku, ngolokuqala usuku lweveki, kuza engcwabeni uMariya waseMagadala kusasa, kusentsundu, alibone ilitye lisusiwe engcwabeni.
2. Agidime ngoko, eze kuSimon Petros nakomnye umfundi, lowo ubethandwa nguYesu, athi kubo, Bayisusile iNkosi engcwabeni; asazi nalapho bayibeke khona.
3. Waphuma ngoko uPetros nomnye umfundi lowo, besiya engcwabeni.
4. Ke kaloku baye begidima bona bobabini kunye; waza omnye umfundi lowo wamshiya ngamendu uPetros, wafika kuqala engcwabeni.
5. Uthi akuqondela, azibone izisongelo zelinen abesongelwe kuzo zizodwa; akangenanga ke noko.
6. Afike ngoko uSimon Petros emlandela, angene engcwabeni, azibone izisongelo zelinen abesongelwe kuzo zizodwa;
7. neqhiya ebisentlokweni yakhe, ingadibene neelinen abesongelwe kuzo, isongiwe yodwa ndaweni ithile.
8. Wandula ngoko wangena nomnye umfundi, lowo ubefike kuqala engcwabeni, wabona, wakholwa;
9. kuba babengekasazi isibhalo esithi, umelwe kukuthi avuke kwabafileyo.
10. Babuya ngoko abafundi bagoduka.
11. Ke kaloku uMariya ebemi ngaphandle ngasengcwabeni, elila; xa ke ebelila, waqondela engcwabeni.
12. Wabona izithunywa zezulu ezibini, zam bethe ezimhlophe, zihleli; esinye ngasentloko, esinye ngasezinyaweni, apho wawulele khona umzimba kaYesu.
13. Zithi zona kuye, Mfazi, ulilelani na? Athi kuzo; Bayisusile iNkosi yam; andazi apho bayibeke khona.
14. Akutsho wajika, wambona uYesu emi; wayengazi ke ukuba nguYesu.
15. Athi uYesu kuye, Mfazi, ulilelani na? ufuna bani na? Yena, esiba ngumgcini-myezo, uthi kuye, Nkosi, ukuba umsusile apha, ndixelele apho umbeke khona; mna ndiye kumthabatha.
16. Athi uYesu kuye, Mariya! Wajika yena wathi kuye, Rabhoni! (oku kukuthi, Mfundisi).
17. Uthi uYesu kuye, Ungandichukumisi; kuba andikanyuki ndiye kuBawo; ke yiya kubazalwana bam, uthi kubo, Ndiyenyuka, ndiya kuBawo, kuYihlo; kuThixo wam, kuThixo wenu.
18. Afike uMariya waseMagadala, ababikele abafundi ukuba uyibonile iNkosi; yathetha ezi zinto kuye.
19. Kwakuhlwa ngoko, ngolokuqala usuku lweveki, zakubonÂ’ ukuba iingcango zivaliwe, apho babehlanganisene khona abafundi, ngenxa yokoyika amaYuda, wafika uYesu wema phakathi, wathi kubo, Uxolo malube nani. Akutsho, wababonisa izandla necala lakhe.
20. Bavuya ngoko abafundi bakuyibona iNkosi.
21. Waphinda ngoko uYesu wathi kubo, Uxolo malube nani; njengokuba uBawo endithumile mna, nam ndiyanithuma nina.
22. Akutsho wabaphefumlela, wathi kubo, Yamkelani uMoya oyiNgcwele;
23. abazono nithe nazixolela, bazixolelwe; nabazono nithe nazibamba, zibambekile.
24. Ke kaloku uTomas, omnye kwabalishumi elinababini, okuthiwa nguDidimo, wayengenabo oko wafikayo uYesu.
25. Babesithi ngoko kuye abanye abafundi, Siyibonile iNkosi. Wathi ke yena kubo, Ukuba andithanga ndilibone inxeba lezikhonkwane ezandleni zayo, ndiwufake umnwe wam enxebeni lezikhonkwane, ndisifake isandla sam ecaleni layo, andisayi kukholwa.
26. Baye emveni kweentsuku ezisibhozo bekwangaphakathi abafundi bakhe; wayenabo noTomas. Afike uYesu, zakubonÂ’ ukuba zivaliwe iingcango, eme phakathi, athi, Uxolo malube nani.
27. Andule athi kuTomas, Ethe apha umnwe wakho, uzibone izandla zam; ethe isandla sakho, usifake ecaleni lam; musa ukuba ngongakholwayo, yiba ngokholwayo.
28. Uphendule uTomas, wathi kuye, Nkosi yam, Thixo wam!
29. Athi uYesu kuye, Ngokuba undibonile, Tomas, ukholiwe. Banoyolo abo bangabonanga, bakholwa noko.
30. Mininzi ke okunene neminye imiqondiso awayenzayo uYesu emehlweni abafundi bakhe, engabhalwanga kuyo le ncwadi;
31. kodwa le ibhalelwe ukuze nikholwe ukuba uYesu unguye uKristu, uNyana kaThixo, nokuze nithi, nikholwa, nibe nabo ubomi egameni lakhe.

  John (20/21)