John (14/21)  

1. Intliziyo yenu mayingakhathazeki; kholwani kuThixo, nikholwe nakum.
2. Endlwini kaBawo zininzi iindawo zokuhlala; ukuba bekungenjalo, ngendanixelelayo. Ndiyemka, ndiya kunilungisela indawo;
3. ukuba ke ndimkile ndaya kunilungisela indawo, ndiya kubuya ndize, ndinamkelele kum ngokwam; ukuze apho ndikhona mna, nibe khona nani.
4. Apho ke ndiya khona mna niyakwazi, nendlela niyayazi.
5. Uthi uTomas kuye, Nkosi, asazi apho uya khona; singathini na ke ukuyazi indlela?
6. Uthi uYesu kuye, Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi; akukho namnye uzayo kuBawo, engezi ngam.
7. Ukuba benindazile mna, ninge nimazile noBawo; ngoku ke niyamazi, nimbonile nokumbona.
8. Athi uFilipu kuye, Nkosi, sibonise uYihlo, kosanelisa.
9. Uthi uYesu kuye, Ndinaxesha lingakanana ndinani nje, akukandazi na, Filipu? Lowo undibonileyo mna umbonile uBawo; utsho ngani na ke wena ukuthi, Sibonise uYihlo?
10. Akukholwa na ukuba mna ndikuye uBawo, abe ke uBawo ekum? Amazwi endiwathethayo mna kuni, andiwathethi ephuma kum; uBawo ke ohleli kum, nguye oyenzayo imisebenzi le.
11. Kholwani ndim, ukuba mna ndikuye uBawo, nokuba uBawo ukum; okanye ke, kholwani ndim ngenxa yayo imisebenzi leyo.
12. Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ukholwayo kum, imisebenzi endiyenzayo mna, uya kuyenza naye yena; nemikhulu kunale uya kuyenza, ngokuba mna ndisiya kuye uBawo.
13. Nento enithe nayicela egameni lam, ndoyenza yona, ukuze uYise azukiswe ngoNyana.
14. Ukuba nithe nacela into ngegama lam, ndoyenza mna.
15. Ukuba niyandithanda, yigcineni imithetho yam.
16. Mna ndiya kucela kuBawo, aze aninike omnye uMthetheleli, ukuze ahlale nani ngonaphakade:
17. uMoya wenyaniso, lowo lingenako ihlabathi ukumamkela, ngokuba lingamboni, lingamazi nokumazi. Nina ke niyamazi; ngokuba uhleli nani, kanjalo uya kuba kuni.
18. Andiyi kunishiya niziinkedama, ndiyeza kuni.
19. Liselilifutshane ixesha, ukuze ihlabathi lingabi sandibona; ke nina niyandibona; ngokuba ndisidla ubomi mna, nani niya kudla ubomi.
20. Ngaloo mini niya kwazi nina ukuba ndikuye uBawo, nani nikum, nam ndikuni.
21. Lowo unayo imithetho yam ayigcine, nguye ondithandayo; lowo ke undithandayo, uya kuthandwa nguBawo; nam ndiya kumthanda, ndizibonakalalise kuye.
22. Athi kuye uYuda (ingenguye uSikariyoti), Nkosi, kutheni na, le nto uza kuzibonakalalisa kuthi, ungazibonakalalisi kulo ihlabathi?
23. Waphendula uYesu wathi kuye, Ukuba umntu uyandithanda, woligcina ilizwi lam; wothi uBawo amthande, size kuye, sihlale naye.
24. Lowo ungandithandiyo akawagcini amazwi am; ilizwi enilivayo asililo elam, lelikaBawo owandithumayo.
25. Ezi zinto ndizithethile kuni ndisahleli nani.
26. Ke uMthetheleli, uMoya oyiNgcwele, aya kumthuma uBawo egameni lam, yena uya kunifundisa zonke izinto, anikhumbuze zonke izinto endizithethe kuni.
27. Ndishiya uxolo kuni; ndininika uxolo lwam; andininiki njengokunika kwehlabathi. Mayingakhathazeki intliziyo yenu, mayingabi nabugwala.
28. Nivile ukuba ndithe mna kuni, Ndiyemka, ndibuye ndize kuni. Ukuba benindithanda, ngenavuyayo kuba ndathi, Ndiya kuBawo; ngokuba uBawo mkhulu kunam.
29. Ngoku ke ndinixelele kungekehli, ukuze, xa kuthe kwehla, nikholwe.
30. Andisayi kuba sathetha zinto zininzi nani; kuba esiza umphathi weli hlabathi, engenanto nam.
31. Ke, ukuze liqonde ihlabathi ukuba ndiyamthanda uBawo, ndenza njengoko uBawo andiwisele umthetho. Vukani, simke apha.

  John (14/21)