← John (14/21) → |
1. | Intliziyo yenu mayingakhathazeki; kholwani kuThixo, nikholwe nakum. |
2. | Endlwini kaBawo zininzi iindawo zokuhlala; ukuba bekungenjalo, ngendanixelelayo. Ndiyemka, ndiya kunilungisela indawo; |
3. | ukuba ke ndimkile ndaya kunilungisela indawo, ndiya kubuya ndize, ndinamkelele kum ngokwam; ukuze apho ndikhona mna, nibe khona nani. |
4. | Apho ke ndiya khona mna niyakwazi, nendlela niyayazi. |
5. | Uthi uTomas kuye, Nkosi, asazi apho uya khona; singathini na ke ukuyazi indlela? |
6. | Uthi uYesu kuye, Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi; akukho namnye uzayo kuBawo, engezi ngam. |
7. | Ukuba benindazile mna, ninge nimazile noBawo; ngoku ke niyamazi, nimbonile nokumbona. |
8. | Athi uFilipu kuye, Nkosi, sibonise uYihlo, kosanelisa. |
9. | Uthi uYesu kuye, Ndinaxesha lingakanana ndinani nje, akukandazi na, Filipu? Lowo undibonileyo mna umbonile uBawo; utsho ngani na ke wena ukuthi, Sibonise uYihlo? |
10. | Akukholwa na ukuba mna ndikuye uBawo, abe ke uBawo ekum? Amazwi endiwathethayo mna kuni, andiwathethi ephuma kum; uBawo ke ohleli kum, nguye oyenzayo imisebenzi le. |
11. | Kholwani ndim, ukuba mna ndikuye uBawo, nokuba uBawo ukum; okanye ke, kholwani ndim ngenxa yayo imisebenzi leyo. |
12. | Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ukholwayo kum, imisebenzi endiyenzayo mna, uya kuyenza naye yena; nemikhulu kunale uya kuyenza, ngokuba mna ndisiya kuye uBawo. |
13. | Nento enithe nayicela egameni lam, ndoyenza yona, ukuze uYise azukiswe ngoNyana. |
14. | Ukuba nithe nacela into ngegama lam, ndoyenza mna. |
15. | Ukuba niyandithanda, yigcineni imithetho yam. |
16. | Mna ndiya kucela kuBawo, aze aninike omnye uMthetheleli, ukuze ahlale nani ngonaphakade: |
17. | uMoya wenyaniso, lowo lingenako ihlabathi ukumamkela, ngokuba lingamboni, lingamazi nokumazi. Nina ke niyamazi; ngokuba uhleli nani, kanjalo uya kuba kuni. |
18. | Andiyi kunishiya niziinkedama, ndiyeza kuni. |
19. | Liselilifutshane ixesha, ukuze ihlabathi lingabi sandibona; ke nina niyandibona; ngokuba ndisidla ubomi mna, nani niya kudla ubomi. |
20. | Ngaloo mini niya kwazi nina ukuba ndikuye uBawo, nani nikum, nam ndikuni. |
21. | Lowo unayo imithetho yam ayigcine, nguye ondithandayo; lowo ke undithandayo, uya kuthandwa nguBawo; nam ndiya kumthanda, ndizibonakalalise kuye. |
22. | Athi kuye uYuda (ingenguye uSikariyoti), Nkosi, kutheni na, le nto uza kuzibonakalalisa kuthi, ungazibonakalalisi kulo ihlabathi? |
23. | Waphendula uYesu wathi kuye, Ukuba umntu uyandithanda, woligcina ilizwi lam; wothi uBawo amthande, size kuye, sihlale naye. |
24. | Lowo ungandithandiyo akawagcini amazwi am; ilizwi enilivayo asililo elam, lelikaBawo owandithumayo. |
25. | Ezi zinto ndizithethile kuni ndisahleli nani. |
26. | Ke uMthetheleli, uMoya oyiNgcwele, aya kumthuma uBawo egameni lam, yena uya kunifundisa zonke izinto, anikhumbuze zonke izinto endizithethe kuni. |
27. | Ndishiya uxolo kuni; ndininika uxolo lwam; andininiki njengokunika kwehlabathi. Mayingakhathazeki intliziyo yenu, mayingabi nabugwala. |
28. | Nivile ukuba ndithe mna kuni, Ndiyemka, ndibuye ndize kuni. Ukuba benindithanda, ngenavuyayo kuba ndathi, Ndiya kuBawo; ngokuba uBawo mkhulu kunam. |
29. | Ngoku ke ndinixelele kungekehli, ukuze, xa kuthe kwehla, nikholwe. |
30. | Andisayi kuba sathetha zinto zininzi nani; kuba esiza umphathi weli hlabathi, engenanto nam. |
31. | Ke, ukuze liqonde ihlabathi ukuba ndiyamthanda uBawo, ndenza njengoko uBawo andiwisele umthetho. Vukani, simke apha. |
← John (14/21) → |