← John (10/21) → |
1. | Inene, inene, ndithi kuni, Ongangeniyo ngalo isango ebuhlantini bezimvu, osuka akhwele ngandawo yimbi, lowo ulisela nesihange. |
2. | Ke yena ongena ngalo isango ngumalusi wezimvu. |
3. | Umgcini-sango uyamvulela lowo; zithi nezimvu zilive izwi lakhe azibize ezakhe izimvu ngamagama, azikhokelele phandle zona. |
4. | Xa athe wazikhupha ezakhe izimvu, uhamba phambi kwazo, zithi nezimvu zimlandele; ngokuba zilazi izwi lakhe. |
5. | Ke owasemzini azingemlandeli; zosuka zimbaleke, ngokuba zingalazi izwi labasemzini. |
6. | Lo mzekeliso wawuthetha kubo uYesu; ke bona abaziqondanga ukuba zizinto zini na ezo abezithetha kubo. |
7. | Wabuya wathi ngoko kubo uYesu, Inene, inene, ndithi kuni, Ndim isango lezimvu. |
8. | Bonke abezayo ngaphambi kwam bangamasela nezihange; ke zona izimvu azibevanga. |
9. | Ndim isango; ukuba umntu uthe wangena ngam, wosindiswa; uya kungena ephuma, afumane utyani. |
10. | Isela alizi lingazele ukuze libe, lixhele, litshabalalise. Mna ndizele ukuze babe nobomi, babe nabo ke ngokugqithiseleyo. |
11. | Ndim umalusi olungileyo; umalusi olungileyo, ubomi bakhe ubuncamela izimvu. |
12. | Ke yena ongumqeshwa, engengumalusi, ezingezizo ezakhe izimvu, uyibona ingcuka isiza, azishiye izimvu, abaleke, ize ingcuka izibambe, izichithachithe izimvu. |
13. | Umqeshwa lo ke ubaleka ngokuba engumqeshwa, engazikhathalele izimvu. |
14. | Ndim umalusi olungileyo; ndiyazazi ezam, ndiyaziwa zezam. |
15. | Njengokuba endazi uBawo, nam ndiyamazi uBawo, nobomi bam ndibuncamela izimvu. |
16. | Ndinazo nezinye izimvu, ezingezizo ezobu buhlanti; nazo ezo ndimelwe kukuza nazo; zaye ziya kuliva izwi lam, zibe mhlambi mnye, nomalusi abe mnye. |
17. | Ngenxa yoku uBawo uyandithanda; ngokuba mna ndibuncama ubomi bam, ukuze ndibuye ndibuthabathe. |
18. | Akukho namnye ubuhluthayo kum, ndiyabuncama mna ngokwam; ndinegunya lokubuncama, ndinegunya lokubuya ndibuthabathe; lo mthetho ndawamkela kuBawo. |
19. | Abuya ngoko amaYuda athi qheke kubini ngenxa yala mazwi. |
20. | Yayisithi ke into eninzi kuwo, Unedemon, uyageza; yini na ukuba nimphulaphule? |
21. | Abanye babesithi, La mazwi asingawo awophethwe yidemon: idemon ingaba inako yini na ukuvula amehlo emfama? |
22. | Ke kaloku, kwabakho umthendeleko wokuhlaziywa kwetempile eYerusalem; kwaye kusebusika. |
23. | Waye ehambahamba uYesu etempileni, evarandeni kaSolomon. |
24. | Amngqonga ngoko amaYuda, athi kuye, Koda kube nini na usiphongomisile? Ukuba unguye uKristu, sixelele ngokuphandle. |
25. | Wawaphendula uYesu wathi, Ndinixelele, noko anikholwa; imisebenzi endiyenzayo mna egameni likaBawo, yona iyangqina ngam. |
26. | Nina anikholwa; kuba aningabo abezimvu zam; njengoko ndanixelelayo. |
27. | Ezam izimvu ziyaliva ilizwi lam, ndibe nam ndizazi, zindilandela; |
28. | mna ndizinika ubomi obungunaphakade; azisayi kutshabalala naphakade; akukho namnye uya kuzihlutha esandleni sam. |
29. | UBawo, ondinike zona, ungaphezu kwabo bonke; akukho bani unako ukuzihlutha esandleni sikaBawo. |
30. | Mna noBawo sibanye. |
31. | Abuya ngoko amaYuda achola amatye ukuba amxulube. |
32. | Wawaphendula uYesu wathi, Mininzi imisebenzi emihle endanibonisayo, ivela kuBawo; nindixuluba ngenxa yawuphi na umsebenzi kuyo? |
33. | Amphendula amaYuda esithi, Asikuxulu beli msebenzi mhle, sikuxuluba ngokuba unyelisa; nangokuba wena usithi, ungumntu nje, usuke uzenze uThixo. |
34. | Uwaphendule uYesu wathi, Akubhaliwe na emthethweni wenu, kwathiwa, Mna ndithe ningoothixo? |
35. | Ukuba uthe bona bangoothixo, eleza kubo ilizwi likaThixo (sibe isibhalo singenakwaphulwa), |
36. | nitsho na nina ngaye lowo uYise wamngcwalisayo, wamthuma ehlabathini, ukuthi, Uyanyelisa; ngokuba ndithe, NdinguNyana kaThixo? |
37. | Ukuba andiyenzi imisebenzi kaBawo, musani ukukholwa ndim. |
38. | Ke ukuba ndiyayenza, nokuba anikholwa ndim, kholwani yiyo yona imisebenzi; ukuze nazi, nikholwe, ukuba uBawo ukum, nam ndikuye. |
39. | Abuya ngoko afuna ukumbamba; waphuluka ezandleni zawo. |
40. | Wabuya wemka, waya phesheya kweYordan, kwindawo abebhaptizela kuyo uYohane kuqala; wahlala khona. |
41. | Kweza babaninzi kuye, bathi, UYohane okunene akenzanga namnye umqondiso; kodwa ke zonke izinto, awazithethayo uYohane ngaye lo, zaziyinene. |
42. | Bathi abaninzi bakholwa kuye khona apho. |
← John (10/21) → |