| John (1/21) → |
| 1. | Ekuqalekeni ube ekho uLizwi, waye uLizwi ekuye uThixo, waye uLizwi enguThixo. |
| 2. | Yena lowo ebekho ekuqalekeni kuThixo. |
| 3. | Izinto zonke zabakho ngaye; engekho yena, akubangakho nanye into ethe yabakho. |
| 4. | Kuye kwakukho ubomi, baye ubomi obo bulukhanyiselo lwabantu. |
| 5. | Ukhanyiso ke olo lwabonakala ebumnyameni, basuka ubumnyama abaluqiqa. |
| 6. | Kwakho mntu uthunyiweyo evela kuThixo, ugama linguYohane. |
| 7. | Lowo weza kuba lingqina, ukuze angqine ngalo ukhanyiso, ukuze bonke bakholwe ngaye. |
| 8. | Yena lowo ubengelulo ukhanyiso; weza kungqina ngalo ukhanyiso. |
| 9. | Waye ke yena elukhanyiso oluyinyaniso, olubakhanyiselayo abantu bonke, esiza ehlabathini. |
| 10. | Ube esehlabathini ke; ihlabathi labakho ngaye, ihlabathi alimazanga. |
| 11. | Weza kokwakhe, baza abakhe abamvuma. |
| 12. | Ke bonke abamamkelayo wabanika igunya lokuba babe ngabantwana bakaThixo, abo ke bakholwayo kwigama lakhe; |
| 13. | abangazalwanga ngagazi, nangakuthanda kwanyama, nangakuthanda kwandoda; bazalwa nguThixo. |
| 14. | ULizwi waba yinyama, wahlala phakathi kwethu, sabubona ubuqaqawuli bakhe, ubuqaqawuli kanye bowokuphela kwamzeleyo uYise, ezele lubabalo nayinyaniso. |
| 15. | Uthi uYohane angqine ngaye, adanduluke esithi, Ubenguye lo bendithetha yena, ndisithi, Lowo uzayo emva kwam, usuke waba phambi kwam, ngokuba waye etanci kum. |
| 16. | Enzalisekweni yakhe thina sonke samkela kwaubabalo phezu kobabalo. |
| 17. | Ngokuba umthetho wawiswa ngoMoses, lwabakho lona ubabalo nenyaniso ngoYesu Kristu. |
| 18. | Akukho namnye wakha wambona uThixo; uNyana okuphela kwamzeleyo, lowo usesifubeni sikaYise, nguye ocacise oko. |
| 19. | Nabu ke ubungqina bukaYohane, oko amaYuda athuma ababingeleli nabaLevi, bephuma eYerusalem, ukuze bambuze besithi, Wena ungubani na? |
| 20. | Wavuma akakhanyela, wavuma esithi, Andinguye mna uKristu. |
| 21. | Bambuza, besithi, Untoni na ke? UnguEliya na? Athi, Andinguye. Unguye na umprofeti lowo? Wathi ukuphendula, Hayi. |
| 22. | Bathi ngoko kuye, Ungubani na ke? ukuze sibaphendule abo basithumileyo. Uthini na wena ngawe ngokwakho? |
| 23. | Wathi, Mna ndililizwi lodandulukayo entlango, lisithi, Yityenenezeni indlela yeNkosi, njengoko watshoyo uIsaya umprofeti. |
| 24. | Baye abo babethunyiwe bengabakubo abaFarisi. |
| 25. | Bambuza bathi kuye, Ubhaptizelani na phofu, ukuba wena akunguye uKristu, noEliya, nomprofeti lowo? |
| 26. | Wabaphendula uYohane, esithi, Mna ndibhaptiza ngamanzi; ke phakathi kwenu kumi eningamaziyo nina. |
| 27. | Yena ngothe, esiza emva kwam nje, wesuka waba phambi kwam, endingafanelekileyo mna ukuba ndinyobulule umtya wembadada yakhe. |
| 28. | Ezi zinto zenzeka eBhetabhara, phesheya kweYordan, apho uYohane wayebhaptiza khona. |
| 29. | Ngengomso uYohane umbona uYesu esiza kuye, athi, Nantso iMvana kaThixo, ethwala isuse isono sehlabathi. |
| 30. | Nguye lo ndathi ngaye mna, Emva kwam kuza indoda, esuke yaba phambi, kwam; ngokuba yayitanci kum. |
| 31. | Bendingayazi nam; le nto ndeza mna, ndibhaptiza ngamanzi, kukuze ibonakalaliswe kuSirayeli. |
| 32. | Wangqina uYohane, esithi, Ndimbonile uMoya, esihla njengehobe, ephuma ezulwini, wahlala phezu kwakhe. |
| 33. | Bendingamazi nam; owandithumayo ukubhaptiza ngamanzi, nguye owathi kum, Othe wambona uMoya esihla ahlale phezu kwakhe, nguye lowo ubhaptiza ngoMoya oyiNgcwele. |
| 34. | Nam ndibonile, ndingqinile, ukuba lo nguye uNyana kaThixo. |
| 35. | Ngengomso ubuye wema uYohane nababini kubafundi bakhe; |
| 36. | ondele kuYesu ehamba, uthi, Nantso iMvana kaThixo. |
| 37. | Bamva ethetha abafundi ababini, bamlandela uYesu. |
| 38. | Ke kaloku ujikile uYesu, ababone belandela, athi kubo, Nifuna ntoni na? Bathi ke bona kuye, Rabhi (oko kukuthi ngentetho evakalayo, mfundisi), uhlala phi na? |
| 39. | Athi kubo, Yizani nibone. Beza, babona ke apho ahlala khona; bahlala naye loo mini; laye ke ilixa lingathi leleshumi. |
| 40. | YayinguAndreya, umzalwana kaSimon Petros, omnye wabo babini, babeve kuYohane, bamlandela. |
| 41. | Yena ufumana kuqala owakhe umzalwana, uSimon, athi kuye, Simfumene uMesiya (oko kukuthi ngentetho evakalayo, uKristu). |
| 42. | Wamsa kuYesu; uthe ke uYesu wondela kuye, wathi, Wena unguSimon, unyana kaYona; kuya kuthiwa unguKefas (oko kukuthi ngentetho evakalayo, unguPetros). |
| 43. | Ngengomso uYesu wafuna ukuphuma aye kwelaseGalili; ufumana uFilipu, athi kuye, Ndilandele. |
| 44. | Ke kaloku uFilipu ebengowaseBhetesayida, womzi wakuloAndreya noPetros. |
| 45. | UFilipu ufumana uNataniyeli, athi kuye, Lowo uMoses wabhala ngaye emthethweni, kwanabaprofeti, simfumene, uYesu unyana kaYosefu, lowo waseNazarete. |
| 46. | Wathi uNataniyeli kuye, Inako na into elungileyo ukuphuma eNazarete? Athi uFilipu kuye, Yiza ubone. |
| 47. | UYesu wambona uNataniyeli esiza kuye, athi ngaye, Nanko umSirayeli inyaniso, ekungekho nkohliso kuye. |
| 48. | Athi uNataniyeli kuye, Undazi ngani na? Waphendula uYesu wathi kuye, Phambi kokuba uFilipu akubize, uphantsi komkhiwane, ndandikubona. |
| 49. | Aphendule uNataniyeli athi kuye, Rabhi, wena unguye uNyana kaThixo, wena unguye uKumkani kaSirayeli. |
| 50. | Waphendula uYesu wathi kuye, Ngokuba ndithe kuwe, Ndandikubona uphantsi komkhiwane, uyakholwa na? Uya kubona izinto ezingaphezulu kwezo. |
| 51. | Athi kuye, Inene, inene, ndithi kuni, Emveni koku niya kulibona izulu livulekile, nezithunywa zikaThixo zinyuka zisihla phezu koNyana woMntu. |
| John (1/21) → |