← Joel (3/3) |
1. | Ngokuba, yabonani, ngayo loo mihla, nangalo elo xesha, ndiya kukubuyisa ngalo ukuthinjwa kukaYuda neYerusalem, |
2. | ndozibutha zonke iintlanga, ndizihlisele entilini yakwaYoshafati; ndimangalelane nazo khona ngenxa yabantu bam, ilifa lam amaSirayeli, ezibathe saa ezintlangeni, zalaba ilizwe lam. |
3. | Abantu bam zibenzele amaqashiso, zavuza ihenyukazi ngenkwenkwe; zathengisa ngentombi ngewayini, zasela. |
4. | Kananjalo niya kundenza ntoni na nina, Tire, nawe, Tsidon, nani, mida yonke yamaFilisti? Niya kundibuyekeza impatho yam na? Niya kundenza ntoni na? Kwakamsinya, ngokukhawulezayo, ndiya kukubuyisela ukuphatha kwenu entlokweni yenu. |
5. | Ekubeni nithabathe isilivere yam negolide yam, izinto zamezintle ezinqwenelekayo, nazisa etempileni yenu; |
6. | nathengisa ngoonyana bakaYuda nangoonyana baseYerusalem koonyana bakaYavan, ukuze nibakhwelelisele kude emdeni wabo; |
7. | yabonani, ndiyabaxhoxha endaweni enathengisa ngabo kuyo, ndikubuyisele ukuphatha kwenu entlokweni yenu. |
8. | Ndothengisa ngoonyana benu nangeentombi zenu esandleni soonyana bakaYuda, bathengise ngabo kumaShebha, kuhlanga olukude; kuba uthethile uYehova. |
9. | Memezani oku ezintlangeni, ngcwalisani imfazwe; xhoxhani amagorha; makafike enyuke onke amadoda okulwa. |
10. | Khandani amakhuba enu abe ngamakrele, nezitshetshe zenu zemidiliya zibe zizikhali; |
11. | oswele amandla makathi, Ndiligorha. Khawulezani nize, nonke zintlanga zangeenxa zonke, nibuthelane; wahlisele khona amagorha akho, Yehova. |
12. | Mazixhoxhwe zinyuke iintlanga, ziye entilini yakwaYoshafati; ngokuba ndiya kuhlala phantsi khona, ukuze ndizigwebe zonke iintlanga zangeenxa zonke. |
13. | Fakani irhengqa, kuba ukudla kuvuthiwe; yizani nixovule, ngokuba isixovulelo sewayini sizele, iyaphalala imikhombe yokukhongozela; kuba bukhulu ububi bazo. |
14. | Yimbuthumbuthu, yimbuthumbuthu entilini yesigqibo! Kuba isondele imini kaYehova entilini yesigqibo. |
15. | Ilanga nenyanga zenziwe mnyama, iinkwenkwezi zikufinyezile ukukhanya kwazo. |
16. | UYehova ubharhula eZiyon, ukhupha ilizwi lakhe eYerusalem, linyikime izulu nehlabathi; ke uYehova ulihlathi kubantu bakhe, uligwiba koonyana bakaSirayeli. |
17. | Niya kwazi ke ukuba mna Yehova ndinguThixo wenu, ohleli eZiyon, entabeni yam engcwele; iYerusalem yoba ngcwele, abasemzini bangabi sacanda phakathi kwayo. |
18. | Kuya kuthi ngaloo mini, iintaba zivuze incindi yeediliya, iinduli ziphalale amasi, imijelo yonke yakwaYuda iphalale amanzi; kuphume umthombo endlwini kaYehova, useze isihlambo semingampunzi. |
19. | IYiputa kuya kuba senkangala, nelakwaEdom libe yintlango esenkangala, ngenxa yokugonyamela kwabo oonyana bakaYuda, ekubeni bephalaze igazi elimsulwa ezweni labo. |
20. | Ke uYuda uya kumiwa ngonaphakade, iYerusalem imiwe kwizizukulwana ngezizukulwana. |
21. | Ndiya kulisula igazi labo endandingalisulanga; ngokuba uYehova uhleli eZiyon. |
← Joel (3/3) |