Job (8/42)  

1. Wasusela uBhiledadi wakwaShuwa, wathi,
2. Kunini na uthetha izinto ezinje? Engumoya omkhulu amazwi omlomo wakho?
3. UThixo angakwenza gwenxa na okusesikweni? USomandla angabenza gwenxa na ubulungisa?
4. Ukuba abantwana bakho bathe bamona yena, Wabanikela esandleni sesikreqo sabo;
5. Ukuba uthe wamfuna ngenkuthalo uThixo wena, Watarhuzisa kuSomandla;
6. Ukuba uthe wacoceka, wathi tye wena, Okunene, wovuka ngoku ngenxa yakho, Alisikelele ikhaya lobulungisa bakho;
7. Kuthi ukuqala kwakho kube kuyinto encinane, Ukuphuma kwakho kube kukhulu kakhulu.
8. Kuba khawubuze kwisizukulwana saphambili; Uxunele ekugocagoceni kooyise baso:
9. Kuba singabezolo thina, asinakwazi; Ngokuba isisithunzi imihla yethu ehlabathini.
10. Abayi kukuyala na abo, bathethe kuwe. Barhole amazwi entliziyweni yabo? bathi,
11. Iyakhula na imikhanzi, kungekho mgxobhozo? Iyahluma na ingcobo, kungekho manzi?
12. Iseluhlaza, ingekaphiwa, Yoyiphangela ingca yonke ngokoma.
13. Unjalo umendo wabo bonke abamlibalayo uThixo, Nethemba lomkhohlisi liyadaka;
14. Ngokuba ukugasa kwakhe kuyanqunyulwa; Yindlu yesigcawu ukukholosa kwakhe.
15. Wayama ngendlu yakhe, ingemi; Ubambelela kuyo, ingahlali.
16. Uluhlaza phambi kwelanga, Namagatya akhe ayaqabela eludongeni lwentsimi yakhe;
17. Iingcambu zakhe zijijene emweweni, Utyhudisa ezingcambeni zamatye.
18. Ukuba uthe wamginya endaweni yakhe, Yomkhanyela ithi, Andikubonanga.
19. Yabona, yiyo le imihlali yendlela yakhe, Ize eluthulini kuntshule abanye.
20. Yabona, uThixo akamcekisi ogqibeleleyo, Akababambi ngesandla abenzi bobubi.
21. Uya kuwuzalisa umlomo wakho ngokuhleka, Nemilebe yomlomo wakho ngokuduma:
22. Abakuthiyayo baya kwambatha ukudana, Ingabi sabakho intente yabangendawo,

  Job (8/42)