| ← Job (8/42) → |
| 1. | Wasusela uBhiledadi wakwaShuwa, wathi, |
| 2. | Kunini na uthetha izinto ezinje? Engumoya omkhulu amazwi omlomo wakho? |
| 3. | UThixo angakwenza gwenxa na okusesikweni? USomandla angabenza gwenxa na ubulungisa? |
| 4. | Ukuba abantwana bakho bathe bamona yena, Wabanikela esandleni sesikreqo sabo; |
| 5. | Ukuba uthe wamfuna ngenkuthalo uThixo wena, Watarhuzisa kuSomandla; |
| 6. | Ukuba uthe wacoceka, wathi tye wena, Okunene, wovuka ngoku ngenxa yakho, Alisikelele ikhaya lobulungisa bakho; |
| 7. | Kuthi ukuqala kwakho kube kuyinto encinane, Ukuphuma kwakho kube kukhulu kakhulu. |
| 8. | Kuba khawubuze kwisizukulwana saphambili; Uxunele ekugocagoceni kooyise baso: |
| 9. | Kuba singabezolo thina, asinakwazi; Ngokuba isisithunzi imihla yethu ehlabathini. |
| 10. | Abayi kukuyala na abo, bathethe kuwe. Barhole amazwi entliziyweni yabo? bathi, |
| 11. | Iyakhula na imikhanzi, kungekho mgxobhozo? Iyahluma na ingcobo, kungekho manzi? |
| 12. | Iseluhlaza, ingekaphiwa, Yoyiphangela ingca yonke ngokoma. |
| 13. | Unjalo umendo wabo bonke abamlibalayo uThixo, Nethemba lomkhohlisi liyadaka; |
| 14. | Ngokuba ukugasa kwakhe kuyanqunyulwa; Yindlu yesigcawu ukukholosa kwakhe. |
| 15. | Wayama ngendlu yakhe, ingemi; Ubambelela kuyo, ingahlali. |
| 16. | Uluhlaza phambi kwelanga, Namagatya akhe ayaqabela eludongeni lwentsimi yakhe; |
| 17. | Iingcambu zakhe zijijene emweweni, Utyhudisa ezingcambeni zamatye. |
| 18. | Ukuba uthe wamginya endaweni yakhe, Yomkhanyela ithi, Andikubonanga. |
| 19. | Yabona, yiyo le imihlali yendlela yakhe, Ize eluthulini kuntshule abanye. |
| 20. | Yabona, uThixo akamcekisi ogqibeleleyo, Akababambi ngesandla abenzi bobubi. |
| 21. | Uya kuwuzalisa umlomo wakho ngokuhleka, Nemilebe yomlomo wakho ngokuduma: |
| 22. | Abakuthiyayo baya kwambatha ukudana, Ingabi sabakho intente yabangendawo, |
| ← Job (8/42) → |