| ← Job (7/42) → |
| 1. | Akaphume mkhosi na ehlabathini umntu? Ayinjengemihla yomqeshwa na imihla yakhe? |
| 2. | Njengesicaka esibe sizonda umthunzi, Njengomqeshwa olinde umvuzo wakhe? |
| 3. | Ndenjenjalo ukwamkeliswa iinyanga ezinenkohliso, Ndabalelwa nobusuku bobubi. |
| 4. | Ndakuba ndilele phantsi, ndithi, Ndiya kuvuka nini na? Ukuhlwa kolukile, Ndidikiwe kukuqikaqikeka kude kuse. |
| 5. | Inyama yam yambeswe iimpethu namagada omhlaba; Ulusu lwam lungamaqhula, lubhiqiza. |
| 6. | Imihla yam ikhawuleza ngaphezu komkhonjana womluki, Iphela kungekho themba. |
| 7. | Khumbula ukuba bungumoya ubomi bam; Iliso lam aliyi kubuya likubone okulungileyo. |
| 8. | Aliyi kuba sandalama iliso londibonileyo; Amehlo akho ekum, ndingabikho. |
| 9. | Liphelile ilifu, limkile; Unjalo ohla aye kwelabafileyo, akenyuki. |
| 10. | Akabi sabuyela endlwini yakhe, Ingabi samazi indawo yakhe. |
| 11. | Nam andiyi kuwubamba umlomo wam; Ndiya kuthetha ekubandezelweni komoya wam, Ndikhalaze ebukrakreni bomphefumlo wam. |
| 12. | Ndilulwandle na, ndiyingwenya na, Ukuba undimisele umlindo? |
| 13. | Xa bendisithi, Wondithuthuzela umandlalo wam, Sondithwalisisa inkalazo yam isingqengqelo sam: |
| 14. | Wesuka wena wandoyikisa ngamaphupha, Wandidandathekisa emibonweni, |
| 15. | Wada umphefumlo wam wanyula ukukrwitshwa; Wanyula ukufa ngaphezu kwamathambo la. |
| 16. | Ndikruqukile; andingi ndingadla bomi ngonaphakade; Ndiyeke, kuba ingumphunga imihla yam. |
| 17. | Uyintoni na umntu lo, le nto umkhulisayo, Le nto uyisingise kuye intliziyo yakho, |
| 18. | Umvelele imiso yonke Umcikide imizuzu yonke? |
| 19. | Kunini na ungawasusi amehlo kum, Ungandiyeki, khe ndiginye amathe? |
| 20. | Ndithe ndona, ndingakwenza ntoni na? Wena mlindi woluntu, Yini na ukuba undenze itekeni, Ndibe ngumthwalo kum? |
| 21. | Yini na ukuba ungasixoleli isikreqo sam, ungabudlulisi ubugwenxa bam? Kuba kaloku ndiya kuzilalisa eluthulini; Wondondela kakhulu, ndingabikho. |
| ← Job (7/42) → |