← Job (5/42) → |
1. | Khawubize kambe, ukuba ukho na owokuphendula. Uya kubheka kuwuphi na kwabangcwele? |
2. | Kuba ingqumbo iyambulala osisimathane, Nekhwele liyambulala osisiyatha. |
3. | Ndimbonile mna osisimathane emila; Ndaza ndalishwabulela ngesiquphe ikhaya lakhe. |
4. | Bakude nosindiso abantwana bakhe, Batyunyuzwa esangweni bengenamhlanguli; |
5. | Ekubeni abalambileyo besidla uvuno lwakhe, Balurhole naseluthangweni lwesiphingo; Abanxaniweyo bazonda ubutyebi babo. |
6. | Kuba inkohlakalo ayiphumi eluthulini, Nobubi abuntshuli emhlabeni; |
7. | Hayi, umntu uzalelwa ububi, Njengokuba iintlantsi zinyuka ukubaleka kwazo. |
8. | Ke mna bendiya kusingisa kuThixo, Indawo yam ndiyibhekise kuThixo, |
9. | Owenza izinto ezinkulu ezingenakugocwagocwa, Imisebenzi ebalulekileyo engenakubalwa; |
10. | Ulonika imvula phezu kobuso bomhlaba, Ase amanzi phezu kwamaphandle, |
11. | Ukuba abathobekileyo abamise ezindaweni eziphakamileyo, Abanezimnyama zokuzila banyukele elusindisweni. |
12. | Utshitshisa iingcinga zabo banobuqhophololo, Zingenzi nto izimasekileyo izandla zabo. |
13. | Ubambisa izilumko kubuqhophololo bazo, Iqhinga labanobuqokolo lingxamiseke ke. |
14. | Emini baqubisana nobumnyama, Baphuthaphuthe kwemaqanda, ngathi kusebusuku. |
15. | Usindisa ihlwempu ekreleni, emlonyeni wabo, Nasesandleni sowomeleleyo. |
16. | Kubekho ke ithemba kosweleyo, Ubugqwetha buwuvale umlomo wabo. |
17. | Yabona, unoyolo mntu owohlwaywa nguThixo! Musa ke ukukucekisa ukuthethisa kukaSomandla! |
18. | Kuba wenza buhlungu, abophe; Uyaphalusa, ziphilise izandla zakhe. |
19. | Ezimbandezelweni ezintandathu uya kukuhlangula, Nakwezisixhenxe akuyi kuchukunyiswa bububi; |
20. | Endlaleni ukukhulula ekufeni Emfazweni ukukhulula ekuxatyelweni ngekrele, |
21. | Eziniyeni yolwimi uzinyezwe, Ungoyiki imbuqo, yakufika. |
22. | Imbuqo nendlala uya kuyihleka, Nerhamncwa lasendle ungaloyiki. |
23. | Kuba unqophisene namatye asendle, Amarhamncwa asendle axolelene nawe; |
24. | Uya kwazi ukuba uxolo yintente yakho, Ulivelele ikhaya lakho, ungaphosani nanto; |
25. | Uyazi ukuba ininzi imbewu yakho, Nenzala yakho injengomfuno wehlabathi. |
26. | Uya kungena engcwabeni womelele, Njengokungeniswa kwesithungu ngexesha laso. |
27. | Bona, oku sikugocagocile, kunjalo; Kuve, ukwazi wena ngokwakho. |
← Job (5/42) → |