Job (41/42)  

1. Unokuyirhola na ingwenya ngegwegwe, Ulutshonise elutyeni ulwimi lwayo?
2. Unokuyifaka intambo yomzi empumlweni yayo na, Ugqobhoze izidlele zayo ngentola?
3. Ingatarhuzisa kunene na kuwe, Ithethe amazwi athambileyo kuwe?
4. Ingenza umnqophiso na nawe, Wokuba uyithabathe ibe ngumkhonzi waphakade?
5. Ungadlala na nayo njengentaka, Uyikhulekele amantombazana akho?
6. Angarhweba ngayo na amahlulelana abambisayo, Ayabe phakathi kwabarhwebi?
7. Unokusizalisa na isikhumba sayo ngeenyembe, Nentloko yayo ngezikhali zeentlanzi?
8. Beka isandla sakho kuyo; Khumbula imfazwe, ungaphindi.
9. Yabona, ukulinda kobambisayo ngamanga; Inene, uqethuka kwaesayibona.
10. Akukho sijorha sokuyixhokonxa; Ngubani na ke ongazimisa phambi kwam?
11. Ngubani na ondiphangeleyo, wandinika ukuba ndibuyekeze? Okuphantsi kwamazulu onke kokwam.
12. Andiyi kuthi tu ngamalungu ayo, Neendawo zobugorha bayo, nezimbo zezintlu zayo.
13. Ngubani na onokuwutyhila umphambili wesambatho sayo? Ezintlwini ezimbini zemihlathi yayo, ngubani na onokuya?
14. Iingcango zobuso bayo, ngubani na onokuzivula? Ngeenxa zonke emazinyweni ayo sisothuso.
15. Iliqhayiya imiqela yeengweletshetshe zayo, Zivalwe ngetywina eliqinileyo.
16. Zisondelene enye nenye, Akungeni moya phakathi kwazo.
17. Zinamathelene enye kwenye, Zibambene, zingabi nakwahlukana.
18. Ukuthimla kwayo kukhupha imitha, Namehlo ayo anjengeenkophe zesifingo.
19. Emlonyeni wayo kuphuma izikhuni zomlilo ezitshangazayo, Kuthaphuke iintlantsi zomlilo.
20. Emathatheni ayo kuphuma umsi, Njengowongxawu okhwezelwa ngemizi.
21. Umphefumlo wayo uvuthisa amalahle, Kuphuma amalangatye emlonyeni wayo.
22. Entanyeni yayo kuphuma amandla, Ebusweni bayo kuxhina ukuncama.
23. Imihlubulo yenyama yayo inamathelene, Iqinile kuyo, ayishukumi.
24. Intliziyo yayo iqine njengelitye, Iqine njengelokusila langaphantsi.
25. Ekuphakameni kwayo, ziyanxunguphala iinjengele, Zithi makatha ngokuqhiphuka umbilini.
26. Lifike kuyo ikrele, alimi; Nantshuntshe, namkhonto, nankonjane.
27. Ithi singumququ isinyithi, Livithi ubhedu.
28. Utolo lwesaphetha aluyibalekisi; Ajika abe ngumququ amatye okusawula kuyo.
29. Ithi imivinqi ziindiza, Ikuhleke ukutyityimba kwenkcula.
30. Ngaphantsi kwayo ziinkamba ezitsolo; Yaneka impahla yokusizila eludakeni.
31. Iyibiliza inzulu njengembiza, Ulwandle ilwenza njengehlala loqholo.
32. Emva kwayo kukhanya indlela; Anga amanzi anzongonzongo zizimvi.
33. Ehlabathini akukho nto ifana nayo, Le yenziwayo ayaba nakuqhiphuka umbilini.
34. Ibona konke okuphakamileyo; Ingukumkani yona kwizilo zonke ezinyalasayo.

  Job (41/42)