| ← Job (41/42) → |
| 1. | Unokuyirhola na ingwenya ngegwegwe, Ulutshonise elutyeni ulwimi lwayo? |
| 2. | Unokuyifaka intambo yomzi empumlweni yayo na, Ugqobhoze izidlele zayo ngentola? |
| 3. | Ingatarhuzisa kunene na kuwe, Ithethe amazwi athambileyo kuwe? |
| 4. | Ingenza umnqophiso na nawe, Wokuba uyithabathe ibe ngumkhonzi waphakade? |
| 5. | Ungadlala na nayo njengentaka, Uyikhulekele amantombazana akho? |
| 6. | Angarhweba ngayo na amahlulelana abambisayo, Ayabe phakathi kwabarhwebi? |
| 7. | Unokusizalisa na isikhumba sayo ngeenyembe, Nentloko yayo ngezikhali zeentlanzi? |
| 8. | Beka isandla sakho kuyo; Khumbula imfazwe, ungaphindi. |
| 9. | Yabona, ukulinda kobambisayo ngamanga; Inene, uqethuka kwaesayibona. |
| 10. | Akukho sijorha sokuyixhokonxa; Ngubani na ke ongazimisa phambi kwam? |
| 11. | Ngubani na ondiphangeleyo, wandinika ukuba ndibuyekeze? Okuphantsi kwamazulu onke kokwam. |
| 12. | Andiyi kuthi tu ngamalungu ayo, Neendawo zobugorha bayo, nezimbo zezintlu zayo. |
| 13. | Ngubani na onokuwutyhila umphambili wesambatho sayo? Ezintlwini ezimbini zemihlathi yayo, ngubani na onokuya? |
| 14. | Iingcango zobuso bayo, ngubani na onokuzivula? Ngeenxa zonke emazinyweni ayo sisothuso. |
| 15. | Iliqhayiya imiqela yeengweletshetshe zayo, Zivalwe ngetywina eliqinileyo. |
| 16. | Zisondelene enye nenye, Akungeni moya phakathi kwazo. |
| 17. | Zinamathelene enye kwenye, Zibambene, zingabi nakwahlukana. |
| 18. | Ukuthimla kwayo kukhupha imitha, Namehlo ayo anjengeenkophe zesifingo. |
| 19. | Emlonyeni wayo kuphuma izikhuni zomlilo ezitshangazayo, Kuthaphuke iintlantsi zomlilo. |
| 20. | Emathatheni ayo kuphuma umsi, Njengowongxawu okhwezelwa ngemizi. |
| 21. | Umphefumlo wayo uvuthisa amalahle, Kuphuma amalangatye emlonyeni wayo. |
| 22. | Entanyeni yayo kuphuma amandla, Ebusweni bayo kuxhina ukuncama. |
| 23. | Imihlubulo yenyama yayo inamathelene, Iqinile kuyo, ayishukumi. |
| 24. | Intliziyo yayo iqine njengelitye, Iqine njengelokusila langaphantsi. |
| 25. | Ekuphakameni kwayo, ziyanxunguphala iinjengele, Zithi makatha ngokuqhiphuka umbilini. |
| 26. | Lifike kuyo ikrele, alimi; Nantshuntshe, namkhonto, nankonjane. |
| 27. | Ithi singumququ isinyithi, Livithi ubhedu. |
| 28. | Utolo lwesaphetha aluyibalekisi; Ajika abe ngumququ amatye okusawula kuyo. |
| 29. | Ithi imivinqi ziindiza, Ikuhleke ukutyityimba kwenkcula. |
| 30. | Ngaphantsi kwayo ziinkamba ezitsolo; Yaneka impahla yokusizila eludakeni. |
| 31. | Iyibiliza inzulu njengembiza, Ulwandle ilwenza njengehlala loqholo. |
| 32. | Emva kwayo kukhanya indlela; Anga amanzi anzongonzongo zizimvi. |
| 33. | Ehlabathini akukho nto ifana nayo, Le yenziwayo ayaba nakuqhiphuka umbilini. |
| 34. | Ibona konke okuphakamileyo; Ingukumkani yona kwizilo zonke ezinyalasayo. |
| ← Job (41/42) → |