| ← Job (40/42) → |
| 1. | UYehova wamphendula uYobhi, wathi, |
| 2. | Wobambana noSomandla na ke umthethiswa? Umohlwayi kaThixo makakuphendule oko. |
| 3. | UYobhi wamphendula uYehova, wathi, |
| 4. | Yabona, ndiphantsi. Ndothini na ukuphendula? Ndibeka isandla sam emlonyeni wam. |
| 5. | Ndithethile kwakanye, andiyi kuphinda ndiphendule; Ndithethile kwakabini, andiyi kuphinda ndibuye ndiqhube. |
| 6. | UYehova wamphendula uYobhi, esemoyeni ovuthuzayo, wathi, |
| 7. | Khawuzibhinqise amanqe akho njengomfo; Ndiya kukubuza, undazise. |
| 8. | Kanene uya kwaphula nogwebo lwam na, Undigwebe, ukuze ube lilungisa? |
| 9. | Unengalo enjengekaThixo na, Ududume ngezwi njengaye? |
| 10. | Khawuzihombise ke ngobungangamsha nokuphakama kwakho, Wambathe indili nobungangamela. |
| 11. | Makuphalale ukuphuphuma komsindo wakho, Ulibone lonke ikratshi, uligungxule. |
| 12. | Libone lonke ikratshi, ulithobe, Ubangqule abangendawo ezindaweni zabo. |
| 13. | Baqhusheke eluthulini kunye, Ububophe ubuso babo emfihlekweni. |
| 14. | Nam ndokudumisa, Ukuba sikusindisile isandla sakho sokunene. |
| 15. | Khawuyibone imvubu endayenza yanawe: Idla utyani njengenkomo. |
| 16. | Khawubone, amandla ayo asemanqeni ayo, Nokuqina kwayo kusezinyameni zesisu sayo. |
| 17. | Igoba umsila wayo njengomsedare, Imisipha yamathanga ayo ibhijelene. |
| 18. | Amathambo ayo anjengemibholompo yobhedu, Amathambo ayo anjengemivalo yesinyithi. |
| 19. | Iyintlahlela yeendlela zikaThixo; UMenzi wayo wayinika ikrele layo. |
| 20. | Ngokuba iintaba ziyithwalela ukudla, Onke amarhamncwa asendle adlala khona. |
| 21. | Ibutha phantsi kwemitholo, Engcotyeni yeengcongolo nomgxobhozo. |
| 22. | Imitholo iyigubungela ngomthunzi wayo; Imingculuba yesihlambo iyayijikeleza. |
| 23. | Yabona, uhamba phandle umlambo, ayiphakuzeli; Ikholosile, xa kutyhobozela neYordan emlonyeni wayo. |
| 24. | Inokubanjwa na, inamehlo nje, Igqojozwe impumlo ngentsimbi yokuthiyela? |
| ← Job (40/42) → |