| ← Job (4/42) → | 
| 1. | Wasusela uElifazi wakwaTeman, wathi, | 
| 2. | Kungakudinisa na, kwakulingwa ukubhekiswa ilizwi kuwe? Engubani na onako ukuzibamba angathethi? | 
| 3. | Yabona, uthethise abaninzi, Wazomeleza izandla eziwileyo; | 
| 4. | Ukuthetha kwakho kwabaphakamisa abakhubekayo, Wawaqinisa amadolo agevegeve. | 
| 5. | Kungokunje into ize kuwe, wadinwa; Ifike kuwe, wakhwankqiswa. | 
| 6. | Ukoyika kwakho uThixo asiyinqolonci yakho na? Ithemba lakho alikukugqibelela kweendlela zakho na? | 
| 7. | Khawukhumbule, ngubani na owakha wadaka, emsulwa? Kuphi na apho ke bathi shwaka khona abathe tye? | 
| 8. | Ngokubona endibone ngako, abalima inkohlakalo, Nabahlwayela ububi, bavuna kwabona. | 
| 9. | Badaka ngokuphefumla kukaThixo, Baphela ngumoya womsindo wakhe. | 
| 10. | Ukugquma kwengonyama, nelizwi lebhavumayo, Namazinyo eengonyama ezintsha ancothukile. | 
| 11. | Ingonyama iyatshabalala ngokuswela into yokuqwenga; Amathole engonyamakazi achithakele. | 
| 12. | Ndicothelwe lilizwi, Indlebe yam yakuthabatha ukusebeza kwalo. | 
| 13. | Ezingcingangcingeni zasemibonisweni yobusuku, Bakusindwa abantu bubuthongo obukhulu, | 
| 14. | Kwandikhawulela ukunkwantya nokuthuthumela, Kwawankwantyisa amathambo am amaninzi. | 
| 15. | Kwathi phe umoya ebusweni bam, Yaba namanwele inyama yam. | 
| 16. | Wema, andayinakana imbonakalo yawo; Kwakho isimilo esithile phambi kwamehlo am; Ndeva izwi elisebezayo, lisithi, | 
| 17. | Umntu ulilungisa na ngaphezu koThixo? Uhlambululekile na umfo ngaphezu koMenzi wakhe? | 
| 18. | Yabona, akakholwa ngabakhonzi bakhe, Nezithunywa zakhe uthi zingabaphosisi; | 
| 19. | Bangabeka phi na ke abahlala ezindlwini zodaka, Abasiseko siseluthulini, Abatyunyuzwa njengamanundu? | 
| 20. | Kusa kuhlwe, beqotywa; Badake kuphele, kungekho ugqalayo. | 
| 21. | Abathi na, xa luthe lwancothulwa kubo uthambo lwentente, Bafe bengalumkanga? | 
| ← Job (4/42) → |