| ← Job (39/42) → |
| 1. | Uyalazi na ixesha lokuzala kwamagogo asemaweni, Ugqale ukuzuza kwamaxhamakazi? |
| 2. | Uyazibala na iinyanga azizalisayo, Ulazi na ixesha lokuzala kwawo? |
| 3. | Uyaguqa, azale, Akhuphe inkonyana. |
| 4. | Ayomelela amankonyana awo, akhula emathafeni, Aphuma, angabi sabuya. |
| 5. | Ngubani na olindululeyo iesile lasendle likhululekile? Iimbophelelo ze-esile elindwebileyo, ngubani na ozithukululeyo, |
| 6. | Endilimisele inkqantosi ukuba ibe yindlu yalo, Neendawo ezinetyuwa zibe likhaya lalo? |
| 7. | Liyayihleka ingxokolo yomzi, Aliyiva ingxolo yomqhubi. |
| 8. | Umfuno weentaba bubutyani balo, Lilanda lonke uhlaza. |
| 9. | Yovuma na inqu ukukukhonza, Ilale esitalini sakho? |
| 10. | Unokuyibopha na inqu emqeleni ngomqokozo wayo, Iqwakanise iintili ikulandela? |
| 11. | Wokholosa na ngayo, ngokuba emakhulu amandla ayo, Ukushiye nayo ukuxelenga kwakho? |
| 12. | Unokukholwa na kuyo, ukuba yoyigodusa imbewu yakho, Ibuthele esandeni sakho? |
| 13. | Iphiko lencinibakazi liyaphapha: Lunenceba yengwamza na ke usiba lwayo, noboya bayo? |
| 14. | Hayi bo! Iwashiya emhlabeni amaqanda ayo, Ifukamele eluthulini; |
| 15. | Ilibale ukuba unyawo lowatyumza, Nerhamncwa lasendle lowanyathela. |
| 16. | Iyawabukula amathole ayo ngathi asingawayo, Kuphalale ukuxelenga kwayo, ingaxhali. |
| 17. | Ngokuba uThixo wenze yabulibala ubulumko, Akayabela ingqondo. |
| 18. | Xesha limbi izibetha iphakame, Ilihleke ihashe nomkhweli walo. |
| 19. | Linikwa nguwe na ihashe ubukroti? Uyambathise intamo yalo ngobuyakayaka? |
| 20. | Nguwe na oliqakathisa njengenkumbi? Isandi somfutho walo siyothusa. |
| 21. | Liyagquba entilini ngamanqina, lenze amagqasi ngamandla; Liphuma likhawulele umkhosi onesikrweqe. |
| 22. | Liyakuhleka ukunkwantya; aliqhiphuki mbilini; Alijiki phambi kwekrele. |
| 23. | Urhashaza phezu kwalo umphongolo, Nentshuntshe ebengezelayo, nenkcula. |
| 24. | Ngentshakavu nangengcwangu liginya ilizwe; Alimi kwakuvuthelwa isigodlo. |
| 25. | Okuvuthela sivuthelwayo isigodlo, lisuka ngathi lithi, Ngxatsho ke! Lisezela imfazwe kwakude, Nokududuma kwabathetheli, nokufunza. |
| 26. | Intambanane iphaphazela ngengqondo yakho na, Yolule amaphiko ayo, ibheke ezantsi? |
| 27. | Kungomthetho wakho na, ukuba ixhalanga linyuke, Liyiphakamise indlu yalo, |
| 28. | Lihlale engxondorheni, lilale Etsolweni lengxondorha, nasemboniselweni? |
| 29. | Lilapho lihlola ukudla; Amehlo alo ondele kude. |
| 30. | Amathole alo afunxa igazi; Nalapho bakhona abangxwelerhiweyo, likhona nalo. |
| ← Job (39/42) → |