← Job (38/42) → |
1. | Waza uYehova wamphendula uYobhi, esemoyeni ovuthuzayo, wathi, |
2. | Ngubani na lo usitha icebo Ngokuthetha okungenakwazi? |
3. | Khawuwabhinqise njengomfo amanqe akho, Ndikubuze, undazise. |
4. | Ubuphi na wena ukuseka kwam ihlabathi? Xela, ukuba uyazi, uyaqonda. |
5. | Ngubani na omise imilinganiso yalo, ukuba uyazi? Ngubani na ololulele ulutya lokulinganisa? |
6. | Zifakwe ntwenini na izikhondo zeentsika zalo? Ngubani na owabeka ilitye lalo lembombo, |
7. | Ekumemeleleni kunye kwamakhwezi okusa, Beduma bonke oonyana bakaThixo? |
8. | Ngubani na owaluvingcelayo ulwandle ngeengcango Ekutyhobozeni kwalo, luphuma esizalweni; |
9. | Ekulwambathiseni kwam ngamafu, Ekulusongeleni ngesithokothoko; |
10. | Ndakulusikelela umda wam, Ndakumisa imivalo neengcango; |
11. | Ndathi, Fika apha, ungegqithi; Eme apha amaza akho akratshayo? |
12. | Ngemihla yakho wakha wayiwisela umthetho na intsasa, Wasazisa isifingo indawo yaso; |
13. | Ukuba sibambe amasondo ehlabathi, Bavuthululwe kulo abangendawo? |
14. | Liguquka njengodongwe lomsesane wokutywina, Zizimise ngokwazo izinto njengasesambathweni; |
15. | Abangendawo bavinjwe ukukhanya kwabo, Nengalo ephakamileyo yaphulwe. |
16. | Uye wafika na emithonjeni yolwandle? Wahambahamba ezingontsingontsini zenzonzobila? |
17. | Uwatyhilelwe na amasango okufa? Namasango ethunzi lokufa wawabona? |
18. | Ubugqalile na ububanzi behlabathi? Xela, ukuba uyakwazi oko konke. |
19. | Iphi na indlela esa ekhayeni lokukhanya, Nobumnyama iphi na indawo yabo, |
20. | Ukuba ubuse emdeni wabo, Ukuba uqonde iindlela zendlu yabo? |
21. | Uyazi kambe, ngokuba wawusewuzelwe oko Lilikhulu nenani lemihla yakho! |
22. | Ufikelele na ebuncwaneni bekhephu? Ubuncwane besichotho wabubona, |
23. | Endabuqwebela ixesha lembandezelo, Imini yokudibana nemfazwe? |
24. | Iphi na indlela yalapho kwabiwa khona ukukhanya? Yalapho luphangalaliswa khona ulophu lwasempumalanga ehlabathini? |
25. | Ngubani na ogqobhozela isiphango umjelo, Ogqobhozela umbane weendudumo indlela; |
26. | Ukuba ine ezweni elingenamntu, Entlango, apho kungekho mntu; |
27. | Ihluthise intshabalala yakwantshabalala, Intshulise uhlaza oluphumayo? |
28. | Inoyise na imvula? Ngubani na ozala amathontsi ombethe? |
29. | Uphuma umkhenkce esizalweni sikabani na? Neqabaka yasezulwini izalwa ngubani na? |
30. | Amanzi ayaqina njengelitye, Nobuso bamanzi anzongonzongo bubambene. |
31. | Unokuwabopha na amaqhina esiLimela, Uzicombulule izintya zamaKroza? |
32. | Unokuyivelisa na imilindo yeenyanga ngexesha layo, Uzalathise iinkwenkwezi zeBhere nabantwana bayo? |
33. | Uyayazi na imimiselo yezulu? Umise ulawulo lwalo ehlabathini? |
34. | Unokuliphakamisela emafini na izwi lakho, Ukuze ubuninzi bamanzi bukugubungele? |
35. | Unokuyithuma na imibane, ihambe ithi kuwe, Sikho? |
36. | Ngubani na omise ubulumko ezintsweni? Ngubani na onike imboniseli ingqondo? |
37. | Ngubani na obala iingqimba zamafu ngobulumko? Ngubani na othulula iintsuba zezulu. |
38. | Emelelweni wothuli, lube lutyhido, Amagada anamathelane? |
39. | Ingonyamakazi unokuyizingelela inyamakazi na, Uzalise iphango leengonyama ezintsha, |
40. | Xa zincathamayo ezikhundleni zazo, Zihlale ezindadeni, zilalele? |
41. | Ngubani na olungisela ihlungulu umfunzelo walo, Xa amathole alo azibika kuThixo, Ebhadu-bhadula, engenakudla? |
← Job (38/42) → |