| ← Job (36/42) → |
| 1. | Waqokela uElihu, wathi, |
| 2. | Khawenze kuhle, ndikutyele; Kuba kusekho ukuthetha okusingisele kuThixo. |
| 3. | Ndiya kukuphakamisela entweni ekude ukwazi kwam, Ndimnike ubulungisa uMenzi wam. |
| 4. | Okwenene, akubuxoki ukuthetha kwam; Ogqibeleleyo ngokwazi uphambi kwakho. |
| 5. | Yabona, uThixo unamandla, akacekisi bani; Unamandla ngokuqina kwengqondo. |
| 6. | Akamlondolozeli ebomini ongendawo; Iintsizana uzinika ibango lazo. |
| 7. | Akawasusi amehlo akhe kwabangamalungisa; Ubahlalisa kunye nookumkani etroneni Ngonaphakade, baphakame ke. |
| 8. | Ukuba bakhonkxiwe ngemixokelelwane, Bebanjiwe ngezintya zeentsizi, |
| 9. | Ubaxelela izenzo zabo Nezikreqo zabo; ngokuba bezenza amagorha. |
| 10. | Uzityhilela intethiso iindlebe zabo; Uthi mababuye ebutshingeni. |
| 11. | Ukuba bathe beva, bamkhonza, Boyigqiba imihla yabo ekulungeni, Neminyaka yabo ebumnandini. |
| 12. | Ukuba bathe abeva, bogqithela emkhontweni, Baphume umphefumlo bengenakwazi. |
| 13. | Ke abaziintshembenxa ngentliziyo babamba umsindo; Abazibiki xa abakhonkxayo; |
| 14. | Ufe ke ebuncinaneni umphefumlo wabo, Nobomi babo bube bobengÂ’awu kwindawo engcwele. |
| 15. | Uyamhlangula olusizana ngeentsizi zakhe, Ayityhile indlebe yakhe ngokuxinwa kwabo. |
| 16. | Nawe ubengakukhululayo yena emlonyeni wembandezelo, Akuse endaweni ebanzi, emzantsi ungacuthekileyo; Nokubekwa etafileni yakho kuzale kukutyeba. |
| 17. | Ke wena uzele kukugweba kwabangendawo; Ukugweba nokugwetywa kunako ukukubamba. |
| 18. | Kuba ubushushu mabungakuxhokonxeli ekutyhwakrazeni izandla, Nobukhulu bocamagusho mabungathi gu bucala. |
| 19. | Ukuzibika kwakho kokubeka ngaphandle kwembandezelo na, Nemigushanxa yonke yamandla? |
| 20. | Musa ukuzonda ubusuku Bokususa izizwe esikhundleni sazo. |
| 21. | Lumka, ungaguqukeli konobutshinga; Kuba unyule loo nto kuneentsizi. |
| 22. | Yabona, uThixo uphakamise ukwenza ngamandla akhe; Ngubani na umyali onjengaye? |
| 23. | Ngubani na omphathise indlela yakhe; Ngubani na ongathi, Wenze ngobugqwetha? |
| 24. | Khumbula ukuba uwukhulise ngendumiso umsebenzi wakhe, Awuhlabele ingoma amadoda. |
| 25. | Bonke abantu bayawubona; Umntu uwukhangela emgama. |
| 26. | Yabona, uThixo mkhulu, asimazi; Inani leminyaka yakhe aligocagoceki. |
| 27. | Kuba utsalela phantsi amathontsi amanzi, Achaphaze eyimvula enkungwini yakhe, |
| 28. | Esiyinisayo isibhakabhaka, Ivuze phezu kwabantu abaninzi. |
| 29. | Kanene baya kuqonda na ukwanekwa kwamafu, Nokuzongoma komnquba wakhe? |
| 30. | Yabona, waneka phezu kwakhe ukukhanya kwakhe, Azigubungele ngamazantsi olwandle. |
| 31. | Kuba ngezo nto ugqweba izizwe, Unika ukudla ngento eninzi. |
| 32. | Izandla zozibini uzigubungela ngombane, Awuwisele umthetho ngokochanayo. |
| 33. | Ukugquma kwakhe kuyamxela, Kwaneenkomo, ukuba uza kunyuka. |
| ← Job (36/42) → |