← Job (34/42) → |
1. | Wasusela uElihu, wathi, |
2. | Yivani, nina zilumko, ukuthetha kwam; Nina zazi, ndibekeleni indlebe. |
3. | Ngokuba indlebe iyakucikida ukuthetha, Ikhuhlangubo liyakuva ukudla. |
4. | Masizinyulele okusesikweni, Sikwazi phakathi kwethu okulungileyo. |
5. | Ngokuba uthe uYobhi, Ndililungisa, UThixo ulisusile ibango lam. |
6. | Kuthiwa ndiyaxoka, noko likhoyo ibango lam; Liyabulala inxeba lam lotolo, noko ndingenalukreqo. |
7. | Uphi na umfo onjengoYobhi, Yena ukuselayo ukugcula njengamanzi? |
8. | Athelele kubenzi bobutshinga, Ahambe namadoda angendawo? |
9. | Kuba esithi, Akancedeki umfo Ngokukholana noThixo. |
10. | Ngako oko, nina madoda okuqonda, phulaphulani kum; Makube lee kuThixo ukuba ngongendawo; KuSomandla, ukuba abe nobugqwetha, |
11. | Ke ukwenza komntu ukubuyekeza kuye, Amfumanise umfo ngokwehambo yakhe. |
12. | Hayi bo! UThixo akenzi ngokungendawo, USomandla akakugwenxi okusesikweni. |
13. | Ngubani na omphathise ihlabathi? Ngubani na omise elimiweyo lonke? |
14. | Ukuba ubebhekise kuye ngokwakhe yedwa, Wawuhlanganisela kuye umoya wakhe, nokuphefumla kwakhe, |
15. | Ibiya kuphuma umphefumlo inyama yonke kunye, Umntu abuyele eluthulini. |
16. | Wanga ungakuqonda, ungakuva oku, Ulibekele indlebe izwi lokuthetha kwam! |
17. | Kanene, othiye okusesikweni ubengaphatha ngobukhosi, yini na? Khona uSobulungisa womgweba na? |
18. | Kungathiwa na kukumkani, Tshijolondini? Nakumanene, Zintondini zingendawo? |
19. | Kangakanani na ke kongabanoneleliyo abathetheli, Onganoneleli zinongonongo ngaphezu kwabasweleyo? Kuba bangumsebenzi wezandla zakhe bona bonke. |
20. | Bafa ngephanyazo, phakathi kobusuku; Bayahexiswa abantu, badlule, Zisuswe iimbalasane kungengasandla. |
21. | Kuba amehlo akhe aphezu kweendlela zomntu, Uyawabona onke amabanga akhe. |
22. | Akukho bumnyama, akukho thunzi lakufa, Ukuba basithele kulo abenzi bobutshinga. |
23. | Ngokuba akazekeleli ukumngqinga umntu, Ukuze eze ematyaleni noThixo. |
24. | Uyabashwaqa abaziinyathi engagocagocanga, Amise ke abanye esikhundleni sabo. |
25. | Ngako oko uyazazi izenzo zabo, Ababhukuqe ebusuku, batyumke. |
26. | Uyabamonxoza ngokwabangendawo Endaweni yababoneli. |
27. | Ekungenxa yokuze kubekho oko, le nto batyekayo ekumlandeleni, Abaziqiqa zonke iindlela zakhe; |
28. | Ukuze bakufikise kuye ukukhala kosweleyo, Akuve ukukhala kweentsizana. |
29. | Akuzolisa, ngubani na oya kuxhalisa? Akusithelisa ubuso, ngubani na ongambonayo? Esenjenjalo, nokuba kungenxa yohlanga, nokuba kungenxa yomntu emnye, |
30. | Ukuze angabi ngukumkani umntu oyintshembenxa, Angabi zizirhintyelo zabantu. |
31. | Ngokuba ubani angatsho na kuThixo ukuthi, Ndiziphakamisile, andisayi kuba sona; |
32. | Endingakuboniyo, ndiyale ngako; Ukuba ndithe ndenza ngobugqwetha, andiyi kuphinda? |
33. | Uya kuphindezela ngokwakho na yena, ngokuba usolile wena? Ukuba unyule wena, kunganyuli mna. Into oyaziyo yithethe. |
34. | Aya kuthi kum amadoda aziingqondi, Nomfo osisilumko ondiphulaphulayo, |
35. | UYobhi uthetha engenakwazi, Namazwi akhe akanangqiqo. |
36. | Tarhuni, makacikidwe uTobhi kuse ekupheleni, Ngenxa yokuphendula kwakhe ngokwamadoda anobutshinga. |
37. | Kuba elongeza ukreqo kwisono sakhe; Utyhwakraza izandla phakathi kwethu, Awenze maninzi amazwi akhe ngoThixo. |
← Job (34/42) → |