Job (32/42)  

1. Ayeka loo madoda omathathu ukumphendula uYobhi; kuba ubelilungisa emehlweni akhe.
2. Wavutha umsindo kaElihu unyana kaBharakeli, wakwaBhuzi, owemizalwane yakwaRam; wavutha kuYobhi umsindo wakhe, ngenxa yokuzigwebela ngokwakhe kunoThixo.
3. Wavutha kubahlobo bakhe abathathu umsindo wakhe, ngenxa enokuba bengafumananga kumphendula, phofu bemgwebile uYobhi.
4. Ke kaloku uElihu ubesalindisile kuYobhi ngamazwi, ngokuba babebadala kunaye ngemihla.
5. Wabona uElihu, ukuba akukho mpendulo emlonyeni waloo madoda mathathu, wavutha ke umsindo wakhe.
6. Wasusela uElihu unyana kaBharakeli, wakwaBhuzi, wathi, Ndimncinane mna ngemihla, Ke nina niziingwevu; Ngenxa yoko ndakhwelela phaya, ndoyika ukunityela ukwazi kwam.
7. Ndathi, Imihla mayithethe, Iminyaka emininzi yazise ubulumko.
8. Noko ngumoya osemntwini, Nokuphefumla kukaSomandla okubaqondisayo.
9. Ukulumka akunabakhulu, Ukuqonda okufaneleyo akunamadoda makhulu odwa.
10. Ngako oko ndithi, Phulaphula kum, Ndokutyela ukwazi kwam nam.
11. Yabonani, bendiwalindile amazwi enu, Ndakubekela indlebe ukuqonda kwenu, Nada nagocagoca ukuthetha.
12. Ndanigqala kakuhle; Yabonani, akukho namnye kuni umohlwayileyo uYobhi, Wawaphendula amazwi akhe.
13. Hleze nibe nithi, Sibufumene ubulumko; UThixo uyamphephetha, asingumntu.
14. Ke akakubhekisanga kum ukuthetha; Andiyi kumphendula ngamazwi enu.
15. Baqhiphuke umbilini, abasaphenduli; Baphelelwe kukuthetha.
16. Khe ndenze kuhle na, ngokuba bengathethi, Ngokuba bemi bengasaphenduli?
17. Ndiya kuphendula nam okwam, Ndixele ukwazi kwam nam.
18. Kuba ndizele kukuthetha; Undicuthile umoya wembilini yam.
19. Niyabona, imbilini yam injengewayini engavulelwanga; Njengeentsuba ezintsha, iza kugqabhuka.
20. Ndiya kuthetha, ukuze ndiphefumle; Ndiya kuwuvula umlomo wam, ndiphendule.
21. Mandingakhe ndinonelele mntu; Ndingakhe nditeketise mntu.
22. Kuba andikwazi ukuteketisa; Ubeya kundisusa kalula uMenzi wam.

  Job (32/42)