← Job (32/42) → |
1. | Ayeka loo madoda omathathu ukumphendula uYobhi; kuba ubelilungisa emehlweni akhe. |
2. | Wavutha umsindo kaElihu unyana kaBharakeli, wakwaBhuzi, owemizalwane yakwaRam; wavutha kuYobhi umsindo wakhe, ngenxa yokuzigwebela ngokwakhe kunoThixo. |
3. | Wavutha kubahlobo bakhe abathathu umsindo wakhe, ngenxa enokuba bengafumananga kumphendula, phofu bemgwebile uYobhi. |
4. | Ke kaloku uElihu ubesalindisile kuYobhi ngamazwi, ngokuba babebadala kunaye ngemihla. |
5. | Wabona uElihu, ukuba akukho mpendulo emlonyeni waloo madoda mathathu, wavutha ke umsindo wakhe. |
6. | Wasusela uElihu unyana kaBharakeli, wakwaBhuzi, wathi, Ndimncinane mna ngemihla, Ke nina niziingwevu; Ngenxa yoko ndakhwelela phaya, ndoyika ukunityela ukwazi kwam. |
7. | Ndathi, Imihla mayithethe, Iminyaka emininzi yazise ubulumko. |
8. | Noko ngumoya osemntwini, Nokuphefumla kukaSomandla okubaqondisayo. |
9. | Ukulumka akunabakhulu, Ukuqonda okufaneleyo akunamadoda makhulu odwa. |
10. | Ngako oko ndithi, Phulaphula kum, Ndokutyela ukwazi kwam nam. |
11. | Yabonani, bendiwalindile amazwi enu, Ndakubekela indlebe ukuqonda kwenu, Nada nagocagoca ukuthetha. |
12. | Ndanigqala kakuhle; Yabonani, akukho namnye kuni umohlwayileyo uYobhi, Wawaphendula amazwi akhe. |
13. | Hleze nibe nithi, Sibufumene ubulumko; UThixo uyamphephetha, asingumntu. |
14. | Ke akakubhekisanga kum ukuthetha; Andiyi kumphendula ngamazwi enu. |
15. | Baqhiphuke umbilini, abasaphenduli; Baphelelwe kukuthetha. |
16. | Khe ndenze kuhle na, ngokuba bengathethi, Ngokuba bemi bengasaphenduli? |
17. | Ndiya kuphendula nam okwam, Ndixele ukwazi kwam nam. |
18. | Kuba ndizele kukuthetha; Undicuthile umoya wembilini yam. |
19. | Niyabona, imbilini yam injengewayini engavulelwanga; Njengeentsuba ezintsha, iza kugqabhuka. |
20. | Ndiya kuthetha, ukuze ndiphefumle; Ndiya kuwuvula umlomo wam, ndiphendule. |
21. | Mandingakhe ndinonelele mntu; Ndingakhe nditeketise mntu. |
22. | Kuba andikwazi ukuteketisa; Ubeya kundisusa kalula uMenzi wam. |
← Job (32/42) → |