| ← Job (30/42) → |
| 1. | Kungoku bayandihleka abancinane kunam ngemihla, Abayise babo ndibe ndicekisa nokubabeka nezinja zomhlambi wam. |
| 2. | Khona abengaba ngawantoni na kum amandla ezandla zabo, Abaphelelwe ngamandla? |
| 3. | Bathe ngokuswela nokulamba banqina, Abo banqabi bomqwebedu, Bobumnyama bentshabalala yakwantshabalala; |
| 4. | Abo baqhawula imbuwa ematyholweni, Abasonka siyingcambu yonwele. |
| 5. | Bayagxothwa phakathi kwabantu; Bahlatyelwa umkhosi ngathi ngamasela; |
| 6. | Bahlale ezihlanjeni ezingcangcazelisayo, Emingxunyeni yomhlaba nasemaweni. |
| 7. | Babhomboloza phakathi kwamatyholo, Bafumbalala phantsi kwamarhawu, |
| 8. | Bengoonyana bezidenge kwanoonyana babangenagama, Ababethwa bemke ezweni. |
| 9. | Kungoku ndiyingoma yabo. Ndaba kukukhuluma kwabo. |
| 10. | Ndilisikizi kubo, bakude nam; Abawanqandi amathe ebusweni bam. |
| 11. | Kuba ulucombulule uthambo lwam, wandicinezela, Bawuyeka umkhala phambi kwam. |
| 12. | Ngasekunene kuphakama ubuvuvana; Batyhala iinyawo zam, Bandifumbele umendo wabo wokusindeka. |
| 13. | Bayenza amagqagala indlela yam, Bancedisa ukweyela kwam, Abangenamncedi. |
| 14. | Ukuza kwabo ngathi bagqobhoza ithuba elibanzi eludongeni, Bagaleleka kum nokuthi golokongqo kwalo. |
| 15. | Kuguqukele kum ukukhwankqisa, Kubusukela ubunene bam njengomoya; Kudlule njengelifu ukusindiswa kwam. |
| 16. | Kungoku uziphalazela phakathi kwam umphefumlo wam; Indibambile imihla yeentsizi. |
| 17. | Ubusuku buphehla amathambo am, aqhiwuke kum; Iintlungu ezindidlayo azipheli. |
| 18. | Ngobukhulu bamandla sizenze sasisimbi isambatho sam, Sithe nca kum njengomqala wengubo yam yangaphantsi. |
| 19. | Undijulele eludakeni, Ndafana nothuli nothuthu. |
| 20. | Ndiyazibika kuwe, ungasabeli; Ndisuka ndime, undijonge. |
| 21. | Uzenza isijorha kum; Unditshutshisa ngamandla esandla sakho. |
| 22. | Undifukulela emoyeni, undikhwelisa kuwo, Undibhangise nokuzongoma kwawo. |
| 23. | Kuba ndiyazi ukuba uya kundibuyisela ekufeni, Endlwini yokuhlangana kwabaphilileyo bonke. |
| 24. | Kodwa ekuthini bhuma, umntu akoluli sandla na, Azibike ngenxa yoko elishweni lakhe? |
| 25. | Khona andimlilelanga yini na omini zinobubi? Ubungenalusizi na umphefumlo wam ngenxa yehlwempu? |
| 26. | Kuba ndathemba okulungileyo, kweza okubi; Ndalinda ukukhanya, kweza isithokothoko. |
| 27. | Amathumbu am abila, akayeka; Yandihlangabeza imihla yeentsizi. |
| 28. | Ndahamba ndinezimnyama zokuzila, akwabakho langa; Ndaphakama ebandleni, ndazibika. |
| 29. | Ndingumzalwana weempungutye, Nomlingane weenciniba. |
| 30. | Ulusu lwam luyadlubhuka kum, lumnyama. Namathambo am atshile kukoma. |
| 31. | Uhadi lwam lwaba sisijwili, Ugwali lwam lwaba lilizwi labalilayo. |
| ← Job (30/42) → |