Job (3/42)  

1. Emveni koko uYobhi wawuvula umlomo wakhe, wayiqalekisa imini yakhe.
2. Wasusela uYobhi, wathi,
3. Mayidake imini endazalwa ngayo, Nobusuku ekwathiwa, Kukhawulwe indoda.
4. Loo mini mayibe bubumnyama, Angayinyamekeli uThixo phezulu, Kungayibengezeli ukukhanya.
5. Mayikhululwe ngentlawulelo bubumnyama nethunzi lokufa, Makulale amafu phezu kwayo; Mayidandathekiswe kokungcolisa imini.
6. Obo busuku-masibubambe isithokothoko; Mabungavuyi phakathi kwemihla yomnyaka; Mabungangeni enanini leenyanga.
7. Yabona, obo busuku mabube ludlolo; Makungezi kumemelela kubo,
8. Mababuqalekise abaqalekisi bemihla, Abaxhobele ukuxhokonxa ileviyatan.
9. Mazibe mnyama iinkwenkwezi zomso wabo obomvu; Mabulinde ukufika kokukhanya, kungabikho; Bungaziboni iinkophe zesifingo;
10. Ngokuba bungazivalanga iingcango zesizalo esandizalayo, Bungabusithelisanga ububi emehlweni am.
11. Ibe iyini na ukuba ndingafeli embilinini, Ndingaphumi umphefumlo ndisavela esizalweni?
12. Kube kungani na ukuba amadolo andihlangabeze? Ibe iyini na ukuba andihlangabeze amabele, ukuze ndiwanye?
13. Kuba ngoku ngendiba ndilele, ndazola; Ngendiba ndalala ubuthongo, ndandula ukuphumla
14. Nokumkani namaphakathi elizwe, Abo bazakhelayo amanxuwa;
15. Nabathetheli abanegolide, Abazizalisayo izindlu zabo ngesilivere.
16. Ngendiba andikho, njengemvambilini eselelweyo; Njengabantwana abangabonanga kukhanya.
17. Kuba apho, abangendawo bakuyekile ukugungqa; Khona apho bayaphumla abaphelelwe ngamandla.
18. Abakhonkxiweyo bonwabile ndaweni-nye; Abasaliva izwi lomqhubi.
19. Omncinane nomkhulu-khona bayalingana; Ikhoboka likhululekile enkosini yalo.
20. Yini na ukuba abasebubini abanike ukukhanya, Nabamphefumlo ukrakra abanike ubomi?
21. Abalinde ukufa, kusuke kungabikho; buselelweyo;
22. Abavuya bade bagcobe, Babe nemihlali, xa bathe bafumanana nengcwaba?
23. Ukuba ukukhanya akunike umfo ondlela isitheleyo, Obiyelweyo nguThixo ngeenxa zonke?
24. Kuba endaweni yesonka sam kuza ukugcuma, Kuphalazeka njengamanzi ukubhonga kwam.
25. Kuba ndinkwantya kokunkwantyisayo, kwaza kwandifikela, Into endinxunguphala yiyo indizele.
26. Ndathi, ndingachulumachanga ndingazolanga, ndingaphumlanga, Kweza ke ukugungqa.

  Job (3/42)