| ← Job (26/42) → |
| 1. | Waphendula uYobhi, wathi, |
| 2. | Utheni na wena ukumnceda ongenamandla, Nokuyisindisa ingalo engenamandla? |
| 3. | Utheni na ukumcebisa ongenabulumko, Ukumazisa kunene into eyiyo? |
| 4. | Uxelele bani na ukuthetha? Kukuphefumla kukabani na okuphume kuwe? |
| 5. | Abangasekhoyo bayazibhijabhija Ngaphantsi kwamanzi, nabemi bawo. |
| 6. | Lize elabafileyo phambi kwakhe, Ayinasigubungelo inzonzobila. |
| 7. | Ulaneka izulu langasentla enyanyeni, Axhome ihlabathi phezu kokungeni. |
| 8. | Ubopha amanzi emafini akhe, Lingagqabhuki ilifu ngaphantsi kwawo. |
| 9. | Uvingca umphambili wetrone, Aneke ilifu lakhe phezu kwayo. |
| 10. | Uzunguleza ubuso bamanzi ngomda, Kuse ekupheleni kokukhanya nobumnyama. |
| 11. | Iintsika zamazulu ziyanyenganyenga, Zingakhulumi kukukhalima kwakhe. |
| 12. | Ngamandla akhe ugxobhagxobha ulwandle, Ngengqondo yakhe uqoba uRahabhi. |
| 13. | Ngomoya wakhe wenza ukuba lise izulu; Isandla sakhe sayihlaba inyoka enyebelezayo. |
| 14. | Yabona, ngamancam eendlela zakhe lawo; Iyini na ke intsebezo yelizwi esiyivayo ngaye? Ke yona indudumo yemisebenzi yobugorha bakhe ingaqondwa ngubani na? |
| ← Job (26/42) → |